Kubalisa uYohane 18:1-40

  • UYudas ujikela uYesu (1-9)

  • UPetros usebenzisa ikrele (10, 11)

  • UYesu usiwa kuAnas (12-14)

  • UPetros uphika uYesu okokuqala (15-18)

  • UYesu phambi koAnas (19-24)

  • UPetros uphika uYesu okwesibini nokwesithathu (25-27)

  • UYesu phambi koPilato (28-40)

    • “UBukumkani bam ayibubo obeli hlabathi” (36)

18  Emva kokuba uYesu ethethe ezi zinto, yena nabafundi bakhe baya kumyezo*+ ophesheya kweNtlambo YeKidron.*+  NoYudas, lowo wamjikelayo, wayeyazi loo ndawo, kuba uYesu wayemane edibana nabafundi bakhe apho.  Ngoko ke uYudas waya kuloo ndawo ehamba neqela lamajoni namagosa ababingeleli abaziintloko namagosa abaFarisi, baya bephethe izibane nezixhobo zokulwa.+  UYesu, eyazi yonke into eyayiza kumehlela, wabakhawulela waza wathi kubo: “Nifuna bani?”  Bathi: “UYesu umNazarete.”+ Wathi kubo: “Ndinguye.” NoYudas owayemjikele wayekunye nabo.+  Uthe uYesu akuthi kubo, “Ndinguye,” babuya umva, bawa phantsi.+  Waphinda wababuza: “Nifuna bani?” Bathi: “UYesu umNazarete.”  UYesu wathi: “Nditshilo nje ukuba ndinguye. Ukuba ndim lo nimfunayo, bayekeni aba bahambe.”  Wayithetha le nto ukuze abe yinyani amazwi akhe athi: “Andilahlekelwanga nangomnye kwabo ubundinike bona.”+ 10  Emva koko, uSimon Petros, owayenekrele, walithi rhuthu waza wahlasela ikhoboka lombingeleli omkhulu, waliqhawula indlebe yasekunene.+ Eli khoboka yayinguMalko. 11  Kodwa uYesu wathi kuPetros: “Buyisela elo krele kwisingxobo salo.+ Andimelanga ndiyisele na le ndebe ndiyinikwe nguTata?”+ 12  Emva koko, ela qela lamajoni nomphathi-mkhosi namagosa amaYuda ambamba uYesu, ambopha. 13  Aqala amsa kuAnas, kuba wayengumkhwe kaKayafa,+ owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka.+ 14  UKayafa lo, ngulowa wayecebise amaYuda ukuba kungcono kufe umntu omnye, afele wonke umntu.+ 15  USimon Petros nomnye umfundi babelandela emva koYesu.+ Lo mfundi wayesaziwa ngumbingeleli omkhulu, ibe wangena noYesu eyadini yalo mbingeleli, 16  yena uPetros washiyeka ngaphandle emnyango. Ngoko lo mfundi waphuma, wathetha nesicakazana esasigade emnyango, waza wangenisa uPetros. 17  Esi sicakazana sathi kuPetros: “Awunguye na omnye wabafundi bale ndoda?” Wathi: “Andinguye.”+ 18  Kwakubanda, ngoko amakhoboka namagosa ayebase umlilo, ewujikelezile, esotha. NoPetros wayesotha nawo. 19  Umbingeleli oyintloko wabuza uYesu ngabafundi bakhe nangezinto awayezifundisa. 20  UYesu wathi kuye: “Bendithetha kukho wonke umntu. Bendisoloko ndifundisa kwindlu akhonzela kuyo amaYuda,* nasetempileni,+ apho onke amaYuda adibana khona, ibe ndandiyithetha ekuhleni yonke into. 21  Kutheni ubuza kum nje? Buza abo bandivileyo xa bendifundisa. Bazazi kakuhle izinto ebendizifundisa.” 22  Emva kokuba uYesu ephendule, elinye igosa elalimi kufutshane naye, lamqhwaba ngempama+ lisithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli oyintloko le?” 23  UYesu wathi: “Ukuba ndithethe into engafanelekanga, cacisa ukuba yintoni le ingafanelekanga ndiyithethileyo; kodwa ukuba ndithethe into efanelekileyo, undibethela ntoni ke?” 24  Emva koko, uAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.+ 25  Ngelo xesha uSimon Petros wayesemi apho esotha umlilo. Abanye bambuza bathi: “Ungomnye wabafundi bakhe, andithi?” Waphika esithi: “Andinguye.”+ 26  Elinye ikhoboka lombingeleli omkhulu, elalizalana nalaa ndoda ibinqunyulwe indlebe nguPetros,+ lathi: “Ayinguwe lo bendimbone emyezweni ukunye naye?” 27  UPetros waphinda waphika, waza ngoko nangoko wakhonya umqhagi.+ 28  Emva koko, amaYuda amthatha uYesu kuKayafa amsa emzini womlawuli uPilato.+ Kodwa wona awazange angene, ukuze angazenzi angacoceki,+ kuba ayefuna ukukwazi ukutya isidlo sePasika. Ngelo xesha kwakusele kusekuseni. 29  UPilato waphuma phandle, wathi kuwo: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?” 30  Athi: “Ukuba lo mntu ebengengomoni,* ngesingamzisanga apha kuwe.” 31  UPilato wathi kuwo: “Mthatheni nize nimgwebe ngokomthetho wenu.”+ AmaYuda athi: “Akukho mthethweni ukuba sibulale nabani na.”+ 32  Le nto yenzeka ukuze abe yinyani amazwi awathethwa nguYesu ngendlela aza kufa ngayo.+ 33  UPilato waphinda wangena endlini yakhe, wabiza uYesu, wathi: “Unguye na uKumkani wamaYuda?”+ 34  UYesu waphendula wathi: “Undibuza kuba ufuna ukwazi nyhani, okanye kuba kukho into oyivileyo ngam?” 35  UPilato wathi: “AndingomYuda mna. Luhlanga lwakowenu nababingeleli abaziintloko abakuzise kum. Wenze ntoni?” 36  UYesu wathi:+ “UBukumkani bam ayibubo obeli hlabathi.+ Ukuba uBukumkani bam bebubobeli hlabathi, abalandeli bam bebeza kundilwela ukuze ndinganikelwa kumaYuda.+ Kodwa ke uBukumkani bam abusuki kweli hlabathi.” 37  Ngoko uPilato wathi kuye: “Khawutsho ke, unguye na ukumkani?”+ UYesu wathi: “Nawe utsho ukuba ndingukumkani. Ndazalelwa loo nto, ibe ndize ehlabathini ukuze ndinikele ubungqina ngenyaniso.+ Wonke umntu ongakwicala lenyaniso uyazimamela izinto endizithethayo.” 38  UPilato wathi kuye: “Yintoni inyaniso?” Akugqiba ukumbuza, waphinda waphuma waya kumaYuda, wathi kuwo: “Andifumani tyala kulo mntu.+ 39  Ngaphezu koko, njengokuba ndiqhele ukunikhululela umntu ngePasika,+ anifuni ndinikhululele uKumkani wamaYuda ke?” 40  Baphinda bakhwaza, besithi: “Hayi, asimfuni loo mntu, sifuna uBharabhas!” UBharabhas lo wayengutsotsi.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “umsinga wasebusika waseKidron.”
Okanye “kwigadi entle; kwipaki.”
Okanye “kwindlu yesikhungu.”
Okanye “ebengesiso isaphuli-mthetho.”