ISityhilelo Esiya KuYohane 12:1-17

  • Umfazi, unyana, nenamba (1-6)

  • UMikayeli ulwa nenamba (7-12)

    • Inamba iphoswa emhlabeni (9)

    • UMtyholi uyazi ukuba ixesha analo lifutshane (12)

  • Inamba itshutshisa umfazi (13-17)

12  Emva koko kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini, umfazi+ enxityiswe ilanga, kukho inyanga phantsi kweenyawo zakhe, enesithsaba esineenkwenkwezi eziyi-12 entloko,  yaye wayekhulelwe. Wayekhala ngenxa yeentlungu kuba eza kubeleka.  Kwavela nomnye umbono ezulwini. Yayingumbono wenamba enkulu enombala ofana nowomlilo.+ Yayineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, yaye kwintloko nganye yayinesithsaba.  Ngomsila wayo, le namba yayirhuqa inkwenkwezi enye kwezintathu+ zezulu, yazigibisela ezantsi emhlabeni.+ Yaqhubeka imile phambi komfazi+ owayeseza kubeleka, ukuze, emva kokuba ezele, imqwenge loo mntwana wakhe.  Wazala unyana,+ inkwenkwe, eza kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi.+ Umntwana wakhe wathathwa wasiwa kuThixo nakwitrone yakhe.  Yena umfazi wabalekela entlango, apho anendawo ayilungiselelwe nguThixo, nalapho babeza kumondla khona iintsuku eziyi-1 260.+  Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli*+ neengelosi zakhe balwa idabi nenamba, yazilwela nayo inamba ikunye neengelosi zayo  kodwa azizange zoyise,* zaza zaphelelwa yindawo ezulwini.  Ngoko yaphoswa phantsi emhlabeni inamba enkulu,+ laa nyoka yakudala,+ le ibizwa ngokuba nguMtyholi,+ uSathana,+ lo ulahlekisa umhlaba wonke.+ Waphoswa phantsi emhlabeni,+ neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye. 10  Ndaza ndeva ilizwi elikhulu ezulwini lisithi: “Ngoku lufikile usindiso+ namandla nobukumkani bukaThixo wethu+ negunya likaKristu wakhe, kuba uye waphoswa phantsi lowo umangalela abazalwana bethu, obamangalela imini nobusuku phambi koThixo wethu!+ 11  Baye bamoyisa+ ngenxa yokuba namandla kwegazi leMvana*+ nangenxa yelizwi abaye bangqina ngalo.+ Khange bayithande imiphefumlo yabo*+ naxa bejongene nokufa. 12  Ngoko vuyani nina mazulu nani nihlala kuwo! Usengxakini ke wena mhlaba nawe lwandle,+ kuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo kakhulu, kuba uyazi ukuba ixesha analo lifutshane.”+ 13  Xa inamba yabona ukuba iphoswe phantsi emhlabeni,+ yamtshutshisa umfazi+ owayezele umntwana oyinkwenkwe. 14  Kodwa umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu,+ ukuze abhabhe aye kwindawo yakhe entlango. Apho uza kondliwa ixesha namaxesha amabini nehafu yexesha,+ ekude kwinyoka.+ 15  Inyoka yakhupha amanzi anjengomlambo emlonyeni wayo yawathumela emfazini ukuze arhaxwe ngumlambo. 16  Kodwa umhlaba wamnceda umfazi, kuba wawuvula umlomo wawo waza wawuginya umlambo inamba eyayiwukhuphe emlonyeni wayo. 17  Ngoko inamba yaba nomsindo ngenxa yomfazi, yaza yayokulwa imfazwe nabo bashiyekileyo benzala* yakhe,+ abathobela imiyalelo kaThixo nabanomsebenzi wokungqinela uYesu.+

Umbhalo osemazantsi

Othetha ukuthi “Ngubani OnjengoThixo?”
Okanye kusenokwenzeka, “kodwa yoyiswa [oko kukuthi inamba].”
Okanye “leTakane Legusha.”
Okanye “ubomi babo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “bembewu.”