Kubalisa UMateyu 4:1-25

  • UMtyholi uhenda uYesu (1-11)

  • UYesu uqalisa ukushumayela eGalili (12-17)

  • Kubizwa abafundi bokuqala (18-22)

  • UYesu uyashumayela, afundise aze aphilise (23-25)

4  Emva koko uYesu waqhutyelwa entlango ngumoya kaThixo, waza wahendwa+ nguMtyholi,+  emva kokuba ezile ukutya iintsuku eziyi-40, imini nobusuku, walamba.  UMtyholi+ weza kuye wathi: “Ukuba ungunyana kaThixo, yithi kula matye mawabe zizonka.”  Kodwa uYesu wathi: “Kubhaliwe kwathiwa: ‘Umntu akamele aphile ngokutya kuphela, kodwa umele aphile nangawo onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova.’”*+  Emva koko uMtyholi wamthatha wamsa esixekweni esingcwele,+ wammisa kweyona ndawo iphakamileyo etempileni,+  wathi kuye: “Ukuba ungunyana kaThixo, ziphose ezantsi, kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Uza kuyalela iingelosi zakhe ukuba zikuthwale ngezandla, ukuze unyawo lwakho lungabetheki elityeni.’”+  UYesu wathi kuye: “Kwakhona, kubhaliwe kwathiwa: ‘Uze ungamlingi uYehova* uThixo wakho.’”+  Waphinda uMtyholi wamsa kwintaba ephakame ngokungaqhelekanga, wambonisa onke amazwe ehlabathi nobutyebi bawo.+  Wathi kuye: “Ndingakunika zonke ezi zinto ukuba ungaqubuda kum undikhonze nje kube kanye.” 10  UYesu wathi kuye: “Hamb’ apha Sathana! Kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Umele ukhonze uYehova* uThixo wakho kuphela,+ ukhonze yena yedwa.’”+ 11  Wemka ke uMtyholi,+ zaza iingelosi zeza zamnceda.+ 12  Uthe uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe,+ wahamba waya kummandla waseGalili.+ 13  Emva kwexesha, wemka eNazarete wayokuhlala eKapernahum+ kufutshane naselwandle, kwingingqi yakwaZebhulon nakwaNafetali, 14  ukuze kwenzeke into eyathethwa ngumprofeti uIsaya, esithi: 15  “Owu lizwe lakwaZebhulon nawe lizwe lakwaNafetali, nina eningakwindlela eya elwandle, ngaphesheya kweYordan, kwiGalili yeentlanga! 16  Abantu abahleli ebumnyameni, babone ukukhanya okuqaqambe kakhulu,+ nabo bahleli kwingingqi yethunzi lokufa, bakhanyiselwe.”+ 17  Ukususela ngelo xesha ukuya phambili uYesu wayeshumayela esithi: “Guqukani, kuba sele buza kufika uBukumkani bamazulu.”+ 18  Wathi uYesu ehamba ngakuLwandle LwaseGalili, wabona uSimon obizwa ngokuba nguPetros+ nomntakwabo ­uAndreya, bephosa umnatha wokuloba elwandle, kuba babengabalobi.+ 19  Wathi kubo: “Ndilandeleni, ndiza kunenza abalobi babantu.”+ 20  Bayishiya ngoko nangoko iminatha yabo, bamlandela.+ 21  Xa esuka apho, wabona uYakobi unyana kaZebhedi nomntakwabo uYohane+ besesikhepheni notata wabo uZebhedi, belungisa iminatha yabo, waza wababiza.+ 22  Basishiya ngoko nangoko isikhephe sabo, beshiya notata wabo, bamlandela. 23  Emva koko wayihamba yonke iGalili,+ efundisa kwizindlu awayekhonzela kuzo amaYuda,*+ eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, ephilisa zonke iintlobo zezifo nezigulo abantu ababenazo.+ 24  Abantu babethetha ngaye kuwo wonke ummandla waseSiriya, bazisa kuye bonke abantu abanezifo neentlungu,+ abaneedemon,+ abaxhuzulayo+ nabafe imizimba, waza wabaphilisa. 25  Ngenxa yaloo nto, walandelwa ngabantu abaninzi bevela eGalili, eDekapoli,* eYerusalem, kwaYuda nakwiindawo eziphesheya kweYordan.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “kuMmandla Wezixeko Ezilishumi.”