Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUKHULISA ABANTWANA

Fundisa Abantwana Bakho Ukuzibamba

Fundisa Abantwana Bakho Ukuzibamba

INGXAKI

Umntwana wakho oneminyaka emithandathu akazi nokuba kuthetha ukuthini ukuzibamba. Xa ebona into ayifunayo, uyifuna ngoku! Ngamany’ amaxesha ugqajukelwa ngumsindo. Mhlawumbi uyazibuza: ‘Ngaba kuqhelekile ukuba abantwana babe nje? Ngaba le yinto nje eza kugqitha, okanye ndimele ndiqalise ukumfundisa ukuzibamba?’

OKO UMELE UKWAZI

Namhlanje abantu bakujongela phantsi ukuzibamba. UGqirha uDavid Walsh uthi: “Eyona nto ibabazwayo ngoku kukuba umntu makenze unothanda. Kungakhathaliseki ukuba kutsho abantu abaphila ubomi babo ngaloo ndlela, okanye abo bafuna nje ukwenza imali, kuhlala kubabazwa ukuba umntu umele enze le nto ifunwa ligila lakhe.” *

Bafundise ukuzibamba besebancinci. Xa kwenziwa uphando olwathatha ixesha elide kubantwana abaneminyaka emine, abaphandi banika mntwana ngamnye ilekese, baza bamxelela ukuba xa enokuyigcina angayityi, angaphiwa eyesibini kuba eye wanomonde. Emva kokuba aba bantwana begqibe isikolo, kwabonakala ukuba abo bakwaziyo ukuzibamba abazitya iilekese zabo babeqhubana ngcono nabantu, bebogqitha nasezincwadini abanye.

Ukungamfundisi ukuzibamba kungamlimaza umntwana. Abaphandi bakholelwa ukuba kukho into eyenzekayo engqondweni yomntwana xa efundiswa ngeendlela ezifana nale ingasentla. UGqirha uDan Kindlon ucacisa athi: “Ukuba sihlala simnika into ayifunayo umntwana, size singamfundisi ukulinda, ukuzibamba nokumelana nesilingo, ingqondo yakhe ayizi kukufunda ukuzeyisa.” *

OKO UNOKUKWENZA

Yiba ngumzekelo. Ngaba wena uyakwazi ukuzibamba? Ngaba uye ugqajukelwe ngumsindo xa ucatshukiswa ngabanye abaqhubi, ungenelele xa kufoliwe evenkileni, okanye ubeth’ abanye emlonyeni xa nincokola? UKindlon uyibeka kanje: “Eyona ndlela ilula yokufundisa abantwana ukuzibamba, kukuba nathi aba sizibambe.”—Umgaqo weBhayibhile: Roma 12:9.

Mfundise ukuba umntu uvuna oko akuhlwayelayo. Ucinga ngeminyaka yakhe, mncede abone indlela okunokumnceda ngayo ukuzibamba. Ngokomzekelo, ukuba umntwana wakho ucatshukiswa yindlela aye waphathwa ngayo ngomnye, mfundise ukuba azibuze imibuzo enjengale: ‘Ngaba ikho into enokulungiswa ngokuziphindezela? Ngaba ikho enye indlela engcono yokwehlisa umsindo, njengokubala aye kutsho ku-10? Okanye akunakuba ngcono ukuba ahambe amshiye loo mntu umcaphukisayo?’—Umgaqo weBhayibhile: Galati 6:7.

Mkhuthaze. Mncome xa eye wazibamba. Mxelele ukuba akuzi kuhlala kulula, kodwa ukukwazi ukuzibamba kubonisa ukuba unengqondo! IBhayibhile ithi: “Unjengesixeko esityhoboziweyo, esingenaludonga, umntu ongenakuwuthintela umoya wakhe.” (IMizekeliso 25:28) Ngokwahlukileyo koko, “ozeka kade umsindo ulunge ngakumbi kunendoda enamandla.”—IMizekeliso 16:32.

Khawuziqhelanise noku. Yenza umdlalo ofana nothi “Ungenza Ntoni?” okaye “Ukhetha Eyiphi?” njalo njalo. Ncokolani ngezinto ezisenokwenzeka, nezinto anokuzenza, nitsho ukuba “zilungile” okanye “azilunganga.” Yenza imidlalo anokuyithanda: Mhlawumbi nidlale ngoonopopi, nizobe okanye nenze nantoni na enokumgcina enomdla ngoxa efunda. Eyona nto ufuna umntwana wakho ayifunde kukuba endaweni yokwenza engacinganga, kungcono azibambe.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 29:11.

Yiba nomonde. IBhayibhile ithi, “Ubudenge bubotshiwe entliziyweni yenkwenkwe.” (IMizekeliso 22:15) Ngoko ke, musa ukulindela ukuba umntwana wakho uza kufunda ukuzibamba ngokuqhwanyaza kweliso. Incwadi ethi Teach Your Children Well ithi: “Oku kuthatha ixesha, ibe kukhe kube nzima, kodwa ke imiphumo iba mihle.” Ngoko ke, musa ukunikezela. Le ncwadi iqhubeka ithi: “Umntwana ofunde ukuzibamba, uye akwazi ukwala ukutya iziyobisi ena-12 okanye ukulala nomntu ena-14.”

^ isiqe. 6 Oku kucatshulwe kwincwadi ethi No: Why Kids—of All Ages—Need to Hear It and Ways Parents Can Say It.

^ isiqe. 8 Oku kucatshulwe kwincwadi ethi Too Much of a Good Thing—Raising Children of Character in an Indulgent Age.