Kubalisa uYohane 19:1-42

  • UYesu uyakatswa aze agezelwe (1-7)

  • UPilato uphinda abuze uYesu imibuzo (8-16a)

  • UYesu ubethelelwa esibondeni eGolgotha (16b-24)

  • UYesu ulungiselela umama wakhe (25-27)

  • Ukufa kukaYesu (28-37)

  • Kungcwatywa uYesu (38-42)

19  UPilato wathi makathathwe uYesu aze akatswe kanobom.+  Amajoni enza isithsaba sameva, amthwalisa sona aza amnxibisa isambatho esimsobo,*+  ibe ayemane esiza kuye esithi: “Aa, Kumkani wamaYuda!” emqhwaba nangeempama.+  UPilato waphinda waphuma phandle, wathi kuwo: “Jongani! Ndimzisa apha phandle ukuze nibone ukuba andifumani tyala kuye.”+  Ngoko uYesu waphumela ngaphandle, enxibe isithsaba sameva nesambatho esimsobo,* waza uPilato wathi kuwo: “Nantsi le ndoda!”  Kodwa, xa ababingeleli abaziintloko namagosa bembona, bakhwaza besithi: “Makaye esibondeni! Makaye esibondeni!”*+ UPilato wathi kubo: “Mthatheni, nimse ngokwenu,* kuba mna andifumani tyala kuye.”+  AmaYuda amphendula athi: “Sinomthetho, ibe ngokwaloo mthetho ufanele afe,+ kuba uzenze unyana kaThixo.”+  Wathi akuyiva loo nto uPilato, woyika kakhulu,  waphinda wabuyela endlini, wathi kuYesu: “Uvela phi?” Kodwa uYesu akazange amphendule.+ 10  Ngoko uPilato wathi: “Awufuni kundiphendula? Awazi na ukuba ndinegunya lokukukhulula nelokuthi mawubethelelwe?” 11  UYesu wamphendula wathi: “Awunagunya lakundenza nto ngaphandle kokuba uvunyelwe nguThixo. Yiloo nto umntu ondinikele kuwe enetyala ukogqitha wena.” 12  Ngenxa yeso sizathu uPilato waqhubeka efuna indlela yokumkhulula, kodwa amaYuda akhwaza esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, awungomhlobo kaKesare. Nabani na ozenza ukumkani, uzenza utshaba lukaKesare.”+ 13  Akuyiva le nto uPilato, wamkhuphela ngaphandle uYesu, waza wahlala phantsi kwisihlalo sokugweba, kwindawo ebizwa ngokuba liBala Lamatye, ekuthiwa ngesiHebhere, yiGabhatha. 14  Ngoku yayilusuku lokulungiselela+ iPasika, kumalunga nentsimbi ka-12 emini.* UPilato wathi kumaYuda: “Jongani! Nanku ukumkani wenu!” 15  Kodwa wona akhwaza esithi: “Msuse! Msuse! Makaye esibondeni!”* UPilato wathi kuwo: “Nifuna ndibulale ukumkani wenu?” Ababingeleli abaziintloko bathi: “Mnye ukumkani wethu, nguKesare.” 16  Emva koko, wamnikela kuwo ukuze abulawelwe esibondeni.+ Ngoko amaYuda amthatha uYesu, emka naye. 17  Wathwala isibonda sakhe sokungcungcutheka,* waphuma waya kwindawo ekuthiwa yiNdawo YoKakayi,+ ebizwa ngokuba yiGolgotha ngesiHebhere.+ 18  Athi akufika apho ambethelela kuso,+ embethelela namanye amadoda amabini, yena emfake phakathi.+ 19  UPilato wabhala nombhalo, wawuxhoma kwisibonda sokungcungcutheka.* Kwakubhalwe kwathiwa: “UYesu umNazarete uKumkani wamaYuda.”+ 20  AmaYuda amaninzi awubona lo mbhalo, kuba indawo uYesu awayebethelelwe kuyo yayikufutshane nesixeko, ibe wawubhalwe ngesiHebhere, isiLatin nesiGrike. 21  Kodwa ababingeleli abaziintloko bamaYuda bathi kuPilato: “Lo mbhalo mawungathi ‘UKumkani wamaYuda,’ kodwa mawuthi, uthi ‘NdinguKumkani wamaYuda.’” 22  UPilato waphendula wathi: “Into endiyibhalileyo ndiyibhalile ke.” 23  Emva kokuba ebethelele uYesu esibondeni, amajoni amane athatha izambatho zakhe zangaphezulu, abelana ngazo, athatha nesambatho sakhe sangaphantsi. Kodwa isambatho sangaphantsi sasingenamthungo, siphothiwe nje sonke ukusuka phezulu ukuya kutsho ezantsi. 