Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI

Xa Umntana Wakho Efuna Ukuzibulala

Xa Umntana Wakho Efuna Ukuzibulala

 Kule minyaka liya likhula inani labantwana abazibulalayo kwamanye amazwe. Kwenzeka ntoni? Ngaba umntana wakho ukhe acinge ngokuzibulala?

Kweli nqaku

 Kutheni abazali bemele balumke ngabantwana abazibulalayo?

 EUnited States ngo-2009 ukuya ku-2019, inani labantwana besikolo abakumabanga aphezulu abanedepression liye laphantse laphindaphindana kabini. Nenani labaye bazibulala liye lonyuka ngela xesha. a

 “Kule mihla abantu abasebatsha baneengxaki ezininzi . . . Ezi ngxaki ziye zabenza banezigulo eziphazamisa iimvakalelo.”—Ugqirha Vivek H Murthy. waseU.S.

 Umgaqo weBhayibhile: “Umoya ophantsi utheza amandla.”—IMizekeliso 17:22.

 Ungayazi njani ukuba umntana wakho naye ucinga ngokuzibulala?

 Cinga ngezi zinto zilandelayo.

  •   Izinto ezenzekileyo. Ngaba umntana wakho wayekhe wehlelwa yinto ebuhlungu? Mhlawumbi walahlwa ngabantu abasondeleyo kuye, wohlukana nomntu ebethandana naye, akaphumelela kwinto ethile, okanye waswelekelwa? Ukuba uyavuma, ezi zinto kusenokwenzeka zamkhathaza b ngaphezulu kunokuba ucinga.

  •   Izinto azenzayo. Ngaba umntana wakho uyekile ukuchitha ixesha nabahlobo, intsapho, okanye akasazithandi izinto ebezithanda? Ngaba uphisa ngezinto ebezithanda?

  •   Izinto azithethayo. Ngaba umntana wakho uthanda ukuthetha ngokuzibulala mhlawumbi athi, “bekubhetele noba bendinokufa.”? Ngaba ukhe athethe ngokungafuni ukuba ngumthwalo kuwe?

     Ewe kona ezinye izinto zisenokukuba ‘kukubhuda’ nje. (Yobhi 6:3) Kodwa ngamanye amaxesha kusenokwenzeka umntana wakho udinga uncedo. Ngoko sukungamhoyi umntana wakho xa ethetha ngokufuna ukufa.

 Ukuba umntana wakho uyavuma ungambuza uthi, “Ubukhe wacinga ukuyenza nini loo nto okanye njani?” Impendulo yakhe izokubonisa ukuba lungxamiseke kangakanani uncedo aludingayo.

 “Njengabazali, siyoyika ukubuza abantwana bethu imibuzo kuba sinexhala lokuva iimpendulo zabo. Kodwa ukuba bazochaza indlela abaziva ngayo kubhetele siyazi.”—USandra.

 Umgaqo weBhayibhile: “Iingcinga zentliziyo yomntu zinjengamanzi anzulu, kodwa umntu osisilumko uzitsala zinyuke.”—IMizekeliso 20:5.

 Ungenza ntoni ukuba umntana wakho ucinga ngokuzibulala?

  •   Ngomonde qonda indlela umntana wakho aziva ngayo nezinto azicingayo. Qala umbulele ngokuba ekuchazele inyani. Emva koko yithi: “Ndifuna ukuyiqonda kakuhle indlela oziva ngayo. Khandichazele kwenzeka ntoni ebomini bakho ngoku?” okanye uthi, “Ungandichazela ukuba kunjani ukuziva ngoluhlobo?”

     Mmamele kakuhle umntana wakho xa ekuphendula. Ungayijongeli phantsi indlela aziva ngayo okanye uzame ukukhawuleza “umlungise.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe nokucaphuka.”—Yakobi 1:19.

  •   Yenza icebo lokumgcina ekhuselekile. Nceda umntana wakho aphendule aze abhale ezi zinto zilandelayo:

     Izinto amele azilumkele. Uye afune ukuzibulala xa esenza ntoni okanye ecinga ngantoni?

     Izinto anokuzenza ezincedayo. Zeziphi izinto anokuzenza ezinokumnceda ahlise istres aze atshintshe indlela acinga ngayo?

     Abantu abanokumnceda. Ngaba umntana wakho unabo abantu anokuya kubo xa edinga uncedo? Isenokuba nguwe, omnye umntu omdala amthembayo, ugqirha, okanye abanye abantu abaqeqeshelwe ukunceda abantu abacinga ngokuzibulala.

    Yenza icebo lokumgcina ekhuselekile

     Umgaqo weBhayibhile: “Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele ngokuqinisekileyo.”—IMizekeliso 21:5.

  •   Hlala ulumkile. Qhubeka umjonga umntana wakho ukuba unjani naxa sele ebonakala ngathi ubhetele.

     “Xa unyana wam wayendixelela ukuba akasacingi ngokuzibulala ndandicinga ukuba le ngxaki seyidlulile. Ndandirongo. Kusenokukhawuleza kwenzeke enye into enokumenza umntu aphinde acinge ngokuzibulala.”—UDaniel.

     Nceda umntana wakho azi eyona nto ibalulekileyo ngeemvakalelo esiba nazo: Ziyadlula. Incwadi iThe Whole-Brain Child ithi: “Zifana nemozulu. Xa kunetha inetha nyhani, ibe sakuba asilumkanga xa sinokuma kuyo senze ingathi ayinethi. Kwaye siza kuba asicingi kakuhle xa sinokuthi ilanga alisobe liphinde livele.”

  •   Mkhuthaze: Mxelele ukuba uyamthanda ibe uza kumnceda. Ungade uthi, “Ndiza kwenza yonke into esemandleni am ukukunceda ude ugqithe kule nto.”

     Umgaqo weBhayibhile: “Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.”—IMizekeliso 17:17.

a Abantu abaninzi abanedepression abade bazibulale. Kodwa abaninzi bazibulala xa befikelwe zimvakalelo zayo.

b Ezi zinto zithethwa apha zinokunceda abantwana abangamantombi nabangabafana.