Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA INTSAPHO

Ungamnceda Njani Umntwana Wakho Apase Esikolweni?

Ungamnceda Njani Umntwana Wakho Apase Esikolweni?

 Umntwana wakho akasithandi isikolo, akafundi ibe akawenzi nomsebenzi wesikolo. Kwenzeka ntoni emva koko? Akapasi ibe uqalisa ukwenza izinto eziphum’ ecaleni. Ungamnceda njani umntwana wakho apase?

 Into omele uyazi

 Ukumnyanzela akuzunceda. Ukumnyanzela umntwana kungabangela abe nexhala esikolweni nasekhaya! Xa enestres, angaxoka, afihle umsebenzi wakhe wesikolo xa engapasanga, azisayinele ngokwakhe iripoti, okanye angayi esikolweni. Le nto ingabangela ingxaki enkulu.

 Ukumpha izinto kusenokungamkhuthazi ngale ndlela benicinga ngayo. Utata onguAndrew uthi: “Ukuze sikhuthaze intombi yethu, sasiye siyiphe izipho xa ipase kakuhle esikolweni, kodwa loo nto yayiyenza ihlale ilindele isipho. Xa ingapasanga, yayiphoxeka kuba ingazukufumana sipho kunokuba iphoxeke kuba ingapasanga.”

 Ukugxeka ootitshala akuzumnceda umntwana. Umntwana wakho usenokucinga ukuba akufuneki asebenze kangako ukuze apase. Usenokutyhola abanye ngeempazamo zakhe, alindele ukuba bamlungisele iingxaki zakhe. Le nto ithetha ukuba umntwana wakho akazuyazi eyona nto inokumnceda ebomini, indlela ekubaluleke ngayo ukwamkela imiphumo yezinto azenzileyo.

 Into omele uyenze

 Yilawule indlela oziva ngayo. Zama ukungathethi nomntwana wakho ngezinto zesikolo xa usacaphukile. Utata onguBrett uthi: “Mna nenkosikazi yam sincedwa kukuthetha sizolile size sibonise novelwano.”

 Umgaqo weBhayibhile: “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe nokucaphuka.”—Yakobi 1:19.

 Zama ukwazi eyona ngxaki. Ezinye izinto ezenza umntwana wakho angapasi esikolweni, kukuphathwa kakubi ngabanye abantwana, ukutshintsha izikolo, ukuba nexhala xa kuza kubhalwa, iingxaki zentsapho, ukungalali kakuhle, ukungazenzeli ixesha okanye ukungamameli kakuhle xa kufundiswa. Sukuvele ucinge ukuba umntwana wakho uyonqena.

 Umgaqo weBhayibhile: “Obonisa ukuba uyaqiqa ngento uza kuphumelela.—IMizekeliso 16:20.

 Makubekho indawo umntwana wakho aza ukufundela kuyo. Yiba nexesha olibekayo ukuze umntwana akwazi ukwenza umsebenzi wesikolo wasekhaya, akwazi nokufunda. Umntwana wakho makabe nendawo aza kukwazi ukwenza umsebenzi wasekhaya wesikolo angazukuphazanyiswa kuyo (angaphazanyiswa nayi-TV nefowuni). Amaxesha enza ngawo umsebenzi wesikolo mawabe mafutshane ukuze akwazi ukucinga kakuhle. Utata onguHector, waseJamani uthi: “Siye sifunde kancinci yonke imihla, asiqali xa sele umntwana wethu eza kubhala esikolweni.”

 Umgaqo weBhayibhile: “Yonke into inexesha layo.”—INtshumayeli 3:1.

 Mkhuthaze ukuba afunde. Xa umntwana wakho eyiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukufunda ngoku, uza kuzimisela ukufunda. Ngokomzekelo, ukukwazi ukubala kunokumnceda akwazi ukuyisebenzisa kakuhle imali.

 Umgaqo weBhayibhile: “Funa ubulumko, ufune nokuqonda. . . . Buxabise kakhulu.”—IMizekeliso 4:5, 8.

 Icebiso: Mncedise umntwana wakho xa esenza umsebenzi wesikolo, kodwa ungamenzeli. UAndrew uthi: “Intombi yethu iye ithembele kuthi, ingafuni ukuzenzela umsebenzi wesikolo.” Mfundise umntwana wakho ukuba azenzele ngokwakhe umsebenzi wesikolo.