Kubalisa uYohane 20:1-31

  • Ingcwaba elingenamntu (1-10)

  • UMariya Magadala ubona uYesu (11-18)

  • Abafundi babona uYesu (19-23)

  • UTomas obethandabuza ude akholwe (24-29)

  • Isizathu sokubhalwa kwalo msongo (30, 31)

20  Ngosuku lokuqala lweveki uMariya Magadala waya engcwabeni* ekuseni,+ kusemnyama, wafika wabona ilitye lisusiwe engcwabeni.*+  Ngoko weza ebaleka kuSimon Petros nakomnye umfundi, lowo uYesu wayemthanda,+ wathi kubo: “Bayikhuphile iNkosi engcwabeni,+ ibe asazi apho bayibeke khona.”  UPetros nalo mfundi bahamba baya kwelo ngcwaba.  Babaleka bobabini, kodwa lo mfundi wamshiya uPetros waya kufika kuqala engcwabeni.  Wakroba nje, akangena, wabona amalaphu ehleli nje pha phantsi.+  Wafika noSimon Petros emva kwakhe, yena wangena ngaphakathi, naye wabona la malaphu ehleli pha phantsi.  Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe, libekwe pha.  Emva koko, nalaa mfundi ebefike kuqala engcwabeni* wangena, wazibonela waza wayikholelwa laa nto bebeyixelelwe,  kuba babengekacacelwa ukuba sithetha ukuthini isibhalo esithi umele avuswe ekufeni.+ 10  Ngoko aba bafundi bagoduka. 11  Kodwa ke, uMariya wayeme ngasengcwabeni,* elila. Uthe esalila njalo, wakroba engcwabeni, 12  wabona iingelosi ezimbini+ ezinxibe izinto ezimhlophe, zihleli apho umzimba kaYesu wawukhona. Enye yayihleli ngasentloko, enye ngasezinyaweni. 13  Zathi kuye: “Ulilelani?” Wathi: “Bayithathile iNkosi yam, ibe andazi ukuba bayibeke phi.” 14  Emva kokuba etshilo, wajika wabona uYesu eme apho, kodwa akazange aqonde ukuba nguye.+ 15  UYesu wathi kuye: “Ulilelani? Ukhangela bani?” UMariya wayecinga ukuba lo ngumntu osebenza kuloo myezo,* wathi kuye: “Mhlekazi, ukuba umthathile, ndicela undixelele ukuba umbeke phi, ndifuna ukuyokumthatha.” 16  UYesu wathi: “Mariya!” UMariya wajika, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni!” (oko kukuthi “Mfundisi!”) 17  UYesu wathi: “Sukubambelela kum, kuba andikayi kuTata. Hamba uye kubantakwethu,+ uthi kubo, ‘Ndiya kuTata wam+ okwanguTata wenu, kuThixo wam+ okwanguThixo wenu.’” 18  UMariya Magadala weza wazokuxelela abafundi esithi: “Ndiyibonile iNkosi!” Wabaxelela nokuba itheni kuye.+ 19  Kwathi ke ngokuhlwa, ngosuku lokuqala evekini, uYesu wangena ngaphakathi kwindawo ababekuyo abafundi bakhe, nangona babewutshixile umnyango, kuba besoyika amaYuda, wema phakathi kwabo waza wathi: “Yibani noxolo.”+ 20  Emva koko, wababonisa izandla zakhe nenxeba elisecaleni.+ Ngoko abafundi bavuya kakhulu bakuyibona iNkosi.+ 21  UYesu waphinda wathi kubo: “Yibani noxolo.+ Ndiyanithuma,+ njengokuba nam ndithunywe nguTata.”+ 22  Emva kokuba etshilo, wabavuthela waza wathi kubo: “Fumanani umoya oyingcwele.+ 23  Nabani na enimxolela izono zakhe, uza kuxolelwa; nabani na eningamxoleliyo, akazukuxolelwa.” 24  Kodwa uTomas,+ ongomnye wabapostile abayi-12, owayebizwa ngokuba nguWele, wayengekho xa uYesu wayefike kwabanye. 25  Abanye abafundi babesithi kuye: “Siyibonile iNkosi!” Kodwa yena wathi: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, ndifake nesandla sam kwinxeba layo elisecaleni,+ soze ndiyikholelwe loo nto.” 26  Emva kokuba kudlule iintsuku ezisibhozo, abafundi bakaYesu babehleli kunye endlini, noTomas ekhona. UYesu weza, wangena umnyango utshixiwe, wema phakathi kwabo wathi: “Yibani noxolo.”+ 27  Emva koko, wathi kuTomas: “Faka umnwe wakho apha, jonga izandla zam, faka nesandla sakho kweli nxeba lam lisecaleni. Yeka ukuthandabuza, undikholelwe.” 28  UTomas wathi: “Nkosi yam, Thixo wam!” 29  UYesu wathi kuye: “Andithi undibonile ngoku! Uyakholwa ke ukuba ndim? Bayavuya abo bangakhange bandibone, kodwa bakholwa.” 30  Ngokuqinisekileyo, uYesu wenza neminye imimangaliso emininzi phambi kwabafundi bakhe, engabhalwanga kulo msongo.+ 31  Kodwa le iye yabhalwa phantsi ukuze nikholwe ukuba uYesu unguKristu, uNyana kaThixo, nize ngenxa yokukholwa kwenu, nifumane ubomi ngegama lakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwingcwaba lenkumbulo.”
Okanye “kwingcwaba lenkumbulo.”
Okanye “kwingcwaba lenkumbulo.”
Okanye “ngakwingcwaba lenkumbulo.”
Okanye “kuloo paki; kuloo gadi intle.”