Kubalisa UMateyu 20:1-34
20 “Ngoko uBukumkani bamazulu bufana nomninimzi owahamba ekuseni eyokuqesha abantu bokusebenza kwintsimi yakhe yeediliya.+
2 Emva kokuba bevumelene ukuba uza kubabhatala idenariyo* ngosuku, wabathumela kuloo ntsimi.
3 Waphinda waphuma malunga nentsimbi yesithoba kusasa,* wabona abanye bemi kwindawo ekuthengiswa kuyo, bedinga umsebenzi;
4 wathi kubo, ‘Nani yiyani kwintsimi yam yeediliya, yaye ndiza kunibhatala nantoni na enifaneleyo.’
5 Bahamba ke abo bantu. Waphinda waphuma malunga nentsimbi ka-12 emini* nangeyesithathu emva kwemini* eyokuqesha abanye abantu.
6 Emalanga waphinda waphuma, malunga nentsimbi yesihlanu emva kwemini,* wafika kukho abanye abantu apho, wathi kubo, ‘Kutheni nimi apha imini yonke ningasebenzi?’
7 Bathi kuye, ‘Kuba akukho mntu usiqeshileyo.’ Wathi kubo, ‘Nani yiyani kwintsimi yam yeediliya.’
8 “Kwathi kwakuhlwa, umnikazi wentsimi wathi kwindoda ephetheyo, ‘Biza abasebenzi, ubabhatale,+ uqale ngabafike mva uze ugqibele ngabafike kuqala.’
9 Beza ke abo babeqeshwe ngentsimbi yesihlanu emva kwemini,* ngamnye wabhatalwa idenariyo.*
10 Beza nabo babeqeshwe kuqala, becinga ukuba baza kubhatalwa ngaphezu kwabanye, kodwa nabo babhatalwa idenariyo.*
11 Bathi bakuyifumana, bakhalaza kumninimzi
12 besithi, ‘La madoda afike mva asebenze iyure nje enye; kodwa abhatalwe imali elingana neyethu, kanti thina sisebenze nzima imini yonke sitshiswa lilanga!’
13 Kodwa wamphendula omnye wabo wathi, ‘Mfondini, andikuqhathanga nganto. Andithi besivumelene ngedenariyo?*+
14 Thatha umvuzo wakho, uhambe. Ndifuna ukubanika umvuzo ofana nowakho naba bafike mva.
15 Andinalungelo lokwenza into endiyithandayo na ngezinto zam? Okanye unomona* kuba ndilungile?’*+
16 Ngale ndlela, abo bokugqibela baya kuba ngabokuqala, baze abo bokuqala babe ngabokugqibela.”+
17 Bathi xa benyuka besiya eYerusalem, uYesu wabizela abafundi bakhe abayi-12 ecaleni, wathi kubo:+
18 “Jongani! Ngoku siya eYerusalem, ibe uNyana womntu uza kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nababhali. Baza kuwisa isigwebo sokuba makabulawe,+
19 bamnikele kubantu beentlanga ukuze bahlekise ngaye, bamkatse kanobom, bambulalele esibondeni;+ aze avuswe ngosuku lwesithathu.”+
20 Emva koko, kweza kuYesu umfazi kaZebhedi ehamba noonyana bakhe,+ wafika waqubuda kuye enesicelo.+
21 UYesu wathi kuye: “Ufuna ntoni?” Wathi yena: “Ndicela ukuba aba nyana bam babini bahlale ecaleni kwakho xa unguKumkani, omnye ngasekunene, omnye ngasekhohlo.”+
22 UYesu wathi: “Aniyazi le nto niyicelayo. Ningakwazi na ukusela kwindebe endiza kusela kuyo?”+ Bathi kuye: “Ewe singakwazi.”
23 Wathi kubo: “Kakade niza kusela kwindebe endiza kusela kuyo,+ kodwa ayindim ogqibayo ukuba ngubani ohlala ekunene okanye ekhohlo kwam; kuza kuhlala abo balungiselelwe nguTata.”+
24 Bathi bakuyiva loo nto abanye abafundi abalishumi, yabacaphukisa kakhulu le nto yenziwe ngaba babini.+
25 Kodwa uYesu wababizela kuye waza wathi: “Niyazi ukuba abalawuli beentlanga babatsalisa nzima abantu, ibe babalawula ngegqudu.+
26 Mayingenzeki loo nto phakathi kwenu;+ kodwa nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu mayibe nguye osebenzela abanye,+
27 yaye nabani na ofuna ukuba ngoyena uphambili phakathi kwenu, makabe likhoboka lenu.+
28 Kuba noNyana womntu akezanga ukuze asetyenzelwe, kodwa uzele ukuba ibe nguye osebenzayo,+ aze anikele ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.”+
29 Njengoko babephuma eYeriko, walandelwa ngabantu abaninzi.
30 Kwakukho amadoda amabini angaboniyo awayahleli ecaleni kwendlela. Athi akuva ukuba uYesu udlula ngendlela, akhwaza esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”+
31 Kodwa aba bantu babelandela uYesu bawangxolisa besithi mawathi cwaka; kodwa akhwaza kakhulu, esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”
32 Ngoko uYesu wema, wawabiza waza wathi kuwo: “Nifuna ndinenzele ntoni?”
33 Athi: “Nkosi, sicela usivule amehlo.”
34 Enosizi, uYesu wawabamba emehlweni,+ abona ngoko nangoko, aza amlandela.
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Isihlomelo B14.
^ Ngokoqobo, “malunga neyure yesithathu.”
^ Ngokoqobo, “malunga neyure yesithandathu.”
^ Ngokoqobo, “malunga neyure yesithoba.”
^ Ngokoqobo, “malunga neyure ye-11.”
^ Ngokoqobo, “ngeyure ye-11.”
^ Funda Isihlomelo B14.
^ Funda Isihlomelo B14.
^ Funda Isihlomelo B14.
^ Ngokoqobo, “unentliziyo embi.”
^ Okanye “ndinobubele.”