INtshumayeli 8:1-17

  • Ukulawulwa ngabantu abanesono (1-17)

    • Thobela imiyalelo kakumkani (2-4)

    • Ukulawulwa ngumntu kuyenzakalisa (9)

    • Xa isigwebo singawiswanga ngokukhawuleza (11)

    • Yitya, usele uze wonwabe (15)

8  Ngubani onjengesilumko? Ngubani okwaziyo ukulungisa iingxaki?* Ubulumko bendoda buqaqambisa ubuso bayo buze benze nobuso bayo obuntshingintshingi buswabuluke.  Ndithi: “Thobela umyalelo kakumkani,+ kuba wena wenze isifungo kuThixo.+  Sukukhawuleza umke phambi kukakumkani.+ Ungameli nantoni na embi;+ kuba angenza nantoni na athanda ukuyenza,  kaloku ilizwi likakumkani aliphikiswa;+ ngubani ke onokuthi kuye, ‘Yintoni le uyenzayo?’”  Umntu othobela umyalelo akazukwenzakala,+ yaye intliziyo elumkileyo iza kulazi ixesha nendlela efanelekileyo.*+  Kaloku yonke into ibekelwe ixesha layo nendlela yayo efanelekileyo,*+ kuba abantu baneengxaki ezininzi.  Ekubeni kungekho mntu waziyo ukuba kuza kwenzeka ntoni, ngubani onokumchazela into eza kwenzeka?  Kanye njengokuba kungekho mntu ukwaziyo ukuwulawula okanye ukuwunqanda umoya,* akukho mntu ukwaziyo ukuwulawula umhla wokufa.+ Kanye njengokuba kungekho mntu unokuyekwa ahambe kusaliwa imfazwe, nobubi abunakumyeka aphuncule umntu ozifica ngabo.*  Yonke le nto ndiyibonile, ndaza ndanikela intliziyo yam kwinto yonke eyenziwa phantsi kwelanga; ngalo lonke ixesha umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.*+ 10  Ndabona nabenzi-bubi bengcwatywa, abo babengena bephuma endaweni engcwele, kodwa babekhawuleza balityalwe kwisixeko abenze kuso izinto ezimbi.+ Kwanayo leyo ililize. 11  Ngenxa yokuba isigwebo sento embi singawiswanga ngokukhawuleza,+ intliziyo yomntu iba nesibindi sokwenza izinto ezimbi.+ 12  Nangona umoni esenokwenza izinto ezimbi kalikhulu aze aqhubeke ephila ixesha elide, ndiyazi ukuba ziya kubalungela izinto abo bamoyikayo uThixo wokwenene, kuba bemoyika.+ 13  Kodwa ekugqibeleni, azizukumhambela kakuhle izinto umenzi-bubi,+ engazi kuyolula nemihla yakhe enjengesithunzi,+ kuba akamoyiki uThixo. 14  Kukho into elilize eyenzekayo emhlabeni: Kukho amalungisa aphathwa ngathi enze izinto ezimbi,+ kubekho nabenzi-bubi abaphathwa ngathi bangamalungisa.+ Mna ndithi kwanale ililize. 15  Ngoko ke ndathi kubhetele ukonwaba,+ kuba akukho nto imlungele ngakumbi umntu phantsi kwelanga kunokuba atye, asele, aze onwabe; umele enze ngolu hlobo njengokuba esebenza nzima ngemihla yokuphila kwakhe+ ayinikwe nguThixo wokwenene phantsi kwelanga. 16  Ndazimisela entliziyweni yam ukufumana ubulumko nokubona izinto ezenzeka emhlabeni,+ ndide ndingabuboni nobuthongo imini nobusuku.* 17  Ndaza ndacingisisa ngawo wonke umsebenzi kaThixo wokwenene, ndabona ukuba abantu abanakuze baziqonde kakuhle izinto ezenzeka phantsi kwelanga.+ Kungakhathaliseki ukuba bazama kangakanani na, abakwazi kuziqonda. Nokuba bangathi bazizilumko ngokwaneleyo ukuba baziqonde, abanakukwazi ukuziqonda kakuhle.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “okwaziyo ukutolikwa kwento.”
Okanye “nesigwebo esifanelekileyo.”
Okanye “nesigwebo sayo esifanelekileyo.”
Okanye “impefumlo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ububi babo abunakubasindisa abenzi-bubi.”
Okanye “kukulimala; kukonakalelwa.”
Okanye kusenokwenzeka, “ndabona ukuba abantu abalali nokuba kusemini okanye kusebusuku.”