ISityhilelo Esiya KuYohane 3:1-22

  • Imiyalezo eya eSardesi (1-6), eFiladelfi (7-13), naseLawodike (14-22)

3  “Bhalela ingelosi yebandla eliseSardesi uthi: Lo unoomoya abasixhenxe bakaThixo+ neenkwenkwezi ezisixhenxe,+ uthi: ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, ubonakala* uphilile, kodwa eneneni ufile.+  Hlala uphaphile,+ uze uzomeleze izinto eziseleyo ebezisele ziza kufa, kuba ndifumanise ukuba imisebenzi yakho awuyenzi ngokupheleleyo phambi koThixo wam.  Ngoko ke, qhubeka uyikhumbula into oyibonileyo noyivileyo, yaye uqhubeke uyigcina, futhi uguquke.+ Nakanjani ukuba awuvuki, ndiza kukufikela njengesela,+ awuzukulazi tu ixesha endiza kukufikela ngalo.+  “‘Noko ke, unabantu abambalwa* eSardesi abangazingcolisanga iimpahla zabo,+ baza kuhamba nam benxibe ezimhlophe,+ kuba bayayifanelekela loo nto.  Umntu owoyisileyo+ ndiza kumnxibisa iimpahla ezimhlophe+ ibe andizukulicima igama lakhe kwincwadi yobomi.+ Ndiza kulivuma igama lakhe phambi koTata wam naphambi kweengelosi zakhe.+  Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’  “Bhalela ingelosi yebandla eliseFiladelfi uthi: Lowo ungcwele,+ uyinyaniso,+ onesitshixo sikaDavide,+ ovulayo kungabikho mntu uvalayo, avale kungabikho mntu uvulayo, uthi:  ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo. Jonga! Ndikuvulele umnyango phambi kwakho,+ ekungekho mntu onokukwazi ukuwuvala. Ndiyazi ukuba awunamandla kangako, ibe uye waligcina ilizwi lam, awalikhanyela igama lam.  Jonga! Abo beqela likaSathana baxoka besithi bangamaYuda, kodwa bengengawo,+ ndiza kubenza beze kuwe baze baqubude phambi kweenyawo zakho yaye ndiza kubenza bazi ukuba ndiyakuthanda. 10  Uligcinile ilizwi olivileyo ngokunyamezela kwam,+ ngoko ndiza kukugcina ngexesha lovavanyo,+ eliza kubafikela bonke abantu emhlabeni, ukuze kuvavanywe abo bahlala kuwo. 11  Ndiza ngokukhawuleza.+ Qhubeka ubambelele nkqi kwizinto onazo, ukuze kungabikho mntu usithathayo isithsaba sakho.+ 12  “‘Umntu owoyisayo ndiza kumenza intsika kwitempile kaThixo wam, yaye akasoze aphinde aphume kuyo. Ndiza kulibhala kuye igama likaThixo wam+ negama lesixeko sikaThixo wam, iYerusalem Entsha+ ehla iphuma ezulwini kuThixo wam, negama lam elitsha.+ 13  Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’ 14  “Bhalela ingelosi yebandla eliseLawodike+ uthi: UAmen+ ingqina+ elithembekileyo neliyinyaniso,+ isiqalo sendalo kaThixo,+ uthi: 15  ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, awubandi yaye awukho shushu. Akwaba ububanda okanye ushushu. 16  Ngoko ngenxa yokuba udikidiki, ungekho shushu+ yaye ungabandi,+ ndiza kukugabha uphume emlonyeni wam. 17  Ngenxa yokuba uthi: “Ndisisityebi,+ ndifumene ubutyebi, andidingi nto,” kodwa awazi ukuba awonwabanga, ulusizana, ihlwempu, imfama kwaye uhamba ze, 18  ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide esulungekiswe ngomlilo ukuze ube sisityebi, neempahla ezimhlophe ukuze unxibe, ugqume ihlazo lakho lokuba uze,+ nento yokuthambisa amehlo+ ukuze uwathambise uze ubone.+ 19  “‘Bonke abantu endibathandayo ndiyabaluleka ndize ndibaqeqeshe.+ Ngoko ke zimisele, uguquke.+ 20  Jonga! Ndimi emnyango, ndiyankqonkqoza. Ukuba umntu uyaliva ilizwi lam aze avule, ndiza kungena endlini yakhe ndize nditye isidlo sangokuhlwa naye aze naye atye nam. 21  Umntu owoyisayo+ uza kuhlala nam kwitrone yam,+ njengokuba nam ndoyisayo ndaza ndahlala+ noTata kwitrone yakhe. 22  Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “uzenzele igama lokuba.”
Okanye “unamagama ambalwa.”