Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi KaIsaya

Izahluko

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • Utata noonyana bakhe abangathobeliyo (1-9)

    • UYehova uyabacaphukela abantu abazenzisayo xa bemkhonza (10-17)

    • “Khanize silungise izinto phakathi kwethu” (18-20)

    • IZiyon iza kwenziwa isixeko esithembekileyo kwakhona (21-31)

  • 2

    • Intaba kaYehova iphakanyisiwe (1-5)

      • Amakrele aba ngamakhuba (4)

    • Imini kaYehova iza kubahlazisa abantu abanekratshi (6-22)

  • 3

    • Iinkokheli zamaYuda zilahlekisa abantu (1-15)

    • Iintombi zaseZiyon eziloba ngamehlo ziza kugwetywa (16-26)

  • 4

    • Abafazi abasixhenxe endodeni enye (1)

    • Into echunyiswa nguYehova iza kuzuka (2-6)

  • 5

    • Ingoma ngentsimi kaYehova yeediliya (1-7)

    • Aza kuthi shu amasimi kaYehova eediliya (8-24)

    • UYehova ucatshukiswa ngabantu bakhe (25-30)

  • 6

    • Umbono kaYehova esetempileni yakhe (1-4)

      • “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova” (3)

    • Kucocwa imilebe kaIsaya (5-7)

    • UIsaya uyathunywa (8-10)

      • “Ndim lo! Thuma mna!” (8)

    • “Kude kube nini na, Yehova?” (11-13)

  • 7

    • Umyalezo oya kuKumkani uAhazi (1-9)

      • UShehare-yashubhi (3)

    • Umqondiso kaImanuweli (10-17)

    • Imiphumo yokungathembeki (18-25)

  • 8

    • Ukuhlasela kwama-Asiriya (1-8)

      • UMahere-shalali-hashe-bhazi (1-4)

    • Sanukoyika, “uThixo unathi!” (9-17)

    • UIsaya nabantwana bakhe babubungqina (18)

    • Thembelani kumthetho, hayi kwiidemon (19-22)

  • 9

    • Kuza kubakho ukukhanya eGalili (1-7)

      • Kuzalwa “iNkosana Yoxolo” (6-7)

    • UThixo wohlwaya uSirayeli (8-21)

  • 10

    • UThixo wohlwaya uSirayeli (1-4)

    • IAsiriya yintonga yomsindo kaThixo (5-11)

    • IAsiriya iyohlwaywa (12-19)

    • Abashiyekileyo bakaYakobi baza kubuya (20-27)

    • UThixo uza kugweba iAsiriya (28-34)

  • 11

    • Isetyana likaYese lilawula ngobulungisa (1-10)

      • Ingcuka netakane legusha zihlala kunye (6)

      • Umhlaba uza kugcwaliswa kukwazi uYehova (9)

    • Abo bashiyekileyo bayabuya (11-16)

  • 12

    • Ingoma yokubulela (1-6)

      • “UYa, uYehova ungamandla am” (2)

  • 13

    • Ukugwetywa kweBhabhiloni (1-22)

      • Imini kaYehova isondele! (6)

      • AmaMedi aza koyisa iBhabhiloni (17)

      • Akuzukuphinda kuhlale mntu eBhabhiloni (20)

  • 14

    • AmaSirayeli aza kuhlala elizweni lawo (1, 2)

    • Kuvuyelelwa ukumkani waseBhabhiloni (3-23)

      • Lowo uqaqambileyo uza kuwa emazulwini (12)

    • UYehova uza kutyumza umAsiriya (24-27)

    • Ukugwetywa kweFilisti (28-32)

  • 15

    • Ukugwetywa kwamaMowabhi (1-9)

  • 16

    • Umyalezo wokutshatyalaliswa kwamaMowabhi uyaqhubeka (1-14)

  • 17

    • Ukugwetywa kweDamasko (1-11)

    • UYehova uza kuzikhalimela iintlanga (12-14)

  • 18

    • Ukugwetywa kweTiyopiya (1-7)

  • 19

    • Ukugwetywa kweYiputa (1-15)

    • IYiputa iza kumazi uYehova (16-25)

      • Isibingelelo sikaYehova eYiputa (19)

  • 20

    • Ukugwetywa kweYiputa neTiyopiya (1-6)

  • 21

    • Ukugwetywa kwentlango egudle ulwandle (1-10)

      • Uqhubeka egada kwinqaba yoonogada (8)

      • “IBhabhiloni iwile!” (9)

    • Ukugwetywa kukaDuma nentlango (11-17)

      • “Yhe nogada, kuza kusa nini?” (11)

  • 22

    • Ukugwetywa kweNtlambo Yombono (1-14)

