IZenzo Zabapostile 5:1-42

  • UAnaniyas noSafira (1-11)

  • Abapostile benza imimangaliso emininzi (12-16)

  • Bayabanjwa baze bakhululwe (17-21a)

  • Baphinda baziswe kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda (21b-32)

    • ‘NguThixo esimele simthobele kunabantu’ (29)

  • Icebiso likaGamaliyeli (33-40)

  • Kushunyayelwa kwindlu ngendlu (41, 42)

5  Kodwa ke, indoda eyayibizwa ngokuba nguAnaniyas yathengisa umhlaba wayo, ikunye nomfazi wayo uSafira.  Kodwa yayifihla enye imali abayifumanayo, esazi umfazi wayo, yaza yazisa nje enye yayo kubapostile.+  Kodwa uPetros wathi: “Ananiyas, kutheni uSathana ekwenze wanesibindi sokuxokisa+ umoya oyingcwele,+ wafihla enye imali yale ntsimi?  Ngela xesha ubungekayithengisi, ibingeyoyakho na? Nasemva kokuba uyithengisile, ibingeyoyakho na imali yayo? Uyicinge njani ke into enje entliziyweni yakho? Awuxokisanga abantu, kodwa uxokise uThixo.”  Wathi akuva loo mazwi, uAnaniyas wawa phantsi, wafa. Yaye bonke abantu abayivayo loo nto boyika kakhulu.  Emva koko, abafana baphakama, bamsongela ngamalaphu, bamthwalela ngaphandle bayokumngcwaba.  Emva kweeyure ezimalunga nezintathu kwangena umfazi wakhe, engayazi into eyenzekileyo.  UPetros wathi kuye: “Khawutsho, nina nobabini niyithengise ngale mali le ntsimi?” Wathi: “Ewe, siyithengise ngaloo mali.”  UPetros wathi kuye: “Kutheni nina nobabini niye navumelana ukuba niqhathe umoya kaYehova?* Jonga! Abo bangcwabe indoda yakho sebesemnyango, yaye baza kukuthwalela ngaphandle.” 10  Ngoko nangoko wawa phambi koPetros, wafa. Xa abafana bangenayo bafika efile, baza bamthwala bayokumngcwaba ecaleni kwendoda yakhe. 11  Ngoko ibandla lonke loyika, boyika nabo bonke abevayo ngezi zinto. 12  Ngaphezu koko, abapostile baqhubeka besenza imimangaliso nezinto ezinkulu phakathi kwabantu;+ yaye bonke babedibana kwiVeranda KaSolomon.+ 13  Enyanisweni, akukho mntu wayenesibindi sokuba kunye nabo; sekunjalo, abantu babethetha kakuhle ngabo. 14  Baya besanda nabantu ababekholelwa eNkosini, amadoda nabafazi abaninzi.+ 15  Babede bazise abantu abagulayo kwizitrato ezikhulu, babalalise kwiimandlalo nakwiimethi, ukuze xa uPetros edlula isithunzi sakhe siwele phezu kwabanye babo.+ 16  Kwakhona, kwakusiza abantu abaninzi abasuka kwizixeko ezijikeleze iYerusalem, bethwele abantu abagulayo nababekhathazwa yimimoya emdaka, yaye bonke baphiliswa. 17  Kodwa umbingeleli omkhulu waphakama nabo bonke ababekunye naye, ababekwiqela labaSadusi, benomona. 18  Babamba abapostile, babafaka kwijele yesixeko.+ 19  Kodwa ebusuku ingelosi kaYehova* yazivula iingcango zaloo jele,+ yabakhupha, yathi: 20  “Hambani niye etempileni, niqhubeke nixelela abantu wonke umyalezo wobomi.”* 21  Emva kokuva loo mazwi, bangena etempileni kwakusa, baqalisa ukufundisa. Xa umbingeleli omkhulu nabo babekunye naye bafikayo, babiza iNkundla Ephakamileyo YamaYuda* nabo bonke abadala bakwaSirayeli, baza bathumela oonogada ukuba bayokuthatha abapostile ejele. 