IZenzo Zabapostile 4:1-37

  • UPetros noYohane bayabanjwa (1-4)

    • Abantu abakholwayo ngoku ngamadoda ayi-5 000 (4)

  • Kuxoxwa ityala kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda (5-22)

    • “Asinakuyeka ukuthetha” (20)

  • Bathandazela ukuba nesibindi (23-31)

  • Abafundi bakaYesu bohlulelana ngezinto (32-37)

4  Ngoxa aba babini babesathetha nabantu, ababingeleli, umphathi wetempile nabaSadusi+ beza kubo.  Babecaphukile ngenxa yokuba abapostile babefundisa abantu yaye beshumayela ngokucacileyo ukuba uYesu uvusiwe ekufeni.*+  Ngoko bababamba baza babafaka ejele+ de kwayimini elandelayo, kuba kwakusele kuhlwile.  Kodwa ke abaninzi kwabo babemamele loo ntshumayelo bakholwa, yaye amadoda awakholwayo aba malunga ne-5 000.+  Ngemini elandelayo abalawuli bamaYuda, abadala nababhali badibana eYerusalem,  kukho noAnas+ umbingeleli oyintloko, uKayafa,+ uYohane, uAleksandire nabo bonke abo babezizalamane zombingeleli oyintloko.  Bamisa uPetros noYohane phakathi kwabo, bababuza besithi: “Le nto niyenza ngamandla okanye ngegama likabani?”  Ngoko uPetros, efumene umoya oyingcwele,+ wathi: “Balawuli babantu nani badala,  ukuba namhlanje sixoxiswa ngokwenzela indoda esisiqhwala into elungileyo,+ yaye nifuna ukwazi ukuba ngubani oyiphilisileyo, 10  nimele nazi nina nonke nawo onke amaSirayeli ukuba le ndoda iphiliswe ngegama likaYesu Kristu umNazarete,+ lo nambethelela esibondeni+ kodwa uThixo wamvusa ekufeni,+ kungenxa yakhe le ndoda imi apha phambi kwenu iphilile. 11  Lo Yesu ‘ulilitye enalibona lingabalulekanga nina bakhi kodwa eliye laba lilitye lekona eliyintloko.’+ 12  Ngapha koko, akakho omnye umntu onokusindisa, kuba alikho elinye igama elikhethiweyo+ phantsi kwezulu abanokusindiswa ngalo abantu.”+ 13  Xa beva uPetros noYohane bethetha ngesibindi bothuka, kuba babesazi ukuba bangabantu abangafundanga* nabaqhelekileyo.+ Ngoko baqonda ukuba babekade bekunye noYesu.+ 14  Njengokuba babejonge laa mntu wayephilisiwe emi nabo,+ zange bakwazi ukuphendula.+ 15  Ngoko babayalela ukuba baphumele ngaphandle kweholo yeNkundla Ephakamileyo YamaYuda,* baza bacebisana 16  besithi: “Yintoni emasiyenze ngala madoda?+ Kuba nyhani ke bawenzile ummangaliso obonakala kubo bonke abantu baseYerusalem,+ yaye asinakuwuphika. 17  Ukuze le nto ingasasazeki ngaphezu koku, masibagrogrise sithi bangaphinde bathethe namntu ngeli gama.”+ 18  Emva koko bababiza baza babayalela ukuba bangaphinde bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu. 19  Kodwa uPetros noYohane bathi: “Ukuba ilungile emehlweni kaThixo into yokumamela nina kunokumamela yena, zigqibeleni ngokwenu. 20  Kodwa thina asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.”+ 21  Ngoko emva kokuba bephinde babagrogrisa, babayeka bahamba, ekubeni bengazange bafumane nto abanokubohlwayela yona nangenxa yabantu,+ kuba bonke babemzukisa uThixo ngenxa yento eyenzekileyo. 22  Laa ndoda yayiphiliswe ngommangaliso yayineminyaka engaphezulu kweyi-40. 23  Emva kokuba bekhululwe, baya kwabanye abafundi baza babaxelela izinto ezithethwe ngababingeleli abaziintloko nangabadala. 24  Emva kokuba bezivile ezo zinto, bonke bathandaza kuThixo, bathi: “Nkosi enguMongami, nguwe owadala izulu, umhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezikuzo,+ 25  yaye nguwe owathetha ngokhokho wethu uDavide,+ umkhonzi wakho, usebenzisa umoya wakho oyingcwele, usithi: ‘Kwakutheni ukuze iintlanga zibe noqhushululu nezizwana zicinge ngezinto ezingekhoyo? 26  Ookumkani bomhlaba bema, nabalawuli bamanyana ukuze balwe noYehova* nomthanjiswa wakhe.’*+ 27  Kuba nyhani uHerode, uPontiyo Pilato,+ abantu beentlanga nabakwaSirayeli baqokelelana kwesi sixeko ukuze balwe nomkhonzi wakho ongcwele uYesu, lo wamthambisayo,+ 28  ukuze benze into owayichaza kwangaphambili. Wayenza le nto ngamandla akho ukuze kwenziwe ukuthanda kwakho.+ 29  Ngoku ke Yehova, khawumamele indlela abagrogrisa ngayo, uze uncede amakhoboka akho ahlale elithetha ngesibindi ilizwi lakho, 30  ngoxa usolula isandla sakho ukuze kuphiliswe abantu, kwenziwe imimangaliso nezinto ezinkulu+ ngegama lomkhonzi wakho ongcwele uYesu.”+ 31  Bakuba begqibile ukuthandaza becenga,* indawo ababeqokelelene kuyo yagungqiswa, baza bonke bafumana umoya oyingcwele,+ balithetha ngesibindi ilizwi likaThixo.+ 32  Ngaphezu koko, bonke abantu ababa ngamakholwa babemanyene entliziyweni nasemphefumlweni,* yaye akukho mntu wayebanga nto, kunoko babesahlulelana ngayo yonke into.+ 33  Kwelinye icala abapostile baqhubeka beshumayela ngamandla ngovuko lweNkosi uYesu,+ yaye uThixo wabenzela ububele obukhulu.* 34  Enyanisweni akukho mntu wayedinga nto phakathi kwabo,+ kuba bonke ababenamasimi okanye izindlu babezithengisa baze bazise loo nto bayifumeneyo, 35  yaye babeyinika abapostile.+ Emva koko kwakusohlulelwa wonke umntu ngokweemfuno zakhe.+ 36  Ngoko uYosefu, abapostile ababembiza ngokuba nguBharnabhas+ (igama elithetha ukuthi, “uNyana Wentuthuzelo”), ongumLevi, inzalelwane yaseSipro, 37  wayenesiqwenga somhlaba, wasithengisa waza loo mali wayizisa kubapostile.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngovuko lwabafileyo besebenzisa umzekelo kaYesu.”
Oko kukuthi, babengafundanga kwizikolo zoorabhi; akuthethi kuthi babengakwazi ukufunda.
Okanye “yeSanhedrin.”
Okanye “noKristu wakhe.”
Okanye “begqibile ukwenza isikhungo.”
Okanye “ububele obungabafanelanga.”