Kubalisa UMateyu 22:1-46

  • Umzekelo wetheko lomtshato (1-14)

  • UThixo noKesare (15-22)

  • Kubuzwa ngovuko (23-33)

  • Imiyalelo emibini eyeyona ibalulekileyo (34-40)

  • UKristu ngunyana kaDavide na? (41-46)

22  Waphinda uYesu wabenzela eminye imizekelo, esithi:  “UBukumkani bamazulu bungafaniswa nokumkani owenzela unyana wakhe itheko+ lomtshato.  Lo kumkani wathuma amakhoboka akhe ukuba ayokubiza abo bamenyiweyo kwitheko lomtshato, kodwa abazange bafune ukuza.+  Waphinda wathuma amanye amakhoboka, esithi, ‘Yithini kwabo bamenyiweyo: “Jongani! Ndilungise isidlo, ndixhele iinkunzi zeenkomo nezona zilwanyana zityebileyo, yonke into sele ilungile. Yizani ke kwitheko lomtshato.”’  Kodwa abazange bayihoye loo nto, bemka, omnye waya kwintsimi yakhe, omnye waya kwishishini lakhe;+  kodwa bonke abanye, bawabamba amakhoboka akhe, bawaphatha kakubi baza bawabulala.  “Ukumkani wacaphuka, wathumela amajoni akhe, wababulala abo babulali waza wasitshisa nesixeko sabo.+  Emva koko wathi kumakhoboka akhe, ‘Itheko selilungile, kodwa abo bebemenyiwe bebengafanelekanga.+  Ngoko ke, yiyani ezindleleni eziphumayo esixekweni, nize nimeme nabani na enimbonayo.’+ 10  Ahamba ke loo makhoboka aya ezindleleni, amema wonke umntu awayembona, olungileyo nongalunganga; yagcwala qhu indlu ngabantu ababemenywe kwelo theko.* 11  “Xa ukumkani weza kujonga iindwendwe, wabona umntu owayengayinxibanga impahla enxitywa emtshatweni. 12  Ngoko wathi kuye, ‘Mfondini, ungene njani apha ungayinxibanga impahla enxitywa emtshatweni?’ Akazange akwazi ukuphendula. 13  Emva koko, ukumkani wathi kubasebenzi bakhe, ‘Mbopheni izandla neenyawo nize nimphose phandle ebumnyameni. Apho uza kukhala, angcungcutheke.’* 14  “Kuba baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abakhethiweyo.” 15  Ngoko abaFarisi bahamba bayokuceba indlela yokumbambisa ngezinto azithethayo.+ 16  Bathumela abafundi babo neqela labalandeli bakaHerode,+ besithi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthetha inyani ibe ufundisa inyani ngoThixo, awuzicengezeli mntwini kuba awukhethi buso. 17  Ngoko ke, khawutsho, kusemthethweni* na ukubhatala irhafu* kuKesare?” 18  Kodwa uYesu, ebazi ukuba abalunganga, wathi kubo: “Kutheni nindilinga nje, bahanahanisindini?* 19  Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.” Bamzisela idenariyo.* 20  Wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso nalo mbhalo?” 21  Bathi: “NgokaKesare.” Wathi kubo: “Ngoko ke, buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”+ 22  Bakuyiva loo nto, bamangaliswa, bamyeka baza bamshiya. 23  Ngaloo mini abaSadusi ababesithi alukho uvuko+ beza kuye, bathi:+ 24  “Mfundisi, uMoses wathi: ‘Ukuba umntu ufa engenabantwana, umntakwabo umele atshate umfazi wakhe aze azalele umntakwabo abantwana.’+ 25  Kwakukho phakathi kwethu abantwana bomntu omnye abasixhenxe. Owokuqala watshata, wasweleka engenabantwana, umfazi wakhe watshatwa ngumntakwabo. 26  Kwenzeka loo nto nakowesibini nakowesithathu, ukuya kutsho kowesixhenxe. 27  Ekugqibeleni, naloo mfazi wasweleka. 28  Uza kuba ngumfazi kabani ke kwaba basixhenxe xa kuvuswa abafileyo? Kuba wayengumfazi wabo bonke.” 29  UYesu wabaphendula wathi: “Niyaphazama, kuba anizazi iZibhalo ningawazi namandla kaThixo;+ 30  ngexesha lokuvuswa kwabantu ekufeni, amadoda awazukutshata nabafazi abazukutshatiswa, kodwa baza kuba njengeengelosi zezulu.+ 31  Anizange nifunde na ukuba uThixo wathi kuni ngokuvuswa kwabafileyo: 32  ‘NdinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake noThixo kaYakobi’?+ AkangoThixo wabafileyo, kodwa ngowabaphilayo.”+ 33  Bathi bakuyiva loo nto abantu ababelapho, bamangaliswa zizinto awayezifundisa.+ 34  Bathe abaFarisi bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo abaSadusi, badibana beza kuye. 35  Emlinga, omnye wabo owayewazi kakuhle uMthetho, wambuza wathi: 36  “Mfundisi, nguwuphi owona myalelo ubalulekileyo eMthethweni?”+ 37  Wathi kuye: “‘Umele umthande uYehova* uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo* wakho wonke nangengqondo yakho yonke.’+ 38  Lo ngumyalelo wokuqala nowona ubalulekileyo. 39  Nanku owesibini onjengalo: ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’+ 40  Wonke uMthetho nezinto ezazithethwa ngabaProfeti zixhomekeke kule miyalelo mibini.”+ 41  Ngoxa abaFarisi babeselapho, uYesu wababuza wathi:+ 42  “Nicinga ukuba ungubani uKristu? Ngunyana kabani?” Bathi: “Ngunyana kaDavide.”+ 43  Wathi kubo: “Kwenzeka njani ke ukuba uDavide, eqhutywa ngumoya oyingcwele,+ ambize Nkosi, esithi, 44  ‘UYehova* wathi eNkosini yam: “Hlala ngasekunene kwam de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho”’?+ 45  Ukuba uDavide uthi Nkosi xa embiza, unguye njani ke unyana wakhe?”+ 46  Akuzange kubekho mntu ukwaziyo ukumphendula, ibe ukususela ngaloo mini, akukho nomnye owaba nesibindi sokuphinda ambuze nto.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngabo babesitya etafileni.”
Ngokoqobo, “atshixizise amazinyo.”
Okanye “Kufanelekile.”
Kubonakala ukuba le yirhafu eyayibhatalwa ngumntu ngamnye.
Oko kukuthi, abantu abazenza amalungisa bengengawo.