ISityhilelo Esiya KuYohane 1:1-20

  • Isityhilelo sikaThixo esityhilwa nguYesu (1-3)

  • Kubuliswa amabandla asixhenxe (4-8)

    • “NdinguAlfa no-Omega” (8)

  • UYohane uboniswa imini yeNkosi ngumoya oyingcwele (9-11)

  • Umbono kaYesu ezukile (12-20)

1  Isityhilelo esityhilwa nguYesu Kristu, asinikwe nguThixo,+ ukuba abonise amakhoboka akhe+ izinto ezimele zenzeke kungekudala. Esebenzisa ingelosi yakhe, wasityhilela ikhoboka lakhe uYohane+ ngemiqondiso,  yena owangqinayo ngelizwi uThixo awalikhuphayo nangezinto ezathethwa nguYesu Kristu. Eneneni wangqina ngazo zonke izinto awazibonayo.  Wonwabile umntu owafunda ngokuvakalayo amazwi esi siprofeto nabo bawevayo amazwi aso, nabazenzayo izinto ezibhalwe kuso,+ kuba ixesha elibekiweyo lisondele.  UYohane ubhalela amabandla asixhenxe+ akwiphondo laseAsiya esithi: Kwanga ningenzelwa ububele* nize nibe noxolo oluvela “kuLowo ukhoyo nowayekho nozayo,”+ nakoomoya abasixhenxe+ abaphambi kwetrone yakhe,  nakuYesu Kristu, “iNgqina Elithembekileyo,”+ “owaba ngowokuqala ukuvuswa ekufeni,”+ “noMlawuli wookumkani bomhlaba.”+ Kulowo usithandayo+ nosikhululayo kwizono zethu ngegazi lakhe,+  osenze saba ngookumkani+ nababingeleli+ kuThixo wakhe noTata wakhe, makubekho uzuko namandla ngonaphakade. Amen.  Jongani! Uza ngamafu,+ yaye onke amehlo aza kumbona, kunye nabo bamhlabayo. Zonke izizwe zomhlaba ziza kuzibetha esifubeni zisentlungwini ngenxa yakhe.+ Ziza kwenzeka nyhani ezi zinto, Amen.  “NdinguAlfa no-Omega,”*+ utsho uYehova* uThixo, “Lowo ukhoyo nowayekho nozayo, uSomandla.”+  Mna Yohane, umzalwana wenu ova ubunzima kunye nani+ noza kulawula kunye nani ebukumkanini,+ nonyamezeleyo+ ngokumanyene noYesu,+ ndaba kwisiqithi ekuthiwa yiPatmos ngenxa yokuthetha ngoThixo nangokungqina ngoYesu. 10  Umoya oyingcwele wandinceda ndabona izinto ezaziza kwenzeka ngemini yeNkosi, yaye ndeva emva kwam ilizwi elinamandla njengelexilongo, 11  lisithi: “Le nto uyibonayo yibhale kumsongo, emva koko uwuthumele kula mabandla asixhenxe: iEfese,+ iSmirna,+ iPergamo,+ iTiyatira,+ iSardesi,+ iFiladelfi+ neLawodike.”+ 12  Ndajika ukuze ndibone ukuba ngubani lo uthetha nam, ndabona iziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe,+ 13  yaye phakathi kwezo ziphatho zezibane ndabona umntu onjengonyana womntu+ enxibe isambatho esifika ezinyaweni, enombhinqo wegolide esifubeni. 14  Ngaphezu koko, intloko yakhe neenwele zakhe zazimhlophe okoboya obumhlophe nanjengekhephu, amehlo akhe enjengedangatye lomlilo,+ 15  iinyawo zakhe zinjengekopolo esulungekileyo+ xa imenyezela eziko, lona ilizwi lakhe lalinjengesandi samanzi amaninzi. 16  Esandleni sakhe sasekunene kwakukho iinkwenkwezi ezisixhenxe,+ emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elide elibukhali macala,+ ubuso bakhe bunjengelanga xa liqaqambe kakhulu.+ 17  Ndathi ndakumbona, ndawa ezinyaweni zakhe, ndanjengofileyo. Yena wabeka isandla sakhe sasekunene phezu kwam, wathi: “Sukoyika. NdingowokuQala+ nowokuGqibela,+ 18  nophilayo,+ ndandifile+ kodwa jonga ngoku ndiyaphila ngonaphakade kanaphakade,+ yaye ndinezitshixo zokufa nezengcwaba.*+ 19  Ngoko zibhale phantsi izinto ozibonileyo, nezinto ezenzekayo ngoku neziza kwenzeka emva koku. 20  Nantsi imfihlelo engcwele yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibone esandleni sam sasekunene, nemfihlelo engeziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe: Iinkwenkwezi ezisixhenxe zimela iingelosi zamabandla asixhenxe, yaye iziphatho zezibane ezisixhenxe zimela amabandla asixhenxe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungasifanelanga.”
UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngunobumba wokugqibela.