Kubalisa uMarko 1:1-45

  • UYohane umBhaptizi uyashumayela (1-8)

  • UYesu uyabhaptizwa (9-11)

  • UYesu uhendwa nguSathana (12, 13)

  • UYesu uqalisa ukushumayela eGalili (14, 15)

  • Kubizwa abafundi bokuqala (16-20)

  • Kukhutshwa idemon (21-28)

  • UYesu uphilisa abantu abaninzi eKapernahum (29-34)

  • Uthandaza kwindawo engenamntu (35-39)

  • Kuphiliswa umntu oneqhenqa (40-45)

1  Ziqala ngolu hlobo iindaba ezilungileyo ezingoYesu Kristu, uNyana kaThixo:  Njengokuba kubhaliwe kwincwadi yomprofeti uIsaya kwathiwa: “(Jonga! Ndithumela umthunywa wam phambi kwakho, oza kukulungiselela indlela.)+  Kwavakala ilizwi entlango lisithi: ‘Lungisani indlela kaYehova!* Susani yonke into ekuyo.’”+  UYohane umBhaptizi wayesentlango, eshumayela ukuba abantu mababhaptizwe, babonise ukuba baguqukile, ukuze baxolelwe izono zabo.+  Babesiya kuye bonke abantu bevela kwelakwaYuda naseYerusalem, ukuze ababhaptize* kuMlambo iYordan, bevuma nezono zabo phambi kwabantu.+  UYohane lo wayenxiba iimpahla ezenziwe ngoboya benkamela, nebhanti lesikhumba,+ yaye esitya iintethe nobusi basendle.+  Wayeshumayela esithi: “Emva kwam kuza lowo ungaphezu kwam, nendingakufanelekelanga ukuguqa ndikhulule neembadada ezi zakhe.+  Mna ndanibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uza kunibhaptiza ngomoya oyingcwele.”+  Ngaloo mihla, uYesu weza evela eNazarete yaseGalili waza wabhaptizwa nguYohane eYordan.+ 10  Emva kokuba ephumile emanzini, ngoko nangoko wabona amazulu evuleka, kwaza kwehla phezu kwakhe umoya onjengehobe.+ 11  Kwavakala ilizwi livela emazulwini lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo.”+ 12  Ngoko nangoko waqhutyelwa entlango ngumoya kaThixo. 13  Wahlala apho entlango iintsuku eziyi-40, wahendwa nguSathana.+ Wayekunye nezilwanyana zasendle, kodwa iingelosi zazimnceda.+ 14  Emva kokuba uYohane ebanjiwe, uYesu waya eGalili,+ eshumayela iindaba ezilungileyo zikaThixo,+ 15  esithi: “Lifikile ixesha ebelibekiwe, ibe uBukumkani bukaThixo busondele. Guqukani,+ nizikholelwe iindaba ezilungileyo zikaThixo.” 16  Xa uYesu wayehamba ngakuLwandle LwaseGalili, wabona uSimon nomntakwabo uAndreya+ bephosa iminatha yabo elwandle,+ kuba babengabalobi.+ 17  Ngoko uYesu wathi kubo: “Ndilandeleni, ndiza kunenza abalobi babantu.”+ 18  Bayishiya ngoko nangoko iminatha yabo, bamlandela.+ 19  Emva kokuba ehambe umganyana, wabona uYakobi unyana kaZebhedi nomntakwabo uYohane besesikhepheni belungisa iminatha yabo,+ 20  wababiza ngoko nangoko. Ngoko bamshiya apho esikhepheni utata wabo uZebhedi ekunye nabasebenzi bakhe, balandela uYesu. 21  Bahamba naye baya eKapernahum. Kwathi kwakuqala iSabatha, uYesu wangena kwindlu akhonzela kuyo amaYuda,* wafundisa abantu.+ 22  Bamangaliswa yindlela awayefundisa ngayo, kuba wayebafundisa njengomntu onegunya, engafundisi njengababhali.+ 23  Kwathi kanti kukho umntu onedemon kuloo ndlu, owakhwaza esithi: 24  “Ufuna ntoni kuthi Yesu waseNazarete?+ Uzokusitshabalalisa? Ndikwazi kakuhle ukuba ungubani; unguLowo Ungcwele kaThixo!”+ 25  Kodwa uYesu wayingxolisa, esithi: “Thula! Phuma kulo mntu!” 26  Le demon yamkhahlela phantsi yamxhuzulisa lo mntu, yakhwaza kakhulu, yaza yaphuma kuye. 27  Yabamangalisa kakhulu abantu le nto, kangangokuba bathetha bodwa besithi: “Yintoni na le? Yimfundiso entsha! Uyalela ngegunya kwaneedemon, zize zimthobele.” 28  Le nto yakhawuleza yasasazeka kuwo wonke ummandla waseGalili. 29  Baphuma kuloo ndlu, baya kwikhaya likaSimon noAndreya behamba noYakobi noYohane.+ 30  Umkhwekazi kaSimon+ wayelele ephethwe yifiva, baza ngoko nangoko bamchazela ngaye. 31  UYesu waya kuye, wabamba isandla sakhe waza wamphakamisa. Yaphela ifiva. Emva koko lo mfazi waphakama wabenzela ukutya. 32  Ngokuhlwa, emva kokutshona kwelanga, abantu bamzisela bonke abagulayo nabaneedemon;+ 33  baza bonke abantu besixeko baqokelelana ngasemnyango. 34  Waphilisa abaninzi ababegula zizifo ezahlukahlukeneyo,+ wakhupha iidemon ezininzi, kodwa wayengazivumeli ukuba zithethe, kuba zazimazi ukuba unguKristu.* 35  Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu waphuma phandle, waya kwindawo engenabantu, waza wathandaza.+ 36  Kodwa ke, uSimon nabo babekunye naye bamkhangela kuyo yonke indawo, 37  bamfumana, baza bathi kuye: “Bonke abantu bayakufuna.” 38  Kodwa wathi kubo: “Masiyeni kwenye indawo, kwiidolophu ezikufutshane, ukuze ndishumayele nakuzo, kuba ndizele loo nto.”+ 39  Emva koko, wayihamba yonke iGalili, eshumayela kwizindlu ekukhonzelwa kuzo,* ekhupha needemon.+ 40  Kweza umntu oneqhenqa kuye, emcenga eguqe ngedolo, esithi: “Ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.”*+ 41  Ngoko waba nosizi, wolula isandla sakhe, wambamba, waza wathi kuye: “Ndiyathanda! Phila.”*+ 42  Laphela ngoko nangoko iqhenqa lakhe, waphila.* 43  Emva koko wamyalela, 44  wathi: “Qiniseka ukuba awuxeleli mntu ngale nto, kodwa hamba uye kumbingeleli, unikele ngezinto awathi uMoses makunikelwe ngazo,+ ukuze bazibonele ukuba uphilisiwe,”+ waza wamyeka wahamba. 45  Kodwa emva kokuba lo mntu emkile, wathetha ngale nto, wayisasaza kuyo yonke indawo, kangangokuba uYesu akazange akwazi ukuphinda angene esixekweni, waza wazihlalela yedwa ngaphandle kwesixeko. Kodwa abantu baqhubeka besiza kuye bevela macala onke.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “abantywilisele; abafake phantsi kwamanzi.”
Okanye “kwindlu yesikhungu.”
Okanye kusenokwenzeka, “zazimazi ukuba ungubani.”
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “ungandenza ndicoceke.”
Okanye “Coceka.”
Okanye “wacoceka.”