Kubalisa uMarko 15:1-47

  • UYesu phambi koPilato (1-15)

  • Ugezelwa phambi kwabantu (16-20)

  • Ubethelelwa esibondeni eGolgotha (21-32)

  • Ukufa kukaYesu (33-41)

  • UYesu uyangcwatywa (42-47)

15  Kwathi kanye xa kusisa, yadibana yonke iNkundla Ephakamileyo YamaYuda,* kukho ababingeleli abaziintloko, abadala nababhali, bambopha uYesu, bayokumnikela kuPilato.+  Ngoko uPilato wambuza wathi: “Unguye na uKumkani wamaYuda?”+ UYesu wamphendula wathi: “Nawe utsho.”+  Kodwa ababingeleli abaziintloko babemmangalela ngezinto ezininzi.  UPilato waphinda wambuza, wathi: “Awuphenduli?+ Jonga indlela ezininzi ngayo izinto abakumangalela ngazo.”+  Kodwa uYesu akazange aphinde aphendule, kangangokuba yammangalisa le nto uPilato.+  UPilato wayedla ngokukhulula ibanjwa elikhethwe ngabantu, qho ngetheko lepasika.+  Ngelo xesha kwakukho indoda ekuthiwa nguBharabhas eyayivalelwe ejele nabanye ababeqhwaye udushe baza babulala.  Ngoko kweza igquba labantu kuPilato lacela ukuba enze njengesiqhelo.  UPilato wathi kubo: “Nifuna ndinikhululele uKumkani wamaYuda na?”+ 10  Kuba wayeqonda ukuba ababingeleli abaziintloko babembambe ngenxa yomona uYesu.+ 11  Kodwa ababingeleli abaziintloko benza abo bantu bathi kungcono kukhululwe uBharabhas.+ 12  Kwakhona uPilato wathi kubo: “Ndenzeni ke ngalo mntu nithi nguKumkani wamaYuda?”+ 13  Baphinda bakhwaza bathi: “Makaye esibondeni!”*+ 14  Kodwa uPilato wathi kubo: “Ngoba? Yintoni embi ayenzileyo?” Baqhubeka bekhwaza besithi: “Makaye esibondeni!”*+ 15  Ngoko uPilato, efuna ukuvuyisa abo bantu, wakhulula uBharabhas, wathi uYesu makakatswe,+ emva koko abulawelwe esibondeni.+ 16  Amajoni amthatha uYesu amsa ebaleni, emzini kaPilato, aza abiza wonke umkhosi.+ 17  Amnxibisa isambatho esimsobo,* enza isithsaba sameva, aza amthwalisa sona; 18  akhahlela esithi: “Aa, Kumkani wamaYuda!”+ 19  Ayemane embetha ngengcongolo entloko, emthufela, eguqa phambi kwakhe equbuda kuye. 20  Akugqiba ukumgezela, amkhulula loo ngubo, amnxibisa izambatho zakhe zangaphezulu, ayokumbethelela esibondeni.+ 21  Adibana nomntu owayegqitha ngendlela, ekwakusithiwa nguSimon, utata ka-Aleksandire noRufo, waseKirene, owayesuka kwenye ilali, amnyanzela ukuba athwale isibonda sikaYesu sokungcungcutheka.*+ 22  Amzisa kwindawo ebizwa ngokuba yiGolgotha, othetha ukuthi, “iNdawo YoKakayi.”+ 23  Apho azama ukumnika iwayini exutywe nesiyobisi imore,+ kodwa akazange ayisele. 24  Ambethelela aza abelana ngezambatho zakhe zangaphezulu, esenza amaqashiso ngazo, ukuze abone ukuba ngubani omele afumane ntoni.+ 25  Ambethelela esibondeni malunga nentsimbi yesithoba kusasa.* 26  Umbhalo onetyala lakhe wawusithi: “Lo nguKumkani wamaYuda.”+ 27  Axhoma nootsotsi ababini ecaleni kwakhe, omnye ngasekunene omnye ngasekhohlo.