Isaya 11:1-16

  • Isetyana likaYese lilawula ngobulungisa (1-10)

    • Ingcuka netakane legusha zihlala kunye (6)

    • Umhlaba uza kugcwaliswa kukwazi uYehova (9)

  • Abo bashiyekileyo bayabuya (11-16)

11  Isetyana+ liza kuhluma esikhondweni sikaYese,+Yaye ihlumelo+ elintshula kwiingcambu zakhe liza kuba nesiqhamo.   Kwaye umoya kaYehova uza kuhlala phezu kwakhe,+Umoya wobulumko+ nowokuqonda,Umoya wokucebisa nowamandla,+Umoya wokwazi nowokoyika uYehova.   Uza kuvuyiswa kukoyika uYehova.+ Akazukugweba ngenxa nje yento ayibonayo,Engazukohlwaya ngenxa nje yento ayive ngeendlebe.+   Uza kumgweba ngobulungisa* ongenanto,Abohlwaye ngobulungisa abalulamileyo bomhlaba. Uza kuwubetha umhlaba ngentonga yomlomo wakhe+Abulale umenzi-bubi ngomoya wemilebe yakhe.+   Ubulungisa buza kuba libhanti esinqeni sakhe,Nokuthembeka kube libhanti lesinqe sakhe.+   Ingcuka iza kukhe ihlale netakane legusha,+Ihlosi libuthe netakane lebhokhwe,Kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama,* nesilwanyana esondlekileyo, zonke zihlale kunye;*+Zikhokelwe yinkwenkwana.   Imazi yenkomo nebhere ziza kutya kunye,Amathole azo alale kunye. Ingonyama iza kudla iindiza njengenkunzi yenkomo.+   Usana luza kudlala emngxunyeni wephimpi,Nomntwana olunyulweyo abeke isandla sakhe emngxunyeni wenyoka enobuhlungu.   Azizukwenzakalisa+Zingazukonakalisa kuyo yonke intaba yam engcwele,+Kuba umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehovaNjengokuba nolwandle lugcwele ngamanzi.+ 10  Ngaloo mini, ingcambu kaYese+ iza kuphakama njengento* yokubonisa izizwana.+ Iintlanga ziza kucela icebiso kuye,*+Nendawo yakhe yokuphumla iza kuba nozuko. 11  Ngaloo mini, uYehova uza kuphinda anikele isandla sakhe okwesibini, ukuze aqokelele abantu bakhe abashiyekileyo eAsiriya,+ eYiputa,+ ePatrosi,+ eKushe,+ e-Elam,+ eShinare,* eHamati nakwiziqithi zolwandle.+ 12  Uza kuziphakamisela into* eziza kubona ngayo iintlanga, aqokelele abasasazekileyo bakwaSirayeli+ aze aqokelele nabachithachithekileyo bakwaYuda mbombo zone zomhlaba.+ 13  Umona kaEfrayim uza kuthi shwaka,+Nabo baziintshaba zikaYuda baza kutshatyalaliswa. UEfrayim akazummonela uYuda,NoYuda akazukuba lutshaba lukaEfrayim.+ 14  Baza kwehlela kumathambeka amaFilisti* ngasentshona;Boxuthe izinto zabantu baseMpuma. Baza kumoyisa uEdom+ noMowabhi,*+Nama-Amoni aza kuba phantsi kwabo.+ 15  UYehova uza kuyahlula phakathi* inyoba* yolwandle lwaseYiputa+Aze aphekuze ngesandla sakhe phezu koMlambo.*+ Ngomoya wakhe otshisayo, uza kubetha imisinga yawo esixhenxe,Yaye uza kubenza abantu banqumle kuwo benxibe iimbadada. 16  Kuza kubakho uhola wendlela+ ophuma eAsiriya abaza kuhamba kuwo abantu bakhe abashiyekileyo,+Njengoko kwaba njalo kumaSirayeli ngemini awaphuma ngayo ezweni laseYiputa.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngokufanelekileyo.”
Okanye “ingonyama entsha enesingci.”
Okanye kusenokwenzeka, “ithole lenkomo nengonyama ziza kutya kunye.”
Okanye “Iintlanga ziza kumkhangela.”
Okanye “njengepali.”
Oko kukuthi, eBhabhiloni.
Okanye “ipali.”
Ngokoqobo, “kwigxalaba lamaFilisti.”
Okanye “Baza kolula isandla sabo ukuze balwe noEdom noMowabhi.”
Okanye “uza kuyomisa.”
Ngokoqobo, “uza kulunqamla ulwimi lolwandle lwaseYiputa.”
Oko kukuthi, umEfrate.