IMizekeliso 25:1-28

  • Ukugcina iimfihlo (9)

  • Amazwi akhethwe kakuhle (11)

  • Ukungaxhaphaki kwammelwane (17)

  • Ukufumba amalahle phezu kwentloko yotshaba (21, 22)

  • Ingxelo entle injengamanzi abandayo (25)

25  Nale yimizekeliso kaSolomon+ eyakhutshelwa* ngamadoda kaHezekiya+ ukumkani wakwaYuda:   Ukugcina ihlebo kuluzuko kuThixo,+Nozuko lookumkani kukuwugocagoca umbandela.   Njengokuba singasoze sikuqonde ukuphakama kwamazulu nobunzulu bomhlaba,Soze siziqonde neentliziyo zookumkani.   Khupha intlenge kwisilivere,Ibe iza kuphuma isulungeke ngokupheleleyo.+   Susa abenzi-bubi phambi kokumkani,Ibe itrone yakhe iza kutsho ingagungqi ebulungiseni.+   Sukuzenza umntu omkhulu phambi kokumkani,+Uze ungahlali naphakathi kwezikhulu,+   Kuba kungcono ibe nguye othi kuwe, “Nyuka, yiza apha,” Kunokuba akuhlaze phambi kwezikhulu.+   Sukungxama ngokuya kumangala,Kuba uza kuthini xa ummelwane wakho ekuhlaza?+   Thethathethana nommelwane wakho,+Kodwa ungazidizi izinto obuzihletyelwe,*+ 10  Ukuze angakuhlazi lowo umameleyoUngazukukwazi nokuphinda uwaginye naloo mazwi.* 11  Linjengama-apile egolide kwisitya sesilivereIlizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.+ 12  Unjengecici legolide nento yokuhomba yegolide yodidiUmohlwayi osisilumko kwindlebe evayo.+ 13  Ufana nqwa nokubanda kwekhephu ngomhla wokuvunaUmthunywa othembekileyo kwabo bamthumileyo,Kuba uyayihlaziya inkosi yakhe.+ 14  Ufana namafu nomoya ongazisi mvulaUmntu oqhayisa ngesipho angazange aphise ngaso.*+ 15  Ngomonde inkumanda iyacengeka,Nolwimi oluthetha kamnandi* lunokwaphula ithambo.+ 16  Ukuba ufumene ubusi, yitya nje obukulingeneyo,Kuba ukuba ubutya kakhulu, ungabugabha.+ 17  Malungaxhaphaki unyawo lwakho kwammelwane,Ukuze angadikwa nguwe aze akucaphukele. 18  Unjengegqudu lokulwa nekrele notolo olubukhaliUmntu ongqina ubuxoki ngommelwane wakhe.+ 19  Kunjengezinyo elaphukileyo nonyawo oluqhwalelayoUkuthembela ngomntu ongathembekanga* xa usengxakini. 20  Unjengomntu okhulula impahla kubandaNesoda* exutywe nevinigaUmntu oculela intliziyo eyaphukileyo.+ 21  Ukuba utshaba lwakho lulambile,* luphe isonka;Ukuba lunxaniwe, luphe amanzi,+ 22  Uya kuba ufumba amalahle phezu kwentloko yalo,*+Ibe uYehova uza kukuvuza. 23  Umoya ovela emntla uzisa izantyalantyala zemvula,Nolwimi oluhlebayo luzisa ubuso obunomsindo.+ 24  Kungcono ukuhlala ekoneni yophahlaKunokuhlala endlini enye nomfazi onochuku.*+ 25  Injengamanzi abandayo emphefumlweni* odiniweyoIngxelo entle evela kwilizwe elikude.+ 26  Unjengomthombo ongcolileyo nequla elonakeleyoUmntu olungileyo onikezela kumntu* ongalunganga. 27  Akulunganga ukutya ubusi obuninzi,+Kungalunganga nokuzifunela uzuko.+ 28  Unjengesixeko esityhoboziweyo, esingenaludonga,Umntu ongakwaziyo ukuwubamba umsindo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “eyakhutshelwa yaza yaqokelelwa.”
Okanye “ungadizi amahlebo abanye abantu.”
Okanye “uzijike ezo zinyeliso.”
Ngokoqobo, “ngesipho sobuxoki.”
Okanye “oluzolileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “oliqhophololo.”
Okanye “Nealkali.”
Ngokoqobo, “umntu okucaphukelayo ulambile.”
Oko kukuthi, ukuze ulwenze luthambe.
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Okanye “oyekelela kumntu.” Ngokoqobo, “ogxadazela phambi komntu.”