ISityhilelo Esiya KuYohane 16:1-21

  • Izitya ezisixhenxe zomsindo kaThixo (1-21)

    • Zigalelwa emhlabeni (2), elwandle (3), emilanjeni nakwimithombo (4-7), elangeni (8, 9), kwitrone yerhamncwa (10, 11), kumEfrate (12-16), nasemoyeni (17-21)

    • Imfazwe kaThixo eArmagedon (14, 16)

16  Ndeva ilizwi elikhulu liphuma kwindawo engcwele+ lisithi kwiingelosi ezisixhenxe: “Hambani niyokuwugalela umsindo kaThixo okwizitya ezisixhenxe.”+  Yahamba eyokuqala, yasigalela isitya sayo emhlabeni.+ Abantu ababenophawu lwerhamncwa+ nababekhonza umfanekiso walo+ baba nesilonda esibuhlungu nesinwenwayo.+  Eyesibini yasigalela elwandle isitya sayo.+ Ulwandle lwajika lwaba ligazi+ elifana nelomntu ofileyo, zaza zafa zonke izidalwa eziphilayo, yonke into eselwandle.+  Eyesithathu yasigalela emilanjeni nakwimithombo yamanzi isitya sayo,+ aza loo manzi ajika aba ligazi.+  Ndeva ingelosi enegunya phezu kwamanzi isithi: “Ulilungisa Wena ukhoyo nowayekho,+ Wena uthembekileyo,+ kuba uye wawisa ezi zigwebo,+  kuba baye bachitha igazi labangcwele nelabaprofeti,+ ngoko ubanike igazi ukuba balisele.+ Ibafanele loo nto.”+  Ndeva nesibingelelo sisithi: “Ewe Yehova* Thixo Somandla,+ ziyinyaniso yaye zibubulungisa izigwebo zakho.”+  Eyesine yasigalela elangeni isitya sayo,+ laza ilanga lavunyelwa ukuba libagqatse ngomlilo abantu.  Abantu bagqatswa bobo bushushu bungathethekiyo, kodwa balingcolisa igama likaThixo, onegunya phezu kwezi zibetho, yaye abazange baguquke baze bamzukise. 10  Eyesihlanu yasigalela kwitrone yerhamncwa isitya sayo. Ngoko ubukumkani balo benziwa mnyama,+ baza abantu baziluma ulwimi ngenxa yeentlungu, 11  kodwa bathetha kakubi ngoThixo wezulu ngenxa yeentlungu nangenxa yezilonda zabo, yaye abazange baguquke kwizinto ababezenza. 12  Eyesithandathu yasigalela kumlambo omkhulu umEfrate+ isitya sayo, aza atsha amanzi awo+ ukuze bavulelwe indlela ookumkani+ abavela ekuphumeni kwelanga.* 13  Ndabona amazwi amathathu aphefumlelweyo* nangacocekanga, awayengathi ngamasele. Loo mazwi ayephuma emlonyeni wenamba,+ emlonyeni werhamncwa nasemlonyeni womprofeti wobuxoki. 14  La ngamazwi aphefumlelwe ziidemon nawenza imiqondiso,+ ibe aphuma aye kookumkani bomhlaba wonke, ukuze abaqokelelele kwimfazwe+ yemini enkulu kaThixo uSomandla.+ 15  “Jonga! Ndiza njengesela.+ Wonwabile umntu ohlala ethe qwa+ nozigcinayo izambatho zakhe zangaphezulu, ukuze angahambi ze baze abantu babone ihlazo lakhe.”+ 16  Abaqokelela kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiArmagedon.*+ 17  Eyesixhenxe yasigalela emoyeni isitya sayo. Kwaphuma ilizwi elikhulu kwindawo engcwele+ livela etroneni, lisithi: “Kugqityiwe!” 18  Kwabakho imibane namazwi neendudumo, kwabakho nenyikima enkulu nenamandla ekungazange kubekho injengayo kwimbali yabantu emhlabeni.+ 19  Isixeko esikhulu+ sahlukana kathathu, yaye izixeko zeentlanga zawa. IBhabhiloni Enkulu+ yakhunjulwa nguThixo, ukuze ayinike indebe yewayini emela umsindo wakhe ovuthayo.+ 20  Kwakhona zonke iziqithi zabaleka, neentaba azafunyanwa.+ 21  Emva koko, kwawa amatye esichotho amakhulu,+ anobunzima obulingana nobetalente,* baza abantu bathetha kakubi ngoThixo ngenxa yeso sibetho sesichotho,+ kuba sasisikhulu ngendlela engaqhelekanga.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “empuma.”
Ngokoqobo, “oomoya abathathu abamdaka.”
NgesiGrike, yiHar ­Ma·ge·donʹ. Eli gama lithathwe kwigama lesiHebhere elithetha ukuthi “INtaba IMegido.”
Italente yamaGrike yayilingana ne-20,4 kg. Funda Isihlomelo B14.