IZenzo Zabapostile 24:1-27

  • Izityholo abekwa zona uPawulos (1-9)

  • UPawulos uzithethelela kuFeliks (10-21)

  • Ityala likaPawulos limiswa iminyaka emibini (22-27)

24  Emva kweentsuku ezintlanu, umbingeleli omkhulu uAnaniyas+ weza nabanye abadala negqwetha ekuthiwa nguTertulo, yaye baxelela umlawuli ukuba bammangalela ngantoni uPawulos.+  Emva kokuba ebiziwe, uTertulo wathi: “Sinandipha uxolo yaye ngoku ziyaphucuka izinto kolu hlanga ngenxa yamacebo akho,  Feliks Ohloniphekileyo. Siza kuhlala siyivuma naphi na loo nto, ibe sikubulela kakhulu.  Mandingakulibazisi, ndicela usenzele ububele ngokuthi usimamele nje kancinci.  Kuba sifumene le ndoda ihluphayo,+ eyenza amaYuda asemhlabeni wonke angalawuleki,+ neyinkokheli yelaa qela lamaNazarete.+  Iye yazama nokungcolisa itempile, sayibamba.+  *——  Nawe xa uyibuza, uza kuzibonela ukuba ziyinyani zonke ezi zinto siyimangalela ngazo.”  NamaYuda angenelela, engqina ukuba ziyinyani zonke ezo zinto. 10  Xa umlawuli wanqwalayo ukuze uPawulos aphendule, uPawulos wathi: “Ndazi kakuhle ukuba sele kuyiminyaka uyijaji kolu hlanga, ngoko ndikhululekile ukuzithethelela kuwe.+ 11  Akukapheli neentsuku eziyi-12 ndiye kukhonza eYerusalem. Ungazibuzela nawe.+ 12  Khange bandibone ndixambulisana namntu etempileni okanye ndivusa uqhushululu, nokuba kukwindlu ekukhonzelwa kuyo okanye esixekweni. 13  Abanabo nobungqina bezi zinto bandityhola ngazo ngoku. 14  Into endiyivumayo kukuba, le nto bona bathi liqela lamaNazarete, yindlela endimkhonza ngayo uThixo wookhokho bam,+ kuba ndizikholelwa zonke izinto ezibhalwe eMthethweni nakwiincwadi zabaProfeti.+ 15  Ndinethemba, phofu abanalo naba bantu, lokuba uThixo uza kuvusa+ abantu abangamalungisa nabangengomalungisa.+ 16  Ngoko ndihlala ndizama ukuba nesazela esicocekileyo* phambi koThixo nabantu.+ 17  Ngoku ke, emva kokuba ndihambe iminyaka emininzi, ndiye ndabuya ndiphathele uhlanga lwakowethu izipho,+ ndizokwenza neminikelo. 18  Kuthe kusenjalo, badibana nam etempileni sendigqibile ukuzicoca,+ ndingahlelanga nabantu abaninzi yaye ndingavusi qhushululu. Kodwa bekukho amaYuda avela kwiphondo laseAsiya, 19  ebekumele ukuba aze kundimangalela ukuba nyhani ndinetyala.+ 20  Okanye ke la madoda alapha mawatsho ngokwawo ukuba leliphi ityala alifumeneyo kum xa bendikwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda,* 21  ngaphandle kwale nto inye endayikhwazayo phambi kwabo ndisithi: ‘Ndigwetywa kuba ndikholelwa ukuba abantu abafileyo baza kuvuswa!’”+ 22  Noko ke uFeliks, owayeyazi kakuhle iNdlela+ YeNkosi, wawamisa la madoda, wathi: “Ndiza kugqiba ngeli tyala lenu xa kufike uLisiya umphathi-mkhosi.” 23  Emva koko wayalela igosa lomkhosi ukuba ivalelwe le ndoda kodwa ke ibe nayo inkululeko, baze bavunyelwe nabantu bayo ukuba bayinike izinto ezidingayo. 24  Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, uFeliks weza ehamba noDrusila umfazi wakhe owayengumYuda, wabiza uPawulos waza wammamela ethetha ngokukholwa kuKristu Yesu.+ 25  Kodwa njengokuba uPawulos wayethetha ngobulungisa, ngokuzibamba nangomgwebo oza kuza,+ uFeliks wothuka wathi: “Khawube uhamba okwangoku, ndiza kukubiza xa ndiphinde ndafumana ithuba.” 26  Wayenethemba lokuba uPawulos uza kumnika imali. Ngoko wayemana embiza aze ancokole naye. 27  Kodwa emva kweminyaka emibini, kwangena uPorkiyo Festo endaweni kaFeliks; yaye kuba uFeliks wayefuna ukuzithandisa kumaYuda,+ wamshiya evalelwe uPawulos.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “esimsulwa.”
Ngokoqobo, “bendikwiSanhedrin.”