UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI
Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle I-Intanethi
INGXAKI
Uva ezindabeni kuthethwa ngabantu abaxhaphazayo abasebenzisa i-Intanethi, abadlwenguli nabantu abathatha iinkcukacha zabantu ngokungekho mthethweni. Njengomzali uxhalabile, kuba kaloku umntwana wakho usoloko esebenzisa i-Intanethi yaye ubonakala engabuqondi ubungozi.
Unokukwazi ukumnceda umntwana wakho ayisebenzise kakuhle i-Intanethi. Kodwa ke, makhe sithethe kuqala ngezinto omele uzazi ngayo.
ONOKUKWENZA
Abantwana bayakwazi ukuyifumana i-Intanethi nakwiselfowuni. Usabalulekile umthetho wokuba ikhompyutha imele ibekwe kwindawo enokubonwa ngumntu wonke ekhayeni. Kodwa umntwana wakho unokungena ngokulula kwi-Intanethi esebenzisa iselfowuni okanye itablet
Abanye abantwana bahlala ixesh’ elide kwi-Intanethi. Intombazana eneminyaka eyi-19 ubudala ithi: “Ndiye ndivule ikhompyutha yam ukuze ndifunde iie-mails kangangemizuzu emihlanu, kodwa ndiphetha sendibukele iividiyo kangangeeyure. Kufuneka ndifunde ukuzibamba.”
Abantwana bayisebenzisa i-Intanethi ngaphezu kokuba bekumele kube njalo. Abantu abakhohlakeleyo bayakwazi ukuqokelela imiyalezo neefoto zabantu kwi-Intanethi ukuze bazi okuqhubeka ebomini babo, njengokuba bahlala phi, bafunda phi nokuba kunini apho behleli bodwa.
Abanye abantwana abazi ukuba izinto abazibhalayo kwi-Intanethi zinokubajikela. Oko ukufaka kwi-Intanethi kuhlala kuhleli. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba izinto ezilihlazo ezibhalwe kwi-Intanethi okanye iifoto, zibhaqwe ngumqeshi ophanda ngemvelaphi yaloo mntu ufuna umsebenzi.
Phezu kwezinto omele uzilumkele nge-Intanethi khumbula oku: I-Intanethi asilotshaba. Kodwa into efaka engxakini, kukuyisebenzisa kakubi.
ONOKUKWENZA
Mfundise umntwana wakho izinto ezimele zize kuqala nendlela yokusebenzisa ixesha. Umntwana wakho ufanele azazi izinto eziza kuqala. Ukuhlala nentsapho, ukwenza umsebenzi wesikolo nokusebenza ekhaya kubaluleke ngaphezu kokuchith’ ixesha kwi-Intanethi. Ukuba umntwana wakho usoloko ekwi-Intanethi, umele umbekele imiqathango.
Mfundise umntwana wakho ukuba acingisise ngaphambi kokuba abhale izinto kwi-Intanethi. Mncede akwazi ukuzibuza imibuzo enjengethi, Ngaba le nto ndiza kuyibhala iza kumkhathaza omnye umntu? Le foto ndiyifakayo ayizukulingcolisa na igama lam? Andizukuhlazeka na xa abazali bam nabanye abantu abadala bebona ifoto okanye endikubhalileyo kwi-Intanethi? Baza kundithatha njengomntu onjani xa bezibona ezo zinto? Bendiza kucinga ntoni mna ngomntu obhala okanye ofaka iifoto ezinjalo?
Fundisa umntwana wakho ukuba asiyomithetho kuphela ebalulekileyo
“Abantwana bayazi ukusuka nokuhlala iteknoloji kanti abazali bona bazi ngobomi”
Umzali akunyanzelekanga ukuba ayazi ukusuka nokuhlala i-Intanethi ukuze ancede umntwana, kodwa eyona nto ifunekayo kukumqeqesha ukuba ayisebenzise kakuhle. Oku kuyafana noko kwathethwa nguParry Aftab oyingcali yokusetyenziswa kwe-Intanethi ngokukhuselekileyo, esithi: “Abantwana bayazi ukusuka nokuhlala iteknoloji kanti abazali bona bazi ngobomi.”