Kubalisa UMateyu 28:1-20

  • UYesu uvusiwe (1-10)

  • Kunyotywa amajoni ukuze axoke (11-15)

  • Bathunywa ukuba bayokwenza abafundi (16-20)

28  Emva kweSabatha, xa kwakuqalisa ukukhanya ngosuku lokuqala lweveki, uMariya Magadala nomnye uMariya beza kubona ingcwaba.+  Kwasuka kwabakho inyikima enkulu, kwehla ingelosi kaYehova* ezulwini, yaqengqa ilitye lasuka, yaza yahlala phezu kwalo.+  Yayibonakala ngathi ngumbane, inxibe iimpahla ezimhlophe qhwa okwekhephu.+  Abalindi boyika kangangokuba abakwazi nokushukuma, oku kwabantu abafileyo.  Kodwa le ngelosi yathi kwabo bafazi: “Sanukoyika, kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe esibondeni.+  Akekho apha, uvusiwe, njengokuba wayetshilo.+ Yizani, nizokubona indawo ebelele kuyo.  Khawulezani niyokuxelela abafundi bakhe ukuba uvusiwe ekufeni. Sele ephambili, uya eGalili,+ niza kumfumana apho. Bendizokunixelela loo nto.”+  Bemka ngoko nangoko ngasengcwabeni, besoyika kodwa bevuya kakhulu, babaleka bayokuxelela abafundi bakaYesu.+  UYesu weza kubo, wathi: “Molweni!” Basondela kuye, bambamba ezinyaweni baza baqubuda kuye. 10  UYesu wathi kubo: “Sanukoyika! Hambani niyokuxelela abazalwana bam ukuba baye eGalili, baza kudibana nam apho.” 11  Bathi xa behamba, abanye oonogada+ baya esixekweni bayokuchazela ababingeleli abaziintloko yonke into eyenzekileyo. 12  Aba babingeleli baya kuthetha nabadala baza emva koko banika aba nogada isixa samaqhosha esilivere, 13  baza bathi: “Yithini, ‘Abafundi bakhe beze ebusuku bafika bamba silele.’+ 14  Ukuba le nto iye yafika ezindlebeni zomlawuli, siza kumcacisela ukuba kwenzeke ntoni, sanukuba naxhala.” 15  Ngoko awathatha amaqhosha esilivere aza enza njengokuba eyalelwe, laza elo bali lasasazeka kuwo onke amaYuda de kube namhlanje. 16  Abafundi bakaYesu abayi-11 baya eGalili+ kwintaba uYesu awayethe baza kudibana kuyo.+ 17  Bathi bakumbona baqubuda, kodwa abanye babethandabuza. 18  UYesu weza kubo, wathetha nabo, esithi: “Ndinikwe lonke igunya ezulwini nasemhlabeni.+ 19  Ngoko ke, hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke,+ nibabhaptize+ egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele, 20  nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona.+ Ibe jongani! Ndikunye nani yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.”*+

Umbhalo osemazantsi