Kubalisa UMateyu 20:1-34

  • Abasebenzi kwintsimi yeediliya nomvuzo olinganayo (1-16)

  • Kuphinda kuprofetwe ngokufa kukaYesu (17-19)

  • Bacelelwa izikhundla eBukumkanini (20-28)

    • UYesu uhlawulela abantu abaninzi (28)

  • Kuphiliswa amadoda amabini angaboniyo (29-34)

20  “Ngoko uBukumkani bamazulu bufana nomninimzi owahamba ekuseni eyokuqesha abantu bokusebenza kwintsimi yakhe yeediliya.+  Emva kokuba bevumelene ukuba uza kubabhatala idenariyo* ngosuku, wabathumela kuloo ntsimi.  Waphinda waphuma malunga nentsimbi yesithoba kusasa,* wabona abanye bemi kwindawo ekuthengiswa kuyo, bedinga umsebenzi;  wathi kubo, ‘Nani yiyani kwintsimi yam yeediliya, yaye ndiza kunibhatala nantoni na enifaneleyo.’  Bahamba ke abo bantu. Waphinda waphuma malunga nentsimbi ka-12 emini* nangeyesithathu emva kwemini* eyokuqesha abanye abantu.  Emalanga waphinda waphuma, malunga nentsimbi yesihlanu emva kwemini,* wafika kukho abanye abantu apho, wathi kubo, ‘Kutheni nimi apha imini yonke ningasebenzi?’  Bathi kuye, ‘Kuba akukho mntu usiqeshileyo.’ Wathi kubo, ‘Nani yiyani kwintsimi yam yeediliya.’  “Kwathi kwakuhlwa, umnikazi wentsimi wathi kwindoda ephetheyo, ‘Biza abasebenzi, ubabhatale,+ uqale ngabafike mva uze ugqibele ngabafike kuqala.’  Beza ke abo babeqeshwe ngentsimbi yesihlanu emva kwemini,* ngamnye wabhatalwa idenariyo.* 10  Beza nabo babeqeshwe kuqala, becinga ukuba baza kubhatalwa ngaphezu kwabanye, kodwa nabo babhatalwa idenariyo.* 11  Bathi bakuyifumana, bakhalaza kumninimzi 12  besithi, ‘La madoda afike mva asebenze iyure nje enye; kodwa abhatalwe imali elingana neyethu, kanti thina sisebenze nzima imini yonke sitshiswa lilanga!’ 13  Kodwa wamphendula omnye wabo wathi, ‘Mfondini, andikuqhathanga nganto. Andithi besivumelene ngedenariyo?*+ 14  Thatha umvuzo wakho, uhambe. Ndifuna ukubanika umvuzo ofana nowakho naba bafike mva. 15  Andinalungelo lokwenza into endiyithandayo na ngezinto zam? Okanye unomona* kuba ndilungile?’*+ 16  Ngale ndlela, abo bokugqibela baya kuba ngabokuqala, baze abo bokuqala babe ngabokugqibela.”+ 17  Bathi xa benyuka besiya eYerusalem, uYesu wabizela abafundi bakhe abayi-12 ecaleni, wathi kubo:+ 18  “Jongani! Ngoku siya eYerusalem, ibe uNyana womntu uza kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nababhali. Baza kuwisa isigwebo sokuba makabulawe,+ 19  bamnikele kubantu beentlanga ukuze bahlekise ngaye, bamkatse kanobom, bambulalele esibondeni;+ aze avuswe ngosuku lwesithathu.”+ 20  Emva koko, kweza kuYesu umfazi kaZebhedi ehamba noonyana bakhe,+ wafika waqubuda kuye enesicelo.+ 21  UYesu wathi kuye: “Ufuna ntoni?” Wathi yena: “Ndicela ukuba aba nyana bam babini bahlale ecaleni kwakho xa unguKumkani, omnye ngasekunene, omnye ngasekhohlo.”+ 22  UYesu wathi: “Aniyazi le nto niyicelayo. Ningakwazi na ukusela kwindebe endiza kusela kuyo?”+ Bathi kuye: “Ewe singakwazi.” 23  Wathi kubo: “Kakade niza kusela kwindebe endiza kusela kuyo,+ kodwa ayindim ogqibayo ukuba ngubani ohlala ekunene okanye ekhohlo kwam; kuza kuhlala abo balungiselelwe nguTata.”+ 24  Bathi bakuyiva loo nto abanye abafundi abalishumi, yabacaphukisa kakhulu le nto yenziwe ngaba babini.+ 25  Kodwa uYesu wababizela kuye waza wathi: “Niyazi ukuba abalawuli beentlanga babatsalisa nzima abantu, ibe babalawula ngegqudu.+ 26  Mayingenzeki loo nto phakathi kwenu;+ kodwa nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu mayibe nguye osebenzela abanye,+ 27  yaye nabani na ofuna ukuba ngoyena uphambili phakathi kwenu, makabe likhoboka lenu.+ 28  Kuba noNyana womntu akezanga ukuze asetyenzelwe, kodwa uzele ukuba ibe nguye osebenzayo,+ aze anikele ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.”+ 29  Njengoko babephuma eYeriko, walandelwa ngabantu abaninzi. 30  Kwakukho amadoda amabini angaboniyo awayahleli ecaleni kwendlela. Athi akuva ukuba uYesu udlula ngendlela, akhwaza esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”+ 31  Kodwa aba bantu babelandela uYesu bawangxolisa besithi mawathi cwaka; kodwa akhwaza kakhulu, esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!” 32  Ngoko uYesu wema, wawabiza waza wathi kuwo: “Nifuna ndinenzele ntoni?” 33  Athi: “Nkosi, sicela usivule amehlo.” 34  Enosizi, uYesu wawabamba emehlweni,+ abona ngoko nangoko, aza amlandela.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “malunga neyure yesithathu.”
Ngokoqobo, “malunga neyure yesithandathu.”
Ngokoqobo, “malunga neyure yesithoba.”
Ngokoqobo, “malunga neyure ye-11.”
Ngokoqobo, “ngeyure ye-11.”
Ngokoqobo, “unentliziyo embi.”
Okanye “ndinobubele.”