Isaya 48:1-22

  • USirayeli uyakhalinyelwa aze asulungekiswe (1-11)

  • UYehova uza kutshabalalisa iBhabhiloni (12-16a)

  • Imfundiso kaThixo iyanceda (16b-19)

  • “Phumani eBhabhiloni!” (20-22)

48  Yiva apha, wena ndlu kaYakobi,Wena uzibiza ngegama likaSirayeli+Nawe usuka kumanzi akwaYuda,*Wena ufunga ngegama likaYehova,+Uthandaza kuThixo kaSirayeli,Nangona ezi zinto ungazenzi ngokunyaniseka nangobulungisa.+   Kuba bathi basuka kwisixeko esingcwele,+Kwaye bafuna ukuxhaswa nguThixo kaSirayeli,+Ogama linguYehova wemikhosi.   “Izinto ezenzeka kudala* ndakuxelela zingekenzeki. Zaphuma kowam umlomo,Ibe ndazithetha ebantwini.+ Ndazenza ngesiquphe, zaza zenzeka.+   Kuba ndandiyazi indlela onenkani ngayo;Intamo yakho yimisipha yentsimbi, nebunzi lakho yikopolo,+   Ndakuxelela kwakudala. Waziva ngam ngaphambi kokuba zenzeke,Ukuze ungathi, ‘Ezi zinto zenziwe sisithixo sam;Ngumfanekiso wam oqingqiweyo nomfanekiso wam wesinyithi oyalele ukuba zenzeke.’   Uzivile waza wazibonela zonke ezi zinto. Awuzukuzixela ke?+ Ukususela ngoku, ndikuxelela izinto ezintsha,+Iimfihlelo ezibalulekileyo ubukade ungazazi.   Azizange zidalwe kudala, kungona zidalwa ngoku,Zizinto oza kuqala ukuziva namhlanje,Ukuze ungakwazi ukuthi, ‘Jonga! Sendizazi nje.’   Hayi kaloku, awuzange uzive,+ ungazange uzazi,Iindlebe zakho zazikade zivalekile. Kuba ndiyazi kakuhle indlela onamaqhinga ngayo,+Futhi kwathiwa ungumoni usazalwa.+   Kodwa ndiza kuwubamba umsindo wam ngenxa nje yegama lam;+Ibe ndiza kuzinqanda, ngenxa yozuko lwam,Andizukukucima igama.+ 10  Jonga! Ndikusulungekisile, kodwa kungekhona ngohlobo lwesilivere.+ Ndikuvavanye* ezikweni lokunyibilikisa nelentlungu.+ 11  Izinto endizenzayo ndizenza ngenxa yam, ngenxa yam kanye,+Kuba ndingalivumela njani igama lam lingcoliswe?+ Akukho namnye endimnika uzuko lwam. 12  Khawundimamele Yakobi, nawe Sirayeli endimbizileyo. NdisenguLowa.+ Ndingowokuqala; ndikwanguye nowokugqibela.+ 13  Sisandla sam esabeka isiseko somhlaba,+Ibe sisandla sam sasekunene esaneka amazulu.+ Zonke xa ndizibiza, zisabela kunye. 14  Qokelelanani nonke, nize nimamele. Ngubani kubo okhe wazixela ezi zinto? UYehova umthandile.+ Uza kwenza into ayithandayo eBhabhiloni,+Nengalo yakhe iza kuza phezu kwamaKhaledi.+ 15  Mna, mna kanye ndimbizile.+ Uziswe ndim, ibe indlela yakhe iza kuphumelela.+ 16  Sondelani kum, nize nimamele apha. Andizange ndithethe emfihlekweni kwasekuqaleni.+ Ndandikho ukususela kwixesha eyenzeka ngalo.” Yaye ngoku iNkosi enguMongami uYehova indithumile, kunye nomoya wayo. 17  Uthi uYehova, uMhlawuleli wakho, Lowo Ungcwele kaSirayeli:+ “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho,Lowo ukufundisa izinto ezikuncedayo,*+Lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo.+ 18  Ukuba nje ubungayimamela imiyalelo yam!+ Uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo,+Nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle.+ 19  Inzala* yakho ibiza kuba ninzi njengesanti,Ube nezizukulwana ezininzi.+ Igama lazo belingazukucinywa okanye litshatyalaliswe phambi kwam.” 20  Phumani eBhabhiloni!+ Balekani nimke kumaKhaledi. Yithetheni loo nto, khwazani nivuya! Yikhwazeni!+ Yaziseni nakwezona ndawo zikude emhlabeni.+ Yithini: “UYehova umhlawulele umkhonzi wakhe uYakobi.+ 21  Abazange banxanwe xa wayebanqumlisa kwiindawo ezomileyo.+ Wabakhuphela amanzi eliweni;Waqhekeza iliwa ukuze kumpompoze amanzi.”+ 22  “Akukho luxolo kubenzi-bubi,” utsho uYehova.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “Nawe uyinzala kaYuda.”
Ngokoqobo, “zokuqala.”
Okanye “Ndikuhlole.” Okanye kusenokwenzeka, “Ndikukhethe.”
Okanye “Lowo ukufundisa ukuze kulungelwe kwawena.”
Ngokoqobo, “Imbewu.”