+ 28  *—— 29  Abantu ababegqitha apho babethetha kakubi ngaye, benikina iintloko,+ besithi: “Tshotsho! Wena wawuthe uza kuyidiliza itempile uze uphinde uyakhe ngeentsuku ezintathu,+ 30  zisindise kaloku, yihla kweso sibonda sokungcungcutheka.”* 31  Nababingeleli abaziintloko, kunye nababhali babehlekisa ngaye, besithi: “Wabasindisa abanye, kodwa yena akakwazi kuzisindisa!+ 32  Makehle kaloku uKristu, uKumkani wakwaSirayeli, kwisibonda sokungcungcutheka,* sibone, sizokutsho sikholwe.”+ Nabo babexhonywe ecaleni kwakhe babemgezela.+ 33  Kwathi xa kusiba malunga nentsimbi ka-12 emini,* kwaba mnyama elizweni lonke, de kwamalunga nentsimbi yesithathu emva kwemini.*+ 34  Malunga nentsimbi ­yesithathu emva ­kwemini, uYesu wakhwaza kakhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” othetha ukuthi, “Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?”+ 35  Abanye babantu ababemi apho bathi: “Jongani! Ubiza uEliya.” 36  Emva koko, omnye umntu wabaleka, wathatha isiponji, wasifaka kwiwayini emuncu, wasibeka kwingcongolo, waza wamseza,+ esithi: “Myeke! Makhe sibone ukuba uEliya uza kuza amothule na.” 37  Kodwa uYesu wakhwaza kakhulu waza wafa.*+ 38  Yakrazuka phakathi ikhethini ekwindawo engcwele,+ ukusuka phezulu ukuya ezantsi.+ 39  Xa igosa lomkhosi elalime phambi kwakhe kufutshane apho, labona indlela afe ngayo, lathi: “Ngokuqinisekileyo lo mntu ebenguNyana kaThixo.”+ 40  Kwakukho nabafazi ababeme qelele bebukele, phakathi kwabo kukho uMariya Magadala noMariya umama kaYakobi Omncinci, kaYose noSalome,+ 41  ababedla ngokumkhapha baze bamlungiselele+ xa eseGalili, nabanye abafazi abaninzi ababeze naye eYerusalem. 42  Ngoku, ekubeni kwakusele kurhatyela, ibe ilusuku lokulungiselela iSabatha, oko kukuthi, usuku olungaphambi kweSabatha, 43  kweza uYosefu waseArimathiya, ilungu elibekekileyo leNkundla Ephakamileyo YamaYuda, naye owayelindele uBukumkani bukaThixo. Waba nesibindi sokuya kuPilato waza wacela umzimba kaYesu.+ 44  Kodwa uPilato wayezibuza ukuba wayesele efile na uYesu. Ngoko wabiza igosa lomkhosi, walibuza ukuba sele efile na. 45  Emva kokuqinisekisa kwigosa lomkhosi, wawunikezela kuYosefu umzimba kaYesu. 46  UYosefu wathenga ilinen yodidi, wawothula umzimba kaYesu, wawusongela ngayo, waza wawubeka engcwabeni*+ elalombiwe eliweni; emva koko waqengqa ilitye, wavala ngalo ingcwaba.+ 47  UMariya Magadala noMariya umama kaYose abazange bahambe, kodwa bahlala bejonge kwelo ngcwaba.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iSanhedrin.”
Okanye “Makabulawelwe esibondeni!”
Okanye “Makabulawelwe esibondeni!”
Okanye “esipepuli.”
Okanye “isibonda sikaYesu sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “ngeyure yesithathu.”
Okanye “sibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kwisibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “yiyure yesithandathu.”
Ngokoqobo, “kwaba yiyure yesithoba.”
Okanye “waphefumla okokugqibela.”
Okanye “kwingcwaba lenkumbulo.”