Kubalisa UMateyu 10:1-42

  • Abapostile abayi-12 (1-4)

  • Baxelelwa izinto abamele bazenze xa beyokushumayela (5-15)

  • Abafundi baza kutshutshiswa (16-25)

  • Yoyikani uThixo, hayi abantu (26-31)

  • Akazisanga luxolo, kodwa uzise ikrele (32-39)

  • Ukwamkela abafundi bakaYesu (40-42)

10  UYesu wabiza abafundi bakhe abayi-12, wabanika igunya lokukhupha iidemon,+ nelokuphilisa zonke iintlobo zezifo nezigulo.  Nanga amagama abapostile bakhe abayi-12:+ Owokuqala, nguSimon, lo kuthiwa nguPetros+ nomntakwabo uAndreya;+ uYakobi unyana kaZebhedi nomntakwabo uYohane;+  uFilipu noBhartolomeyu;+ uTomas+ noMateyu+ umqokeleli werhafu; uYakobi unyana ka-Alfeyu; noTadeyu;  uSimon okhutheleyo; noYudas Skariyoti, lowo wamjikelayo.+  UYesu wathuma la madoda ayi-12, waza wawayalela esithi:+ “Ze ningahambi ngendlela eya kummandla weentlanga, ningangeni nakwesiphi na isixeko samaSamariya;+  kodwa qhubekani nisiya kwizimvu* ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.+  Njengokuba nihamba, shumayelani nithi: ‘Sele buza kufika uBukumkani bamazulu.’+  Philisani abagulayo,+ vusani abafileyo, philisani abaneqhenqa, nikhuphe needemon. Sanukubhatalisa mntu, kuba nani anibhatalanga.  Sanukuphatha golide okanye silivere okanye kopolo kwiibhegi zenu zasesinqeni,+ 10  ningaphathi bhegi yomphako, okanye impahla yokutshintsha, okanye iimbadada, okanye intonga,+ kuba umntu osebenzayo ufanele anikwe ukutya.+ 11  “Nakusiphi na isixeko okanye ilali eningena kuyo, khangelani umntu ofanelekayo, nihlale kwakhe de nimke kuloo ndawo.+ 12  Xa ningena emzini, bulisani. 13  Ukuba abantu abakuloo ndlu bayafaneleka, uxolo enibanqwenelela lona mabalufumane;+ kodwa ukuba abafaneleki, uxolo lwenu malubuyele kuni. 14  Nanini na kukho umntu onganamkeliyo okanye onganimameliyo, ze nithi nakuphuma kuloo mzi okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu.+ 15  Ndiyaniqinisekisa ukuba, eso sixeko siza kohlwaywa ngaphezu kwelizwe laseSodom nelaseGomora+ ngeMini Yomgwebo. 16  “Jongani ke! Ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka; ngoko lumkani njengeenyoka, kodwa nibe msulwa njengamahobe.+ 17  Ze nilumke, kuba abantu baza kunisa ezinkundleni,+ banibethe kanobom+ kwizindlu abakhonzela kuzo.*+ 18  Ibe niza kumiswa phambi kwabalawuli nookumkani+ ngenxa yam. Niza kutsho nikwazi ukushumayela ngam kubo nakwiintlanga.+ 19  Kodwa ke, xa benisa ezinkundleni, ningabi naxhala lokuba niza kuthini, kuba niza kuyinikwa ngelo xesha into emaniyithethe;+ 20  kuba akuzukuthetha nina kuphela, kodwa ngumoya kaTata wenu oza kuthetha esebenzisa nina.+ 21  Enye into, umntu uza kubulalisa umntakwabo, utata abulalise umntwana wakhe, nabantwana bajikele abazali babo baze bababulalise.+ 22  Niza kucatshukelwa ngumntu wonke ngenxa yegama lam,+ kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uza kusindiswa.+ 23  Xa benitshutshisa kwesinye isixeko, balekelani kwesinye;+ kuba ndiyaniqinisekisa ukuba, uNyana womntu uza kuza ngaphambi kokuba niwugqibe umsebenzi wenu kwizixeko zakwaSirayeli. 24  “Umfundi akakho ngaphezu komfundisi wakhe, nekhoboka alikho ngaphezu kwenkosi yalo.+ 25  Makaneliseke umfundi kukuphathwa njengomfundisi wakhe, nekhoboka njengenkosi yalo.+ Ukuba abantu babize umninimzi ngokuba nguBhelezebhubhe,*+ kobeka phi ke ngabo bendlu yakhe? 26  Ngoko ke sanukuboyika, kuba akukho nto igqunyiweyo ingazukutyhilwa, kungekho nanto iyimfihlo ingazukwaziwa.+ 27  Izinto endinixelela zona emfihlekweni, zithetheni ekuhleni, nezinto eniziva zisetyezwa, nishumayele ngazo niphezu kwezindlu.+ 28  Ningaboyiki abo babulala umzimba kodwa bengakwazi ukubulala umphefumlo;*+ kodwa yoyikani lowo ukwaziyo ukuzitshabalalisa zombini, umphefumlo nomzimba eGehena.*+ 29  Iintaka ezincinci ezimbini zithengiswa ngemali encinci,* andithi? Kodwa akukho nenye ewayo, uTata wenu engayazi loo nto.+ 30  Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibalwe zonke. 31  Ngoko ke sanukoyika; nixabiseke ngaphezulu lee kunezo ntaka.+ 32  “Wonke umntu ondivumayo phambi kwabantu,+ nam ndiza kumvuma phambi koTata osemazulwini.+ 33  Kodwa nabani na ondiphikayo phambi kwabantu, nam ndiza kumphika phambi koTata osemazulwini.+ 34  Sanukucinga ukuba ndizise uxolo emhlabeni; andizisanga luxolo, ndizise ikrele.+ 35  Kuba ndize kwahlukanisa indoda notata wayo, intombi nomama wayo, umolokazana nomazala.+ 36  Lilonke, iintshaba zomntu ziza kuba ngabantu bendlu yakhe. 37  Nabani na othanda utata okanye umama wakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga; nabani na othanda unyana okanye intombi yakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga.+ 38  Nabani na ongasamkeliyo isibonda sakhe sokungcungcutheka* aze andilandele, akandifanelanga.+ 39  Nabani na osindisa ubomi bakhe uza kulahlekelwa bubo, nalowo ulahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, uza kuphinda abufumane.+ 40  “Nabani na onamkelayo wamkela nam, yaye nabani na ondamkelayo wamkela naLowo undithumileyo.+ 41  Nabani na owamkela umprofeti kuba engumprofeti uza kufumana umvuzo womprofeti,+ nalowo wamkela ilungisa kuba lililungisa uza kufumana umvuzo welungisa. 42  Nabani na onika omnye waba bancinci amanzi okusela kuba engumfundi wam, ndiyaniqinisekisa ukuba uza kuwufumana umvuzo wakhe.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwiigusha.”
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Oku kubhekisela kuSathana, oyinkosi, okanye umlawuli weedemon.
Okanye “ubomi,” oko kukuthi, ithemba lokuphila.
Ngokoqobo, “ngeassarion.” Funda Isihlomelo B14.
Okanye “isibonda sakhe sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.