Kubalisa uMarko 4:1-41

  • IMIZEKELO ETHETHA NGOBUKUMKANI (1-34)

    • Umntu otyalayo (1-9)

    • Isizathu sokuba uYesu asebenzise imizekelo (10-12)

    • Kucaciswa umzekelo womntu otyalayo (13-20)

    • Isibane asibekwa phantsi kwebhaskithi (21-23)

    • Indlela eniqonda ngayo (24, 25)

    • Umntu otyalayo aze alale (26-29)

    • Ukhozo lwemostade (30-32)

    • Ukusetyenziswa kwemizekelo (33, 34)

  • UYesu uphelisa isaqhwithi (35-41)

4  UYesu waphinda wafundisa ngaselwandle, kwaza kweza kuye abantu abaninzi. Wakhwela isikhephe wahlala kuso, sangena kancinci elwandle, kodwa bona abantu babeme elunxwemeni.+  Ngoko wabafundisa izinto ezininzi esebenzisa imizekelo,+ esithi:+  “Mamelani. Kukho umntu owahamba wayokuhlwayela.*+  Njengoko wayehlwayela, enye imbewu yawela ecaleni kwendlela, kweza iintaka zayitya.  Enye yawela endaweni enamatye apho kwakungekho mhlaba mninzi, yaza yakhawuleza yantshula kuba umhlaba wawungekho nzulu.+  Kodwa kuthe kwakuphuma ilanga, yatsha yaza yabuna kuba ingenazingcambu.  Enye imbewu ­yawela phakathi kwameva, akhula ameva, ayiminxa yaza ayavelisa siqhamo.+  Kodwa enye yawela kumhlaba otyebileyo, yakhula yaza yanda, yavelisa iziqhamo ngokuphindwe kayi-30, kayi-60 nangokuphindwe kayi-100.”+  Wongezelela wathi: “Lowo uneendlebe zokumamela, makamamele.”+ 10  Uthe uYesu akuba yedwa, abo babemngqongile kunye nabapostile bakhe abayi-12 bambuza ngaloo mizekelo.+ 11  Wathi kubo: “Nina nincediwe nacacelwa ziimfihlo ezingcwele+ ezingoBukumkani bukaThixo, kodwa abanye abantu ndibafundisa ngemizekelo,+ 12  ukuze, nangona bejongile, bangaboni, ibe nangona besiva, bangacacelwa; yaye abasoze babuyele kuThixo baze baxolelwe.”+ 13  Kwakhona wathi kubo: “Ukuba aniwuqondi lo mzekelo, niza kuyiqonda njani yonke eminye? 14  “Lo mntu uhlwayelayo uhlwayela ilizwi.+ 15  Abanye abantu banjengembewu ewa ecaleni kwendlela, baze bathi nje bakuba belivile ilizwi, uSathana afike+ alithathe.+ 16  Abanye banjengembewu ehlwayelwe kwindawo enamatye. Bakuba nje belivile ilizwi, bayalamkela bevuya,+ 17  kodwa babe bengenazingcambu; ngoko bayaqhubeka okwexeshana, bathi nje bakuva iintlungu okanye batshutshiswe ngenxa yelizwi, baphelelwe lukholo. 18  Kukho nabo banjengembewu ehlwayelwe phakathi kwameva. Aba ngabo baye baliva ilizwi,+ 19  kodwa amaxhala+ eli hlabathi,* ukuqhathwa kukufuna ubutyebi,+ nazo zonke ezinye izinto,+ kungena entliziyweni kuze kuliminxe ilizwi, aze loo mntu angavelisi siqhamo. 20  Ekugqibeleni, abo banjengembewu ehlwayelwe kumhlaba otyebileyo, ngabo balimamelayo ilizwi, balamkele, baze bavelise isiqhamo ngokuphindwe kayi-30, kayi-60 nangokuphindwe kayi-100.”+ 21  Waphinda wathi kubo: “Isibane asibekwa phantsi kwebhaskithi* okanye phantsi kwebhedi, andithi? Asixhonywa endaweni yaso na?+ 22  Kuba akukho nto ifihliweyo ingazukuvezwa, kungekho nanto igqunyiweyo ingazukutyhilwa.+ 23  Nabani na oneendlebe zokumamela, makamamele.”+ 24  Waphinda wathi kubo: “Yimamelisiseni le nto niyivayo.+ Indlela eniqonda ngayo, ixhomekeke kwindlela enimamelisisa ngayo. Ukuba niyayenza loo nto, niza kutsho nicacelwe kakhulu. 25  Kuba lowo unento, uza kunikwa nenye,+ kodwa lowo ungenanto, kwanaloo ntwana anayo iza kuthathwa kuye.”+ 26  UYesu waphinda wathi: “UBukumkani bukaThixo bufana naxa umntu etyala imbewu emhlabeni. 27  Uyalala ebusuku, avuke emini loo mbewu ihlumile yakhula yande, engayazi tu ukuba ihlume njani. 28  Kaloku umhlaba uvelisa isiqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yimpontshane, ekugqibeleni ibe sisikhwebu esivuthiweyo. 29  Kodwa sithi nje sakuvuthwa, afake irhengqa, kuba ixesha lokuvuna lifikile.” 30  Waqhubeka wathi: “Singabufanisa nantoni uBukumkani bukaThixo, okanye singabuzekelisa ngantoni? 31  Bunjengokhozo lwemostade, oluba lolona luncinci kunazo zonke iimbewu ezikhoyo emhlabeni ngexesha lokutyalwa kwalo.+ 32  Kodwa xa sele lutyaliwe, lukhula lube lukhulu kunayo yonke imifuno, luvelise namasebe amakhulu, zize iintaka zifumane indawo yokuhlala phantsi komthunzi wawo.” 33  Wabafundisa ilizwi likaThixo esebenzisa imizekelo emininzi,+ ngokwamandla abo okuqonda. 34  Akukho nto wayeyithetha kubo engasebenzisi mizekelo, kodwa wayebacacisela yonke into abafundi bakhe xa bebodwa.+ 35  Ngaloo mini, kwakuhlwa, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiweleleni kweliya cala lonxweme.”+ 36  Emva kokuba abafundi bethe abantu mabahambe, bemka naye ngesikhephe, ibe kwakukho nezinye izikhephe ezazihamba naye.+ 37  Kwavela isaqhwithi esikhulu, amaza entlaleka esikhepheni, kangangokuba isikhephe saphantse sagcwala ngamanzi.+ 38  Kodwa wayesemva, elele phezu komqamelo. Ngoko bamvusa baza bathi kuye: “Mfundisi, awuyikhathalelanga na into yokuba siza kufa?” 39  Bathi bakutsho wavuka wawungxolisa umoya waza wathi kulwandle: “Yithi tu! Uzole!”+ Wayeka ukuvuthuza umoya, kwazola kakhulu. 40  Ngoko wathi kubo: “Kutheni nisoyika kangaka nje? Aninalukholo na?” 41  Kodwa boyika kakhulu, bebuzana besithi: “Ngubani kanye kanye lo, ode athotyelwe ngumoya nalulwandle?”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wayokutyala.”
Okanye “amaxhala eli xesha.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kwebhaskithi yokukala.”