Kubalisa uYohane 8:12-59

  • UTata ungqinela uYesu (12-30)

    • UYesu, ‘ukukhanya kwehlabathi’ (12)

  • Abantwana baka-Abraham (31-41)

    • “Inyaniso iza kunikhulula” (32)

  • Abantwana bakaMtyholi (42-47)

  • UYesu noAbraham (48-59)

8  12  UYesu waphinda wathi kuloo maYuda: “Ndikukukhanya kwehlabathi.+ Nabani na ondilandelayo akasoze ahambe ebumnyameni, kodwa uza kufumana ukukhanya+ okunika ubomi.” 13  AbaFarisi bathi kuye: “Uzingqinela ngokwakho wena; ngoko ubungqina bakho abuyonyani.” 14  UYesu wathi kubo: “Ubungqina bam buyinyani, nokuba ndizingqinela ngokwam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona.+ Kodwa nina anazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona. 15  Nina nigweba ngendlela yabantu;+ mna andiqalisi kwaukubagweba abantu. 16  Nokuba ke ndingabagweba, umgwebo wam ngowobulungisa, kuba andindedwa, ndikunye noTata ondithumileyo.+ 17  NaseMthethweni wenu kubhalwe kwathiwa, ‘Ubungqina babantu ababini buyinyani.’+ 18  Ndiyazingqinela, ibe noTata uyandingqinela.”+ 19  Bathi: “Uphi uTata wakho?” UYesu wathi: “Anindazi mna, ningamazi noTata.+ Ukuba benindazi, ngenimazi noTata.”+ 20  UYesu wazithetha ezi zinto ekwindawo yokugcina ubutyebi etempileni,+ kuba wayefundisa apho. Kodwa akukho nomnye owambambayo, kuba lalingekafiki ixesha lokuba afe.+ 21  Waphinda wathi kubo: “Ndiyemka, ibe nina niza kundikhangela, kodwa niza kufela ezonweni zenu.+ Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.”+ 22  Ngoko amaYuda athi: “Kungathi kanti uza kuzibulala lo mntu! Kuba uthi, ‘Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.’” 23  Waqhubeka esithi kuwo: “Nina ningabalapha emhlabeni; mna ndivela phezulu.+ Nina ningabeli hlabathi; mna andingoweli hlabathi. 24  Yiloo nto ndiye ndathi kuni: Niza kufela ezonweni zenu. Kuba ukuba anikholelwa ukuba ndingulowo kwakuthiwe uyeza, niza kufela ezonweni zenu.” 25  Athi kuye: “Ungubani wena?” UYesu wathi: “Ndisazikhathazelani ngokuthetha nani? 26  Zininzi izinto endinokuzithetha ngani nendimele ndigwebe ngazo. Lowo undithumileyo uhlala ethetha inyani, ibe ezi zinto ndizithethayo ndizive ngaye.”+ 27  AmaYuda awazange aqonde ukuba uthetha ngoTata wakhe. 28  Ngoko ke uYesu wathi: “Emva kokuba uNyana womntu exhonyiwe,+ niza kutsho nazi ukuba ungulowo kwakuthiwe uyeza,+ nokuba akukho nto ndiyenza ngokwam;+ kodwa ndithetha kanye izinto endizifundiswe nguTata. 29  Lowo undithumileyo ukunye nam; akandilahlanga, kuba ndihlala ndisenza izinto azithandayo.”+ 30  Bakumva ethetha ezi zinto, abantu abaninzi bamkholelwa. 31  Ngoko uYesu wathi kuloo maYuda awayemkholelwa: “Ukuba niyazenza izinto endinifundisa zona, niza kube ningabo nyhani abafundi bam, 32  niza kuyazi inyaniso,+ ibe inyaniso iza kunikhulula.”+ 33  Amphendula athi: “Siyinzala ka-Abraham, ibe zange sibe ngamakhoboka. Utsho njani ke ukuba, ‘Niza kukhululeka’?” 