Kubalisa uMarko 6:1-56

  • UYesu akamkelwa kummandla wakowabo (1-6)

  • Abapostile abayi-12 baxelelwa izinto abamele bazenze xa beyokushumayela (7-13)

  • UYohane umBhaptizi uyafa (14-29)

  • UYesu upha amadoda ayi-5 000 ukutya (30-44)

  • UYesu uhamba phezu kwamanzi (45-52)

  • Kuphiliswa abantu eGenesarete (53-56)

6  UYesu wemka apho waya kummandla wakowabo,+ elandelwa ngabafundi bakhe.  Kwathi kwakuba yiSabatha, wafundisa kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda,* baza bonke abantu abamvayo bamangaliswa, bathi: “Le ndoda izithatha phi ezi zinto izithethayo?+ Kutheni bunikwe yona obu bulumko bungaka, namandla okwenza imimangaliso emikhulu kangaka?+  Lo ngumchweli+ unyana kaMariya,+ abantakwabo nguYakobi,+ uYosefu, uYudas noSimon,+ andithi? Ayingabo na aba bakunye nathi oodadewabo?” Ngoko bacaphuka.  Kodwa uYesu wathi kubo: “Umprofeti uphathwa ngembeko kuyo yonke indawo, ngaphandle kwakummandla wakowabo, kubantu bakowabo nakwikhaya lakhe.”+  Ngoko akazange akwazi ukwenza mimangaliso apho, ngaphandle kokubeka izandla abantu nje abambalwa abagulayo aze abaphilise.  Wamangaliswa nyhani kukungabi nalukholo kwabo. Wajikeleza iilali zabo, efundisa.+  Wabiza abapostile abayi-12, wabathuma ngababini,+ waza wabanika igunya lokukhupha iidemon.+  Wabayalela ukuba bangaphathi nto ngaphandle kwentonga: bangaphathi sonka, nabhegi yamphako, namali,*+  kodwa banxibe iimbadada, bangaphathi mpahla yakutshintsha. 10  Waphinda wathi: “Kuloo mzi unamkelayo, hlalani kuwo de nimke kuloo ndawo.+ 11  Xa benganamkeli okanye benganimameli kuloo ndawo, ze nithi xa niphuma nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze loo nto ibe bubungqina bokuba abanamkelanga.”+ 12  Bahamba ke bayokushumayela besithi abantu mabaguquke,+ 13  yaye bakhupha iidemon ezininzi,+ bethambisa abantu abaninzi abagulayo ngeoli, bebaphilisa. 14  UKumkani uHerode weva ngale nto, kuba abantu babethetha kakhulu ngoYesu, besithi: “UYohane umBhaptizi uvusiwe, yiloo nto enamandla okwenza le mimangaliso mikhulu kangaka.”+ 15  Kodwa abanye babesithi: “NguEliya,” abanye besithi: “Ngumprofeti onjengomnye wabaprofeti bakudala.”+ 16  Kodwa akuyiva loo nto uHerode, wathi: “UYohane endamnqumla intloko uvusiwe.” 17  UHerode wayemvalele ejele uYohane, kuba wayefuna ukonwabisa uHerodiya, owayekade engumfazi kaFilipu umntakwabo.+ 18  Kuba uYohane wayemana esithi kuHerode: “Akukho semthethweni ukuba utshate umfazi womntakwenu.”+ 19  Ngoko uHerodiya wayemzondile, efuna nokumbulala, kodwa engenandlela. 20  Kaloku uHerode wayemoyika uYohane, esithi uyindoda elilungisa nengcwele,+ ngoko wamkhusela. Wayethanda ukummamela, kodwa qho emmamela wayexakwa ukuba makathini. 21  UHerodiya wafumana ithuba xa uHerode wenza isidlo sangokuhlwa ngosuku lwakhe lokuzalwa,+ esenzela amagosa akhe aphezulu, abaphathi-mkhosi nawona madoda abalulekileyo eGalili.+ 22  Kwangena intombi kaHerodiya, yadanisa kwathi ngco kuHerode nakwabo babesitya naye.* Ukumkani wathi kule ntombi: “Cela nantoni na oyifunayo, ndiza kukunika.” 23  Wafunga esithi: “Ndiza kukunika nantoni na oyicelayo, ukuyokutsho kwihafu yobukumkani bam.” 24  Yaphuma yaya kumama wayo, yathi: “Ndicele ntoni?” Wathi: “Intloko kaYohane umBhaptizi.” 25  Ngoko nangoko yaya kukumkani, yathi: “Ndinike ngoku intloko kaYohane umBhaptizi ngesitya.”+ 26  Nangona yamkhathaza kakhulu le nto, ukumkani akazange afune ukuyiphoxa kuba wayenze isifungo phambi kweendwendwe zakhe.