ISityhilelo Esiya KuYohane 14:1-20

  • IMvana nabayi-144 000 (1-5)

  • Imiyalezo yeengelosi ezintathu (6-12)

    • Ingelosi esesibhakabhakeni ineendaba ezilungileyo (6, 7)

  • Bonwabile abafa bemanyene noKristu (13)

  • Izivuno ezibini emhlabeni (14-20)

14  Emva koko ndabona iMvana*+ imi phezu kweNtaba YeZiyon,+ imi kunye nabantu abayi-144 000,+ abanegama leMvana negama likaTata wayo+ emabunzini abo.  Ndeva isandi esiphuma ezulwini, isandi esifana nesamanzi amaninzi nesendudumo enkulu, yaye eso sandi ndasivayo yayingathi seseemvumi eziculayo ezidlala uhadi.  Zicula ingoma engathi intsha+ phambi kwetrone naphambi kwezidalwa eziphilayo ezine+ nabadala,+ yaye akukho mntu wayekwazi ukuyicula le ngoma ngaphandle kwabo bantu bayi-144 000+ abathengwe emhlabeni.  Aba bantu abazange bazingcolise ngabafazi. Eneneni, zange balala namntu.*+ Bahlala beyilandela iMvana* nokuba iya phi.+ Bathengwa+ ebantwini, baba sisivuno sokuqala+ kuThixo nakwiMvana.*  Abathethi maqhinga yaye abanasiphako.+  Ndabona enye ingelosi ibhabha esibhakabhakeni, ineendaba ezilungileyo eziza kuhlala ngonaphakade, eyayifuna ukuzixelela abantu abahlala emhlabeni, zonke iintlanga, izizwe, iilwimi nezizwana.+  Yayikhwaza ngelizwi elikhulu isithi: “Moyikeni uThixo nize nimzukise, kuba lifikile ixesha lokuba agwebe,+ ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba nolwandle+ nemithombo yamanzi.”  Kwalandela ingelosi yesibini yathi: “Iwile! IBhabhiloni Enkulu+ iwile,+ le yaselisa zonke iintlanga iwayini engumnqweno wayo wokuziphatha kakubi ngesondo!”*+  Kwalandela ingelosi yesithathu, yaza yathi ngelizwi elikhulu: “Nabani na okhonza irhamncwa+ nomfanekiso walo, nophawulwa ebunzi okanye esandleni,+ 10  uza kusela nakwiwayini yomsindo kaThixo egalelwa kwindebe yomsindo wakhe ingaxutywanga,+ yaye uza kungcungcuthekiswa ngomlilo onesalfure+ phambi kweengelosi ezingcwele naphambi kweMvana.* 11  Umsi osuka kumlilo obangcungcuthekisayo unyuka ngonaphakade kanaphakade,+ yaye bangcungcuthekiswa imini nobusuku bengafumani siqabu abo bakhonza irhamncwa nomfanekiso walo, naye nabani na ofumana uphawu lwegama lalo.+ 12  Kufuneka apha ke ukunyamezela kwabo bangcwele,+ abagcina imiyalelo kaThixo nababambelele nkqi ekukholweni+ kuYesu.” 13  Ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Bhala uthi: Bonwabile abo baye bafa bemanyene neNkosi+ ukususela ngoku ukuya phambili. Umoya uthi mabaphumle ekusebenzeni nzima, kuba imisebenzi yabo ihamba nabo.” 14  Emva koko ndabona ilifu elimhlophe, kulo kuhleli umntu onjengonyana womntu,+ enesithsaba segolide entloko yaye ephethe irhengqa elibukhali. 15  Kwathi gqi enye ingelosi ivela kwindawo engcwele yetempile, ikhwaza kulowo uhleli kwilifu isithi: “Faka irhengqa lakho uze uvune, kuba lifikile ixesha lokuvuna, kuba isivuno somhlaba sivuthwe ngokupheleleyo.”+ 16  Lowo wayehleli kwilifu walifaka irhengqa lakhe emhlabeni, waza umhlaba wavunwa. 17  Kwathi gqi nenye ingelosi ivela kwindawo engcwele yetempile ezulwini, nayo iphethe irhengqa elibukhali. 18  Kwathi gqi enye ingelosi ivela esibingelelweni, inegunya phezu komlilo. Yakhwaza kwingelosi eyayiphethe irhengqa elibukhali, yathi: “Faka irhengqa lakho elibukhali uze uqokelele izihlahla zeediliya ezisemhlabeni, kuba iidiliya zawo zivuthiwe.”+ 19  Loo ngelosi yalifaka irhengqa layo emhlabeni, yaziqokelela iidiliya zomhlaba, yaza yazigalela kwisixovulelo esikhulu sewayini esimela umsindo kaThixo.+ 20  Eso sixovulelo sewayini saxovulelwa ngaphandle kwesixeko, kwaza kwaphuma igazi kuso, laphakama laya kuthi gabhu ngemikhala yamahashe, laphuma ukuya kutsho kumgama oziitadiya eziyi-1 600.*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iTakane Legusha.”
Ngokoqobo, “banyulu.”
Okanye “iTakane Legusha.”
Okanye “nakwiTakane Legusha.”
Okanye “wokuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kweTakane Legusha.”
Malunga ne-296 km. Itadiya yayilingana ne-185m. Funda Isihlomelo B14.