    • Igosa uShebhena lithathelwa indawo nguEliyakim (15-25)

      • Umzekelo wesikhonkwane (23-25)

  • 23

    • Ukugwetywa kweTire (1-18)

  • 24

    • UYehova uza kukhupha wonke umntu elizweni (1-23)

      • UYehova nguKumkani eZiyon (23)

  • 25

    • UThixo usikelela abantu bakhe (1-12)

      • Isidlo sikaYehova esinewayini emnandi (6)

      • Ukufa kuza kuphela (8)

  • 26

    • Ingoma yokuthembela kuYehova nokusindiswa (1-21)

      • UYa uYehova uliLiwa likanaphakade (4)

      • Abantu basemhlabeni baza kufunda ngobulungisa (9)

      • “Abantu benu abafileyo baza kuphila” (19)

      • Ngenani kumagumbi afihlakeleyo nizimele (20)

  • 27

    • UYehova ubulala iLeviyatan (1)

    • Ingoma efanisa uSirayeli nentsimi yeediliya (2-13)

  • 28

    • Aza kufikelwa yintlekele amanxila akwaEfrayim! (1-6)

    • Ababingeleli nabaprofeti bakwaYuda bayagxadazela (7-13)

    • “Isivumelwano noKufa” (14-22)

      • Ilitye lekona elixabisekileyo eZiyon (16)

      • Umsebenzi ongaqhelekanga kaYehova (21)

    • Umzekelo wokuqeqesha kukaYehova ngobulumko (23-29)

  • 29

    • Isengxakini iAriyeli! (1-16)

      • Kugxekwa ukukhonza nje ngomlomo (13)

    • Abangevayo baza kuva; abangaboniyo baza kubona (17-24)

  • 30

    • Akukho yayo nje kwaphela iYiputa (1-7)

    • Abantu abasamkeli isiprofeto (8-14)

    • Bayomelela xa bethemba uYehova (15-17)

    • UYehova wenzelela abantu bakhe (18-26)

      • UYehova, umYaleli Ozukileyo (20)

      • “Nantsi indlela” (21)

    • UYehova uza kugweba iAsiriya (27-33)

  • 31

    • Uncedo lokwenene luvela kuThixo, hayi ebantwini (1-9)

      • Amahashe aseYiputa ngawenyama (3)

  • 32

    • Ukumkani neenkosana baza kulawula ngobulungisa (1-8)

    • Kulumkiswa abafazi abazithembileyo (9-14)

    • Kuthululwa umoya kuze kubekho iintsikelelo (15-20)

  • 33

    • Umgwebo nethemba lamalungisa (1-24)

      • UYehova nguMgwebi, uMniki-mthetho noKumkani (22)

      • Akukho mntu uza kuthi: “Ndiyagula” (24)

  • 34

    • UYehova uziphindezela kwiintlanga (1-8)

    • UEdom uza kutshatyalaliswa (9-17)

  • 35

    • IParadesi iyabuyiselwa (1-7)

      • Abangaboniyo baza kubona; abangevayo baza kuva (5)

    • INdlela Yobungcwele eza kuhamba abakhululweyo (8-10)

  • 36

    • USenaribhe uhlasela uYuda (1-3)

    • IRabheshake igezela uYehova (4-22)

  • 37

    • UHezekiya ucela uncedo lukaThixo ngoIsaya (1-7)

    • USenaribhe woyikisa iYerusalem (8-13)

    • Umthandazo kaHezekiya (14-20)

    • UIsaya uchaza impendulo kaThixo (21-35)

    • Ingelosi ixabela ama-Asiriya ayi-185 000 (36-38)

  • 38

    • UHezekiya uyagula aze aphile (1-22)

      • Ingoma yokubulela (10-20)

  • 39

    • Amadoda avela eBhabhiloni (1-8)

  • 40

    • Kuthuthuzelwa abantu bakaThixo (1-11)

      • Kuvakala ilizwi entlango (3-5)

    • Ubukhulu bukaThixo (12-31)

      • Iintlanga zinjengethontsi e-emeleni (15)

      • UThixo uhlala phezu “komhlaba orawundi” (22)

      • Zonke iinkwenkwezi zibizwa ngamagama (26)

      • UThixo akaze adinwe (28)

      • Abathembela kuYehova baphinda babe namandla (29-31)

  • 41

    • Kuza umntu owoyisayo empumalanga (1-7)

    • USirayeli ukhethwa ukuba abe ngumkhonzi kaThixo (8-20)

      • ‘UAbraham umhlobo wam’ (8)

    • Kuxhokonxwa abanye oothixo (21-29)