24  Ngoko athetha odwa esithi: “Masingasikrazuli, kodwa masenzeni amaqashiso sizokubona ukuba simele sibe sesikabani.”+ Le nto yenzeka ukuze sibe yinyani isibhalo esithi: “Bahlulelana ngezambatho zam, benza amaqashiso ngeempahla zam.”+ Enza kanye loo nto la majoni. 25  Ecaleni kwesibonda sikaYesu sokungcungcutheka,* kwakume umama wakhe+ nomakazi wakhe; uMariya umfazi kaKlopa noMariya Magadala.+ 26  Ngoko xa uYesu ebona umama wakhe nomfundi wakhe amthandayo+ beme kufutshane naye, wathi kumama wakhe: “Mama, nanko unyana wakho!” 27  Emva koko wathi kuloo mfundi: “Nanko umama wakho!” Ukususela ngoko umama kaYesu wayokuhlala naloo mfundi. 28  Emva koku, uYesu waqonda ukuba uyenzile yonke into awayeyithunyiwe. Ngoko ukuze abe yinyani amazwi athethwe zizibhalo, wathi: “Ndinxaniwe.”+ 29  Kwakukho ijagi apho egcwele yiwayini emuncu. Ngoko bafaka isiponji esigcwele iwayini kwingcongolo yehisope* baza basisondeza emlonyeni wakhe.+ 30  Emva kokuba eyifumene le wayini, uYesu wathi: “Kugqityiwe!”+ waza wayiyekelela intloko yakhe, waphefumla okokugqibela.*+ 31  Olu yayilusuku lokulungiselela+ iSabatha. Ngoko amaYuda acela kuPilato ukuba yophulwe imilenze yabo ize imizimba yothulwe, kuba kwakufuneka imizimba ingahlali kwisibonda sokungcungcutheka*+ ngemini yeSabatha (le yayiyiSabatha ekhethekileyo).+ 32  Ngoko amajoni eza, ophula imilenze yomntu wokuqala owayebethelelwe ecaleni kwakhe, aza aya nakowesibini. 33  Athi xa efika kuYesu, ambona ukuba wayesele efile, akabi sayophula eyakhe imilenze. 34  Kodwa elinye ijoni lamhlaba ngomkhonto ecaleni,+ ngoko nangoko kwaphuma igazi namanzi. 35  Le nto iyangqinwa ngulowo uyibonileyo, ibe ubungqina bakhe buyinyani, yaye uyazazi ukuba uthetha inyani. Ezi zinto uzithetha ukuze nani nikholwe.+ 36  Ezi zinto zenzeka ukuze sibe yinyani isibhalo esithi: “Akukho nelinye ithambo lakhe eliza kophulwa.”+ 37  Kwakhona, esinye isibhalo sithi: “Baza kujonga kulowo bamhlabileyo.”+ 38  Emva kokuba ezi zinto zenzekile, uYosefu waseArimathiya, owayengumfundi kaYesu, kodwa eyifihla loo nto kuba esoyika amaYuda,+ wacela kuPilato ukuba awuthathe umzimba kaYesu, waza uPilato wamvumela. Ngoko weza wawuthatha umzimba wakhe.+ 39  Kwafika noNikodemo,+ lowo wayekhe waya kuYesu ngobusuku, ephethe umxube wemore nekhala omalunga neekhilogram eziyi-30.*+ 40  Bawuthatha umzimba kaYesu, bawubhijela ngamalaphu aneziqholo,+ ngokwesiko lamaYuda lokungcwaba. 41  Kwathi kanti kuloo ndawo wayebethelelwe kuyo, kukho umyezo* onengcwaba*+ ekwakungekho mntu wakha wabekwa kulo. 42  Bambeka kwelo ngcwaba likufutshane uYesu, kuba yayilusuku lokulungiselela+ iPasika yamaYuda.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “esipepuli.”
Okanye “esipepuli.”
Okanye “Makabethelelwe esibondeni! Makabethelelwe esibondeni!”
Okanye “nimbethelele ngokwenu esibondeni.”
Ngokoqobo, “kumalunga neyure yesithandathu.”
Okanye “Makabethelelwe esibondeni!”
Okanye “isibonda sakhe sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kwisibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kwisibonda sikaYesu sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “wafa.”
Okanye “kwisibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ipaki; igadi entle.”
Okanye “onengcwaba lenkumbulo.”