IZenzo Zabapostile 11:1-30

  • UPetros ucacisela abapostile yonke into eyenzekileyo 1-18)

  • UBharnabhas noSawule kwa-Antiyokwe eSiriya (19-26)

    • Abafundi bakaYesu baqalisa ukubizwa amaKristu (26)

  • UAgabho uprofeta ngendlala (27-30)

11  Abapostile nabazalwana ababekwelakwaYuda beva ukuba nabantu beentlanga babelamkele ilizwi likaThixo.  Ngoko xa uPetros wenyuka waya eYerusalem, abantu abaxhasa ulwaluko+ bamgxeka,  besithi: “Wena ungene endlini yamadoda angalukanga, watya nawo.”  UPetros wabacacisela yonke into, esithi:  “Bendikwisixeko ­saseYopa ndithandaza, ndaza ndabona umbono wento* engathi lilaphu elikhulu lelinen lisihla lisuka ezulwini libanjwe ngeekona zalo ezine, lada lazokufika kum.+  Ndiye ndaliqwalasela, ndabona izilwanyana ezinemilenze emine, ezasendle, ezirhubuluzayo neentaka.  Ndiye ndeva nelizwi lisithi kum: ‘Vuka Petros, xhela utye!’  Kodwa ndiye ndathi: ‘Andinakukwazi Nkosi, kuba zange ndayitya nantoni na engcolileyo.’  Liye lathetha okwesibini ilizwi elivela ezulwini lisithi: ‘Sukuthi zingcolile izinto uThixo azicocileyo.’ 10  Le nto iphinde yenzeka okwesithathu, yaza yonke into yenyuselwa ezulwini. 11  Kanye ngelo xesha, kuye kwafika amadoda amathathu kula mzi besikuwo, ethunyelwe kum esuka eKesareya.+ 12  Emva koko umoya uye wandixelela ukuba ndihambe nawo, ndingathandabuzi. Kodwa aba bazalwana bathandathu baye bandikhapha sayokungena endlini kaKorneli. 13  “Uye wasibalisela ukuba ubone ingelosi imi endlini yakhe isithi: ‘Thumela abantu eYopa ukuba bakubizele uSimon okwabizwa ngokuba nguPetros,+ 14  yaye uza kukuxelela izinto ezinokukusindisa wena nayo yonke indlu yakho.’ 15  Kodwa ndithe xa ndiqalisa ukuthetha, bafikelwa ngumoya oyingcwele ngendlela owasifikela ngayo nathi ekuqaleni.+ 16  Loo nto iye yandikhumbuza into eyayidla ngokuthethwa yiNkosi isithi: ‘UYohane wabhaptiza ngamanzi,+ kodwa nina niza kubhaptizwa ngomoya oyingcwele.’+ 17  Ukuba ke uThixo ubanike isipho sasimahla awasinika sona nathi thina bakholelwa kwiNkosi uYesu Kristu, bendingubani ke ukuba ndingade ndikwazi ukunqanda uThixo?”*+ 18  Xa beva ezi zinto bayeka ukumgxeka baza bazukisa uThixo, besithi: “Kuyacaca ke ukuba uThixo unike nabantu beentlanga ithuba lokuguquka ukuze bafumane ubomi.”+ 19  Emva kokubulawa kukaStefano,+ amanye amakholwa athi saa ayokutsho eFenike, eSipro nakwa-Antiyokwe, kodwa ayeshumayela kumaYuda kuphela.+ 20  Kodwa ke amanye amakholwa awayesuka eSipro naseKirene eza kwa-Antiyokwe aza athetha nabantu abathetha isiGrike, eshumayela iindaba ezilungileyo ezingeNkosi uYesu. 21  UYehova* wayewaxhasa yaye baninzi ababa ngamakholwa baza balandela iNkosi.+ 22  Ibandla laseYerusalem leva ngabo laza lathumela uBharnabhas+ wayokufika kwa-Antiyokwe. 23  Ukufika kwakhe wabona indlela uThixo abenzele ngayo ububele* aba bantu, wavuya waza wabakhuthaza ukuba baqhubeke bezimisele ukulandela iNkosi;+ 24  kuba wayeyindoda elungileyo yaye enomoya oyingcwele nokholo. Abantu abaninzi baguquka, bakholwa eNkosini.+ 25  Ngoko waya eTarso eye kukhangela uSawule.+ 26  Ukumfumana kwakhe, waya naye kwa-Antiyokwe. Ngoko unyaka wonke babesiya kwibandla lalapho, befundisa abantu abaninzi. Yaqala apho kwa-Antiyokwe into yokuba abafundi babizwe ngokuba ngamaKristu, ngokomyalelo kaThixo.+ 27  Ngezo ntsuku kwehla abaprofeti+ bevela eYerusalem beza kwa-Antiyokwe. 28  Omnye wabo, uAgabho+ waphakama waza waprofeta eqhutywa ngumoya ukuba kwakuza kubakho indlala enkulu emhlabeni wonke.+ Loo nto yenzeka ngexesha likaKlawudiyo. 29  Ngoko abafundi bazimisela kangangoko babenako+ ukubathumelela izinto+ abazidingayo abazalwana ababehlala kwelakwaYuda; 30  ezi zinto bazinika uBharnabhas noSawule+ ukuba bazinike abadala.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “wento efana nesitya.”
Okanye “ukuma endleleni kaThixo.”
Okanye “ububele obungabafanelanga.”