34  UYesu wathi kuwo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na oqhubeka esona, ulikhoboka lesono.+ 35  Ngaphezu koko, ikhoboka alihlali endlini yomnikazi walo ngonaphakade; ngunyana ohlala ngonaphakade. 36  Ngoko ukuba nikhululwa nguNyana, niza kukhululeka ngokupheleleyo. 37  Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Kodwa nifuna ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam. 38  Mna ndithetha izinto endizibone ngokuya ndandikunye noTata,+ kodwa nina nenza izinto enizive ngotata wenu.” 39  Athi kuye: “Utata wethu nguAbraham.” UYesu wathi: “Ukuba beningabantwana baka-Abraham,+ beniza kwenza izinto ezenziwa nguAbraham. 40  Kodwa naku nifuna ukundibulala, ndakugqiba ukunixelela inyani endiyive kuThixo.+ UAbraham ebengasoze ayenze loo nto. 41  Nenza izinto ezenziwa ngutata wenu.” Athi kuye: “Asizalelwanga ngaphandle emtshatweni; sinoTata omnye, uThixo.” 42  Wathi uYesu kuwo: “Ukuba uThixo ebenguTata wenu, ngenindithanda,+ kuba ndilapha nje ndivela kuye. Andizizelanga apha, kodwa ndithunywe nguye.+ 43  Kutheni ningandiva nje? Kungenxa yokuba anizamkeli izinto endizithethayo. 44  Utata wenu nguMtyholi, ibe nithanda ukwenza izinto ezithandwa nguye.+ Yena wayengumbulali kwasekuqaleni,+ ibe wayilahla inyani, kuba akananyani. Eyona nto ayaziyo kukuthetha ubuxoki, kuba ulixoki, ibe ubuxoki beza ngaye.+ 45  Mna ndithetha inyani, yiloo nto ningandikholelwa. 46  Ngubani kuni onokuza nobungqina bokuba ndonile? Ndithetha inyani nje, kutheni ningandikholelwa? 47  Umntwana kaThixo uyazimamela izinto ezithethwa nguThixo.+ Nina aningobantwana bakaThixo, yiloo nto ningandimameli.”+ 48  AmaYuda athi: “Asinyanisanga ke xa sisithi, ‘UngumSamariya,+ ibe unedemon’?”+ 49  UYesu wathi: “Andinademon, ndihlonipha uTata, kodwa nina niyandidelela. 50  Andizami kuzizukisa;+ ukhona Lowo undizukisayo nogwebayo. 51  Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na ozenzayo izinto endizifundisayo, soze afe.”+ 52  AmaYuda athi kuye: “Ngoku siyazi ukuba nyhani unedemon. UAbraham wafa, nabaprofeti bafa, kodwa wena uthi, ‘Nabani na ozenzayo izinto endizifundisayo, soze afe.’ 53  Uzama ukusixelela ukuba wena umkhulu kunotata wethu uAbraham, lo yena wafayo? Andithi nabaprofeti bafa! Ucinga ukuba ungubani ke wena?” 54  UYesu wathi: “Ukuba ndiyazizukisa, uzuko lwam aluyonto. NguTata ondizukisayo,+ lo nina nithi nguThixo wenu, 55  kodwa ningamazi.+ Mna ke ndiyamazi.+ Ukuba bendisithi andimazi, bendiza kuba ndilixoki njengani. Kodwa ke ndiyamazi, ibe ndiyazenza izinto azithethayo. 56  UAbraham utata wenu wayekuvuyela ukuza kwexesha lokufika kwam, ibe walibona waza wavuya.”+ 57  AmaYuda athi kuye: “Utsho njani ukuba wakhe wambona uAbraham, kodwa awukabi nayo neminyaka eyi-50?” 58  UYesu wathi kuwo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ndabakho uAbraham engekazalwa.”+ 59  Ngoko achola amatye efuna ukumbetha ngawo, kodwa uYesu wazimela, wemka etempileni.

Umbhalo osemazantsi