INtshumayeli 1:1-18

  • Yonke into ililize (1-11)

    • Umhlaba uhlala ukho ngonaphakade (4)

    • Imijikelo yendalo iyaqhubeka (5-7)

    • Akukho nto intsha phantsi kwelanga (9)

  • Ubulumko bomntu bulinganiselwe (12-18)

    • Ukuleqana nomoya (14)

1  Amazwi omhlanganisi,+ unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.+   “Elona lize!” utsho umhlanganisi,“Elona lize! Yonke into ililize!”+   Kumnceda ngantoni umntu ukusebenza nzimaEbila esoma phantsi kwelanga?+   Kumka esinye isizukulwana, ibe kuseza esinye isizukulwana,Kodwa umhlaba uhlala ukho ngonaphakade.+   Ilanga liyaphuma,* liphinde litshone;Emva koko likhawuleze libuyele* endaweni yalo, liphinde liphume.+   Umoya uya emzantsi, ujikeleze uye emntla;Uyaqhubeka usenza isangqa; umoya ujikeleza ujikelezile.   Yonke imifula* iya elwandle, kodwa ulwandle alugcwali.+Loo mifula ibuyela kwindawo evela kuyo iphinde iqale phantsi.+   Zonke izinto ziyadinisa;Akukho mntu ukwaziyo nokuthetha ngazo. Ilihlo alaneli kukubona;Nendlebe ayigcwali kukuva.   Into eyakha yakhona, iza kuphinda ibekho,Into eyakha yenziwa iza kuphinda yenziwe;Akukho nto intsha phantsi kwelanga.+ 10  Ngaba kukho nantoni na anokuthi umntu ngayo, “Khawujonge le nto, intsha”? Kudala ikhona;Yayisele ikho kwangaphambi kwexesha lethu. 11  Akukho mntu ubakhumbulayo abantu bakudala;Ibe akukho mntu uza kubakhumbula abo bezayo;Bengazukukhunjulwa kwanangabo beza emva kwabo.+ 12  Mna, mhlanganisi, ndibe ngukumkani kaSirayeli eYerusalem.+ 13  Ndazimisela ukusebenzisa ubulumko ukuze ndifunde ndize ndazi+ yonke into eyenziweyo phantsi kwamazulu,+ umsebenzi okruqulayo uThixo awunike oonyana babantu ukuze bahlale bexakekile. 14  Ndayibona yonke imisebenzi eyenziwayo phantsi kwelanga,Yaye jonga! yonke into yayililize nokuleqana nomoya.+ 15  Into egoso ayinakolulwa,Nento engekhoyo ayinakubalwa. 16  Ndathetha nentliziyo yam, ndathi: “Jonga! Ndiye ndaba nobulumko kakhulu, ngaphezu kwakhe nabani na owayengaphambi kwam eYerusalem,+ ndafumana ubulumko nolwazi oluninzi.”+ 17  Ndazimisela ekwazini ubulumko, ekwazini impambano* nasekwazini ubudenge,+ ibe naleyo into kukuleqana nomoya. 18  Kuba umntu onobulumko obuninzi uzibizela ukukruquka okuninzi,Ukuze lowo wandisa ulwazi andise nentlungu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “liyakhazimla.”
Okanye “libuyela likhefuzela.”
Okanye “imifula yasebusika.”
Okanye “ubudenge obugqithiseleyo.”