IZenzo Zabapostile 15:1-41

  • Kwa-Antiyokwe kuphikiswana ngolwaluko (1, 2)

  • Kuziswa umbuzo eYerusalem (3-5)

  • Kudibana abadala nabapostile (6-21)

  • Iileta ezivela kwiqumrhu elilawulayo (22-29)

  • Amabandla akhuthazwa ngeleta (30-35)

  • UPawulos noBharnabhas bayohlukana (36-41)

15  Kweza amanye amadoda evela kwelakwaYuda aza afundisa abazalwana esithi: “Ukuba anoluki ngokwesiko likaMoses,+ aninakusindiswa.”  Emva kokuba loo madoda ephikisene kakhulu noPawulos noBharnabhas, kwathunyelwa uPawulos, uBharnabhas nabanye abafundi ukuba benyuke baye kubuza ngale nto kubapostile nakubadala eYerusalem.+  Emva kokuba ibandla libakhaphile lajika endleleni, badlulela eFenike naseSamariya, bebalisa ngokweenkcukacha ngendlela abantu beentlanga abaguquke ngayo, ibe loo nto yabavuyisa kakhulu bonke abazalwana.  Ukufika kwabo eYerusalem, bamkelwa ngobubele libandla, ngabapostile nangabadala, yaye babalisa ngezinto ezininzi ezazenziwe nguThixo esebenzisa bona.  Kodwa abanye ababekade bekwiqela labaFarisi baza baba ngamakholwa, baphakama ezitulweni zabo bathi: “Kuza kufuneka boluke baze baxelelwe ukuba bathobele uMthetho KaMoses.”+  Ngoko abapostile nabadala badibana ukuze bathethe ngale nto.  Emva kokuba bexoxe ixesha elide, uPetros waphakama wathi: “Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle into yokuba kwasekuqaleni uThixo wakhetha mna phakathi kwenu ukuba ndishumayele iindaba ezilungileyo kubantu beentlanga ukuze bakholwe.+  UThixo, oyaziyo intliziyo,+ wabonisa ukuba uyabamkela ngokubanika umoya oyingcwele,+ kanye njengokuba wenzayo nakuthi.  Akazange enze kubekho mahluko phakathi kwethu nabo,+ kodwa wazicoca iintliziyo zabo ngenxa yokholo abanalo.+ 10  Kutheni ke ngoku nimvavanya uThixo ngokuthwalisa abafundi idyokhwe+ eyaboyisayo ookhokho bethu yasoyisa nathi?+ 11  Endaweni yaloo nto, siyakholelwa ukuba siza kusindiswa ngenxa yobubele* beNkosi uYesu+ kanye njengabo.”+ 12  Emva koko kwathi cwaka, baza bamamela uBharnabhas noPawulos, bebalisa ngemimangaliso nezinto ezinkulu aye uThixo wazenzela abantu beentlanga esebenzisa bona. 13  Ukugqiba kwabo ukuthetha, uYakobi wathi: “Madoda, bazalwana, khanindimamele. 14  USimiyon+ uye wabalisa kakuhle ukuba uThixo uye waqalisa ukubakhetha ezintlangeni abantu abaza kubizwa ngegama lakhe.+ 15  Le nto ivumelana nezinto ezibhalwe ngabaProfeti, besithi: 16  ‘Emva kwezi zinto, ndiza kuyivusa indlu* kaDavide ewileyo; ndiza kuphinda ndiyakhe, 17  ukuze abantu abashiyekileyo bamfune ngokuzimisela uYehova, kunye nabantu bazo zonke iintlanga, abantu ababizwa ngegama lam, utsho uYehova* ozenzayo ezi zinto,+ 18  awaceba ukuzenza kwakudala.’+ 19  Ngoko ke elam lithi,* mabangakhathazwa abantu beentlanga abaguqukela kuThixo,+ 20  kodwa mababhalelwe ukuba baphephe izinto ezibingelelwe kwizithixo,+ ukuziphatha kakubi ngesondo,*+ izinto ezikrwitshiweyo* negazi.+ 21  Kuba ukususela kwakudala kwakukho abantu abashumayela ngomthetho kaMoses kuzo zonke izixeko, kuba lo mthetho ufundelwa abantu qho ngesabatha+ kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda.” 22  Abapostile, abadala nalo lonke ibandla bagqiba kwelokuba bakhethe phakathi kwabo amadoda ababeza kuwathumela kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas. Bathumela uYudas owayekwabizwa ngokuba nguBharsabhas kunye noSilas,+ amadoda akhokelayo phakathi kwabazalwana. 23  Babhala ileta baza bayithumela ngabo. Le leta yayisithi: “Abapostile nabadala, abazalwana benu, babhalela abazalwana beentlanga bakwa-Antiyokwe,+ baseSiriya naseKilikiya: Siyabulisa! 24  Ekubeni siye seva ukuba kukho abanye bethu abaye banikhathaza ngento abayithethileyo+ kuni bezama ukunilahlekisa, phofu singabathumanga, 25  sonke siye sagqiba kwelokuba sikhethe amadoda esiza kuwathumela kuni kunye noBharnabhas noPawulos abathandekayo, 26  amadoda aye anikela ngobomi bawo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.+ 27  Ngoko ke sithumela uYudas noSilas, ukuze nabo banixelele ezi zinto.+ 28  Kuba umoya oyingcwele+ usincede sabona ukuba masinganongezeli mthwalo ngaphandle kwezi zinto zibalulekileyo: 29  ukuba niziphephe izinto ezibingelelwe kwizithixo,+ igazi,+ nezinto ezikrwitshiweyo,+ yaye ningaziphathi kakubi ngesondo.*+ Ukuba niyaqiniseka ukuba niyaziphepha ezi zinto, niza kuphumelela. Kamnandi!” 30  Ngoko la madoda aphuma aya kwa-Antiyokwe, afika aqokelela abafundi aza abanika loo leta. 31  Emva kokuba beyifundile bavuya kuba yabakhuthaza. 32  Ekubeni uYudas noSilas babengabaprofeti, nabo babakhuthaza abazalwana ngeentetho ezininzi baza babomeleza.+ 33  Emva kwethutyana behleli apho, bakhululwa ngoxolo ngabazalwana ukuba babuyele kwabo babebathumile. 34  *—— 35  Kodwa yena uPawulos noBharnabhas bashiyeka kwa-Antiyokwe befundisa yaye beshumayela nabanye abafundi abaninzi, iindaba ezilungileyo zelizwi likaYehova.* 36  Emva kwexesha elithile uPawulos wathi kuBharnabhas: “Ngoku makhe sibuyele kubazalwana abakuzo zonke izixeko esashumayela kuzo ilizwi likaYehova* ukuze sibone ukuba banjani.”+ 37  UBharnabhas wafuna kuhanjwe noYohane, owayebizwa ngokuba nguMarko.+ 38  Kodwa uPawulos wayengafuni bahambe naye, kuba wayebashiyile xa babesePamfiliya akaya kushumayela nabo.+ 39  Ngoko baxambulisana benomsindo, kangangokuba bohlukana, waza uBharnabhas+ wathatha uMarko bahamba ngesikhephe baya eSipro. 40  UPawulos wakhetha uSilas wahamba naye, emva kokuba abazalwana bethandazile bacela uYehova* ukuba amenzele ububele* uPawulos.+ 41  Wayityhutyha iSiriya neKilikiya, ekhuthaza amabandla.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “intente.”
Okanye “isigqibo sam sithi.”
Okanye “ezibulewe zingophiswanga.”
Okanye “ukuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ningahenyuzi.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ububele obungamfanelanga.”