* 27  Ngoko nangoko ukumkani wathumela unogada ukuba eze nentloko kaYohane. Wahamba ke wayokumnqumla intloko ejele, 28  weza nayo ngesitya, wayinika intombi, yaza yona yayinika umama wayo. 29  Bathi bakuyiva loo nto abafundi bakhe, beza bawuthatha umzimba wakhe, bawungcwaba. 30  Abapostile beza kuYesu, bamxelela yonke into ababeyenzile nezinto abaye bazifundisa.+ 31  Wathi kubo: “Masiyeni kwindawo engenabantu, ukuze niphumle kancinci,”+ kuba kwakuphithizela bengenalo nexesha lokuphumla nelokutya. 32  Ngoko bemka ngesikhephe baya kwindawo engenabantu.+ 33  Kodwa babonwa behamba, yaza loo nto yaziwa ngabantu abaninzi. Abantu babaleka besuka kuzo zonke izixeko, bafika apho ngaphambi kwabo. 34  Wathi xa esehla esikhepheni, wabona abantu abaninzi, wabasizela,+ kuba babenjengeegusha ezingenamalusi.+ Ibe wabafundisa izinto ezininzi.+ 35  Emalanga, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Ikude le ndawo, ibe sekurhatyele.+ 36  Yithi aba bantu mabahambe ukuze bayokuzithengela ukutya kwiilali ezikufutshane.”+ 37  Wathi kubo: “Bapheni ngokwenu ukutya.” Bona bathi: “Njani? Uthi masiye kuthenga izonka ngeedenariyo* eziyi-200, sibaphe batye?”+ 38  Wathi kubo: “Ninezonka ezingaphi? Khaniyokujonga!” Baya, babuya bathi: “Zihlanu, kunye neentlanzi nje ezimbini.”+ 39  Wathi bonke abantu mabahlale phantsi engceni,* babe ngamaqela ngamaqela.+ 40  Bahlala phantsi bengamaqela abantu abayi-100 nabayi-50. 41  Wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wajonga ezulwini wathandaza.*+ Emva koko waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, bona bazinika abantu, wabahlulela nezo ntlanzi. 42  Ngoko ke bonke batya bahlutha, 43  kwaza kwaqokelelwa iibhaskithi eziyi-12 zigcwele ngamaqhekeza ezonka, ngaphandle kweentlanzi.+ 44  Ezo zonka zatyiwa ngamadoda ayi-5 000. 45  Emva koko, ngoko nangoko wathi abafundi bakhe mabakhwele esikhepheni bahambe phambili, bawelele ngaphesheya ngaseBhethesayida, ngoxa yena esajonge ukuba abantu bagoduke.+ 46  Kodwa emva kokuba bemkile, waya kuthandaza entabeni.+ 47  Kwahlwa isikhephe siphakathi elwandle, kodwa yena esesentabeni.+ 48  Ngoko xa wabona indlela ababesiqhuba nzima ngayo isikhephe, kuba umoya wawuvela ngaphambili, waya kubo ekuzeni kusa,* ehamba phezu kolwandle; kodwa waba ngathi uza kugqitha kubo. 49  Bathe bakumbona ehamba phezu kolwandle, bathi: “Ngumbono lo!” Batsho bakhala. 50  Kuba xa bonke bambonayo, bothuka. Ngoko nangoko uYesu wathi kubo: “Yibani nesibindi! Ndim; sanukoyika.”+ 51  Emva koko wakhwela esikhepheni kunye nabo, waza waphela umoya. Yabamangalisa kakhulu le nto, 52  kuba babengacacelwanga yinto eyayithethwa ngummangaliso wezonka, bengayiqondi nento eyayisenzeka. 53  Bathe bakuwela, bafika eGenesarete baza basimisa ngeankile isikhephe ngaselunxwemeni.+ 54  Bathe nje bakwehlika kuso, abantu babona ukuba nguYesu. 55  Babaleka baya kuxelela abantu kuwo wonke loo mmandla, baza bamzisela abantu abagulayo kuloo ndawo babeve ukuba ukuyo, bebathwele ngeemandlalo. 56  Nakweziphi na iilali okanye izixeko awayengena kuzo, babebeka abantu abagulayo kwiindawo zokuthengisa, baze bamcenge ukuba babambe nje oku kwemisonto yempahla yakhe.+ Yaye bonke abo babeyibamba babephila.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwindlu yesikhungu.”
Ngokoqobo, “nakopolo.”
Okanye “babehleli naye etafileni.”
Okanye “kwabo wayehleli nabo etafileni.”
Ngokoqobo, “engceni eluhlaza.”
Ngokoqobo, “wacela intsikelelo.”
Oko kukuthi, ukusuka malunga no-3 ekuseni ukuya ku-6 ekuseni.