Kubalisa uMarko 4:1-41
4 UYesu waphinda wafundisa ngaselwandle, kwaza kweza kuye abantu abaninzi. Wakhwela isikhephe wahlala kuso, sangena kancinci elwandle, kodwa bona abantu babeme elunxwemeni.+
2 Ngoko wabafundisa izinto ezininzi esebenzisa imizekelo,+ esithi:+
3 “Mamelani. Kukho umntu owahamba wayokuhlwayela.*+
4 Njengoko wayehlwayela, enye imbewu yawela ecaleni kwendlela, kweza iintaka zayitya.
5 Enye yawela endaweni enamatye apho kwakungekho mhlaba mninzi, yaza yakhawuleza yantshula kuba umhlaba wawungekho nzulu.+
6 Kodwa kuthe kwakuphuma ilanga, yatsha yaza yabuna kuba ingenazingcambu.
7 Enye imbewu yawela phakathi kwameva, akhula ameva, ayiminxa yaza ayavelisa siqhamo.+
8 Kodwa enye yawela kumhlaba otyebileyo, yakhula yaza yanda, yavelisa iziqhamo ngokuphindwe kayi-30, kayi-60 nangokuphindwe kayi-100.”+
9 Wongezelela wathi: “Lowo uneendlebe zokumamela, makamamele.”+
10 Uthe uYesu akuba yedwa, abo babemngqongile kunye nabapostile bakhe abayi-12 bambuza ngaloo mizekelo.+
11 Wathi kubo: “Nina nincediwe nacacelwa ziimfihlo ezingcwele+ ezingoBukumkani bukaThixo, kodwa abanye abantu ndibafundisa ngemizekelo,+
12 ukuze, nangona bejongile, bangaboni, ibe nangona besiva, bangacacelwa; yaye abasoze babuyele kuThixo baze baxolelwe.”+
13 Kwakhona wathi kubo: “Ukuba aniwuqondi lo mzekelo, niza kuyiqonda njani yonke eminye?
14 “Lo mntu uhlwayelayo uhlwayela ilizwi.+
15 Abanye abantu banjengembewu ewa ecaleni kwendlela, baze bathi nje bakuba belivile ilizwi, uSathana afike+ alithathe.+
16 Abanye banjengembewu ehlwayelwe kwindawo enamatye. Bakuba nje belivile ilizwi, bayalamkela bevuya,+
17 kodwa babe bengenazingcambu; ngoko bayaqhubeka okwexeshana, bathi nje bakuva iintlungu okanye batshutshiswe ngenxa yelizwi, baphelelwe lukholo.
18 Kukho nabo banjengembewu ehlwayelwe phakathi kwameva. Aba ngabo baye baliva ilizwi,+
19 kodwa amaxhala+ eli hlabathi,* ukuqhathwa kukufuna ubutyebi,+ nazo zonke ezinye izinto,+ kungena entliziyweni kuze kuliminxe ilizwi, aze loo mntu angavelisi siqhamo.
20 Ekugqibeleni, abo banjengembewu ehlwayelwe kumhlaba otyebileyo, ngabo balimamelayo ilizwi, balamkele, baze bavelise isiqhamo ngokuphindwe kayi-30, kayi-60 nangokuphindwe kayi-100.”+
21 Waphinda wathi kubo: “Isibane asibekwa phantsi kwebhaskithi* okanye phantsi kwebhedi, andithi? Asixhonywa endaweni yaso na?+
22 Kuba akukho nto ifihliweyo ingazukuvezwa, kungekho nanto igqunyiweyo ingazukutyhilwa.+
23 Nabani na oneendlebe zokumamela, makamamele.”+
24 Waphinda wathi kubo: “Yimamelisiseni le nto niyivayo.+ Indlela eniqonda ngayo, ixhomekeke kwindlela enimamelisisa ngayo. Ukuba niyayenza loo nto, niza kutsho nicacelwe kakhulu.
25 Kuba lowo unento, uza kunikwa nenye,+ kodwa lowo ungenanto, kwanaloo ntwana anayo iza kuthathwa kuye.”+
26 UYesu waphinda wathi: “UBukumkani bukaThixo bufana naxa umntu etyala imbewu emhlabeni.
27 Uyalala ebusuku, avuke emini loo mbewu ihlumile yakhula yande, engayazi tu ukuba ihlume njani.
28 Kaloku umhlaba uvelisa isiqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yimpontshane, ekugqibeleni ibe sisikhwebu esivuthiweyo.
29 Kodwa sithi nje sakuvuthwa, afake irhengqa, kuba ixesha lokuvuna lifikile.”
30 Waqhubeka wathi: “Singabufanisa nantoni uBukumkani bukaThixo, okanye singabuzekelisa ngantoni?
31 Bunjengokhozo lwemostade, oluba lolona luncinci kunazo zonke iimbewu ezikhoyo emhlabeni ngexesha lokutyalwa kwalo.+
32 Kodwa xa sele lutyaliwe, lukhula lube lukhulu kunayo yonke imifuno, luvelise namasebe amakhulu, zize iintaka zifumane indawo yokuhlala phantsi komthunzi wawo.”
33 Wabafundisa ilizwi likaThixo esebenzisa imizekelo emininzi,+ ngokwamandla abo okuqonda.
34 Akukho nto wayeyithetha kubo engasebenzisi mizekelo, kodwa wayebacacisela yonke into abafundi bakhe xa bebodwa.+
35 Ngaloo mini, kwakuhlwa, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiweleleni kweliya cala lonxweme.”+
36 Emva kokuba abafundi bethe abantu mabahambe, bemka naye ngesikhephe, ibe kwakukho nezinye izikhephe ezazihamba naye.+
37 Kwavela isaqhwithi esikhulu, amaza entlaleka esikhepheni, kangangokuba isikhephe saphantse sagcwala ngamanzi.+
38 Kodwa wayesemva, elele phezu komqamelo. Ngoko bamvusa baza bathi kuye: “Mfundisi, awuyikhathalelanga na into yokuba siza kufa?”
39 Bathi bakutsho wavuka wawungxolisa umoya waza wathi kulwandle: “Yithi tu! Uzole!”+ Wayeka ukuvuthuza umoya, kwazola kakhulu.
40 Ngoko wathi kubo: “Kutheni nisoyika kangaka nje? Aninalukholo na?”
41 Kodwa boyika kakhulu, bebuzana besithi: “Ngubani kanye kanye lo, ode athotyelwe ngumoya nalulwandle?”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “wayokutyala.”
^ Okanye “amaxhala eli xesha.” Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “kwebhaskithi yokukala.”