22  Kodwa bathi xa befika abo nogada ejele, babe abapostile bengekho. Ngoko babuya baza bachaza, 23  besithi: “Sifike ijele itshixiwe yaye oonogada bemi ngasemnyango, kodwa sithe xa siyivula kwabe kungekho mntu ngaphakathi.” 24  Xa umphathi wetempile nababingeleli abaziintloko bayivayo loo nto, bothuka bezibuza ukuba iza kuphelela phi le nto. 25  Kodwa kwafika umntu waza wathi kubo: “Jongani! La madoda beniwavalele ejele nangaya emi etempileni efundisa abantu.” 26  Umphathi wetempile namagosa akhe baya kubalanda, kodwa abazange babagxagxamise kuba babesoyika ukubethwa ngamatye ngabantu.+ 27  Beza kubamisa phambi kweNkundla Ephakamileyo YamaYuda.* Emva koko umbingeleli omkhulu 28  wathi kubo: “Saniyalela ngokucacileyo ukuba ningaphinde nifundise ngeli gama,+ kodwa jonga! niyigcwalisile iYerusalem ngale mfundiso yenu, yaye nizimisele ukusibeka ityala ngokufa kwalo mntu.”*+ 29  UPetros nabanye abapostile baphendula bathi: “NguThixo umlawuli esimele simthobele kunabantu.+ 30  UThixo wookhokho bethu wamvusa uYesu, lo ­nambulalayo namxhoma esibondeni.*+ 31  UThixo wamphakamisa waba nguMmeli Oyintloko+ noMsindisi+ ngasekunene kwakhe,+ ukuze amaSirayeli aguquke aze axolelwe izono zawo.+ 32  Sizibonele ezi zinto,+ ibe umoya oyingcwele+ uThixo awunika abo bamthobelayo usincede saba ngamangqina azo.” 33  Bathi bakuva loo mazwi, bacaphuka kakhulu* baza bafuna ukubabulala. 34  Kodwa umFarisi ekuthiwa nguGamaliyeli,+ umfundisi woMthetho owayehlonitshwa ngabantu bonke, waphakama eNkundleni* waza wayalela ukuba la madoda akhutshwe okomzuzwana. 35  Emva koko wathi: “Madoda akwaSirayeli, yilumkeleni into enicinga ukuyenza ngaba bantu. 36  Ngokomzekelo, kwakhe kwavela uThuda esithi ungumntu obalulekileyo, yaye amadoda amaninzi amalunga ne-400 amlandela. Kodwa wabulawa, yaye bonke abo babemlandela bachithachitheka baphelela esithubeni. 37  Emva kwakhe kwathi gqi uYudas umGalili ngemihla ekwakubhaliswa ngayo, yaye watsala abantu bamlandela. Naye wafa, baza bonke ababemlandela bachithachitheka. 38  Ngoko ke, mna ndithi bayekeni aba bantu, ningayingeni into yabo. Ukuba le nto okanye lo msebenzi bawenzayo ngowabantu, awuzukuphumelela; 39  kodwa ukuba ngokaThixo, anizukukwazi ukubayekisa.+ Kunoko ningazibhaqa sele nisilwa noThixo ngokwakhe.”+ 40  Balimamela icebiso lakhe, bababiza abapostile, babakatsa,*+ babaxelela ukuba bayeke ukuthetha ngegama likaYesu, baza babakhulula. 41  Abapostile baphuma phambi kwaloo Nkundla* bevuya,+ kuba uThixo wayebabona bekufanelekele ukuhlaziswa ngenxa yegama likaYesu. 42  Baqhubeka befundisa bengapheli mandla yonke imihla etempileni nakwindlu ngendlu,+ yaye beshumayela iindaba ezilungileyo ezingoKristu uYesu.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “wobu bomi.”
Ngokoqobo, “iSanhedrin.”
Ngokoqobo, “kweSanhedrin.”
Ngokoqobo, “ukuzisa igazi lalo mntu phezu kwethu.”
Okanye “emthini.”
Okanye “baxheleka.”
Ngokoqobo, “kwiSanhedrin.”
Okanye “bababetha.”
Ngokoqobo, “kweSanhedrin.”