  • 42

    • Umkhonzi kaThixo nomsebenzi wakhe (11-9)

      • ‘NdinguYehova igama lam’ (8)

    • Ingoma entsha yokudumisa uYehova (10-17)

    • USirayeli akaboni yaye akeva (18-25)

  • 43

    • UYehova uqokelela abantu bakhe (1-7)

    • Oothixo babekwa ityala (8-13)

      • “Ningamangqina am” (10, 12)

    • Ukukhululwa eBhabhiloni (14-21)

    • “Masimangalelane kaloku” (22-28)

  • 44

    • Kusikelelwa abantu abakhethwe nguThixo (1-5)

    • Akukho Thixo ngaphandle koYehova (6-8)

    • Indlela ezibubudenge ngayo izithixo (9-20)

    • UYehova, uMhlawuleli kaSirayeli (21-23)

    • Bayakhululwa kusetyenziswa uKoreshi (24-28)

  • 45

    • Kukhethwa uKoreshi ukuba ahlasele iBhabhiloni (1-8)

    • Udongwe alunakuxabana noMbumbi walo (9-13)

    • Ezinye iintlanga zihlonipha amaSirayeli (14-17)

    • UThixo unokuthenjwa kuba wadala yaye akafihli nto (18-25)

      • Umhlaba udalelwe ukuba kuhlalwe kuwo (18)

  • 46

    • Izithixo zaseBhabhiloni zithelekiswa noThixo kaSirayeli (1-13)

      • UYehova uchaza ikamva (10)

      • Intaka edla inyama isuka empuma (11)

  • 47

    • Ukuwa kweBhabhiloni (1-15)

      • Abavumisi ngeenkwenkwezi bayabhencwa (13-15)

  • 48

    • USirayeli uyakhalinyelwa aze asulungekiswe (1-11)

    • UYehova uza kutshabalalisa iBhabhiloni (12-16a)

    • Imfundiso kaThixo iyanceda (16b-19)

    • “Phumani eBhabhiloni!” (20-22)

  • 49

    • Umsebenzi womkhonzi kaYehova (1-12)

      • Ukukhanya kweentlanga (6)

    • Kuthuthuzelwa uSirayeli (13-26)

  • 50

    • Izono zikaSirayeli zibangela iingxaki (1-3)

    • Umkhonzi kaYehova othobelayo (4-11)

      • Ulwimi nendlebe yezifundiswa (4)

  • 51

    • IZiyon iyahlaziywa ibe njenge-Eden (1-8)

    • IZiyon ithuthuzelwa nguMenzi wayo onamandla (9-16)

    • Indebe yomsindo kaYehova (17-23)

  • 52

    • Vuka wena Ziyon! (1-12)

      • Iinyawo ezintle zabo bazisa iindaba ezilungileyo (7)

      • Oonogada baseZiyon bonke bayakhwaza (8)

      • Abo bathwala impahla kaYehova bamele bacoceke (11)

    • Umkhonzi kaYehova uza kuphakanyiswa (13-15)

      • Imbonakalo eyonakeleyo (14)

  • 53

    • Ukutsala nzima, ukufa nokungcwatywa komkhonzi kaYehova (1-12)

      • Wayesenyanywa yaye ephetshwa (3)

      • Wathwala izifo neentlungu (4)

      • “Waziswa njengemvu esiwa ekuxhelweni” (7)

      • Wathwala isono sabantu abaninzi (12)

  • 54

    • IZiyon engafumani bantwana iza kuba noonyana abaninzi (1-17)

      • UYehova, umyeni weZiyon (5)

      • Oonyana beZiyon baza kufundiswa nguYehova (13)

      • Izixhobo zokulwa neZiyon azizukuphumelela (17)

  • 55

    • Bamenywa ukuba batye baze basele simahla (1-5)

    • Funani uYehova nelizwi lakhe elinokuthenjwa (6-13)

      • Iindlela zikaThixo ziphakamile kunezabantu (8, 9)

      • Ilizwi likaThixo liza kuphumelela ngokuqinisekileyo (10, 11)

  • 56

    • Kusikelelwa abantu basemzini namathenwa (1-8)

      • Indlu yomthandazo yabantu bonke (7)

    • Oonogada abaziimfama, nezinja ezizizimumu (9-12)

  • 57

    • Ilungisa nomntu othembekileyo bayanyamalala (1, 2)

    • Ukuthengisa ngomzimba kukaSirayeli kuyabhencwa (3-13)

    • Kuthuthuzelwa abantu abathobekileyo (14-21)

      • Abantu abangalunganga banjengolwandle olulwayo (20)

      • Abantu abangalunganga abanaluxolo (21)

  • 58

    • