Kubalisa uYohane 20:1-31
20 Ngosuku lokuqala lweveki uMariya Magadala waya engcwabeni* ekuseni,+ kusemnyama, wafika wabona ilitye lisusiwe engcwabeni.*+
2 Ngoko weza ebaleka kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo uYesu wayemthanda,+ wathi kubo: “Bayikhuphile iNkosi engcwabeni,+ ibe asazi apho bayibeke khona.”
3 UPetros nalo mfundi bahamba baya kwelo ngcwaba.
4 Babaleka bobabini, kodwa lo mfundi wamshiya uPetros waya kufika kuqala engcwabeni.
5 Wakroba nje, akangena, wabona amalaphu ehleli nje pha phantsi.+
6 Wafika noSimon Petros emva kwakhe, yena wangena ngaphakathi, naye wabona la malaphu ehleli pha phantsi.
7 Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe, libekwe pha.
8 Emva koko, nalaa mfundi ebefike kuqala engcwabeni* wangena, wazibonela waza wayikholelwa laa nto bebeyixelelwe,
9 kuba babengekacacelwa ukuba sithetha ukuthini isibhalo esithi umele avuswe ekufeni.+
10 Ngoko aba bafundi bagoduka.
11 Kodwa ke, uMariya wayeme ngasengcwabeni,* elila. Uthe esalila njalo, wakroba engcwabeni,
12 wabona iingelosi ezimbini+ ezinxibe izinto ezimhlophe, zihleli apho umzimba kaYesu wawukhona. Enye yayihleli ngasentloko, enye ngasezinyaweni.
13 Zathi kuye: “Ulilelani?” Wathi: “Bayithathile iNkosi yam, ibe andazi ukuba bayibeke phi.”
14 Emva kokuba etshilo, wajika wabona uYesu eme apho, kodwa akazange aqonde ukuba nguye.+
15 UYesu wathi kuye: “Ulilelani? Ukhangela bani?” UMariya wayecinga ukuba lo ngumntu osebenza kuloo myezo,* wathi kuye: “Mhlekazi, ukuba umthathile, ndicela undixelele ukuba umbeke phi, ndifuna ukuyokumthatha.”
16 UYesu wathi: “Mariya!” UMariya wajika, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni!” (oko kukuthi “Mfundisi!”)
17 UYesu wathi: “Sukubambelela kum, kuba andikayi kuTata. Hamba uye kubantakwethu,+ uthi kubo, ‘Ndiya kuTata wam+ okwanguTata wenu, kuThixo wam+ okwanguThixo wenu.’”
18 UMariya Magadala weza wazokuxelela abafundi esithi: “Ndiyibonile iNkosi!” Wabaxelela nokuba itheni kuye.+
19 Kwathi ke ngokuhlwa, ngosuku lokuqala evekini, uYesu wangena ngaphakathi kwindawo ababekuyo abafundi bakhe, nangona babewutshixile umnyango, kuba besoyika amaYuda, wema phakathi kwabo waza wathi: “Yibani noxolo.”+
20 Emva koko, wababonisa izandla zakhe nenxeba elisecaleni.+ Ngoko abafundi bavuya kakhulu bakuyibona iNkosi.+
21 UYesu waphinda wathi kubo: “Yibani noxolo.+ Ndiyanithuma,+ njengokuba nam ndithunywe nguTata.”+
22 Emva kokuba etshilo, wabavuthela waza wathi kubo: “Fumanani umoya oyingcwele.+
23 Nabani na enimxolela izono zakhe, uza kuxolelwa; nabani na eningamxoleliyo, akazukuxolelwa.”
24 Kodwa uTomas,+ ongomnye wabapostile abayi-12, owayebizwa ngokuba nguWele, wayengekho xa uYesu wayefike kwabanye.
25 Abanye abafundi babesithi kuye: “Siyibonile iNkosi!” Kodwa yena wathi: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, ndifake nesandla sam kwinxeba layo elisecaleni,+ soze ndiyikholelwe loo nto.”
26 Emva kokuba kudlule iintsuku ezisibhozo, abafundi bakaYesu babehleli kunye endlini, noTomas ekhona. UYesu weza, wangena umnyango utshixiwe, wema phakathi kwabo wathi: “Yibani noxolo.”+
27 Emva koko, wathi kuTomas: “Faka umnwe wakho apha, jonga izandla zam, faka nesandla sakho kweli nxeba lam lisecaleni. Yeka ukuthandabuza, undikholelwe.”
28 UTomas wathi: “Nkosi yam, Thixo wam!”
29 UYesu wathi kuye: “Andithi undibonile ngoku! Uyakholwa ke ukuba ndim? Bayavuya abo bangakhange bandibone, kodwa bakholwa.”
30 Ngokuqinisekileyo, uYesu wenza neminye imimangaliso emininzi phambi kwabafundi bakhe, engabhalwanga kulo msongo.+
31 Kodwa le iye yabhalwa phantsi ukuze nikholwe ukuba uYesu unguKristu, uNyana kaThixo, nize ngenxa yokukholwa kwenu, nifumane ubomi ngegama lakhe.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kwingcwaba lenkumbulo.”
^ Okanye “kwingcwaba lenkumbulo.”
^ Okanye “kwingcwaba lenkumbulo.”
^ Okanye “ngakwingcwaba lenkumbulo.”
^ Okanye “kuloo paki; kuloo gadi intle.”