Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle I-Intanethi

Ukunceda Abantwana Bayisebenzise Kakuhle I-Intanethi

INGXAKI

Uva ezindabeni kuthethwa ngabantu abaxhaphazayo abasebenzisa i-Intanethi, abadlwenguli nabantu abathatha iinkcukacha zabantu ngokungekho mthethweni. Njengomzali uxhalabile, kuba kaloku umntwana wakho usoloko esebenzisa i-Intanethi yaye ubonakala engabuqondi ubungozi.

Unokukwazi ukumnceda umntwana wakho ayisebenzise kakuhle i-Intanethi. Kodwa ke, makhe sithethe kuqala ngezinto omele uzazi ngayo.

ONOKUKWENZA

Abantwana bayakwazi ukuyifumana i-Intanethi nakwiselfowuni. Usabalulekile umthetho wokuba ikhompyutha imele ibekwe kwindawo enokubonwa ngumntu wonke ekhayeni. Kodwa umntwana wakho unokungena ngokulula kwi-Intanethi esebenzisa iselfowuni okanye itablet—yaye uyisebenzisa ungamboni.

Ukubakho kweengozi zemoto akuthethi kuthi kuphosakele ukuqhuba. Kunjalo ke nangokusebenzisa i-Intanethi. Umntwana wakho umele afunde ukuyisebenzisa kakuhle i-Intanethi

Abanye abantwana bahlala ixesh’ elide kwi-Intanethi. Intombazana eneminyaka eyi-19 ubudala ithi: “Ndiye ndivule ikhompyutha yam ukuze ndifunde iie-mails kangangemizuzu emihlanu, kodwa ndiphetha sendibukele iividiyo kangangeeyure. Kufuneka ndifunde ukuzibamba.”

Abantwana bayisebenzisa i-Intanethi ngaphezu kokuba bekumele kube njalo. Abantu abakhohlakeleyo bayakwazi ukuqokelela imiyalezo neefoto zabantu kwi-Intanethi ukuze bazi okuqhubeka ebomini babo, njengokuba bahlala phi, bafunda phi nokuba kunini apho behleli bodwa.

Abanye abantwana abazi ukuba izinto abazibhalayo kwi-Intanethi zinokubajikela. Oko ukufaka kwi-Intanethi kuhlala kuhleli. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba izinto ezilihlazo ezibhalwe kwi-Intanethi okanye iifoto, zibhaqwe ngumqeshi ophanda ngemvelaphi yaloo mntu ufuna umsebenzi.

Phezu kwezinto omele uzilumkele nge-Intanethi khumbula oku: I-Intanethi asilotshaba. Kodwa into efaka engxakini, kukuyisebenzisa kakubi.

 ONOKUKWENZA

Mfundise umntwana wakho izinto ezimele zize kuqala nendlela yokusebenzisa ixesha. Umntwana wakho ufanele azazi izinto eziza kuqala. Ukuhlala nentsapho, ukwenza umsebenzi wesikolo nokusebenza ekhaya kubaluleke ngaphezu kokuchith’ ixesha kwi-Intanethi. Ukuba umntwana wakho usoloko ekwi-Intanethi, umele umbekele imiqathango.Umgaqo weBhayibhile: amaFilipi 1:10.

Mfundise umntwana wakho ukuba acingisise ngaphambi kokuba abhale izinto kwi-Intanethi. Mncede akwazi ukuzibuza imibuzo enjengethi, Ngaba le nto ndiza kuyibhala iza kumkhathaza omnye umntu? Le foto ndiyifakayo ayizukulingcolisa na igama lam? Andizukuhlazeka na xa abazali bam nabanye abantu abadala bebona ifoto okanye endikubhalileyo kwi-Intanethi? Baza kundithatha njengomntu onjani xa bezibona ezo zinto? Bendiza kucinga ntoni mna ngomntu obhala okanye ofaka iifoto ezinjalo?—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 10:23.

Fundisa umntwana wakho ukuba asiyomithetho kuphela ebalulekileyokodwa kukuba aziphathe kakuhle. Awunakusoloko uthene nca nomntwana wakho ujonge oko akwenzayo. Kakade ke, eyona nto uyifunayo njengomzali ayikokulawula umntwana wakho, kodwa kukumnceda ukuba ‘asebenzise amandla akhe okuqonda ewaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.’ (Hebhere 5:14) Kunokuba ube ngqongqo kwimithetho oyimisela umntwana wakho, menze akuqonde ukubaluleka kokuba aziphathe kakuhle. Umntwana wakho ufuna ukuduma ngantoni? Eyona nto uyifunayo njengomzali kukunceda umntwana wakho enze izigqibo ezihle, enoba wena ukho okanye awukho.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 3:21.

“Abantwana bayazi ukusuka nokuhlala iteknoloji kanti abazali bona bazi ngobomi”

Umzali akunyanzelekanga ukuba ayazi ukusuka nokuhlala i-Intanethi ukuze ancede umntwana, kodwa eyona nto ifunekayo kukumqeqesha ukuba ayisebenzise kakuhle. Oku kuyafana noko kwathethwa nguParry Aftab oyingcali yokusetyenziswa kwe-Intanethi ngokukhuselekileyo, esithi: “Abantwana bayazi ukusuka nokuhlala iteknoloji kanti abazali bona bazi ngobomi.”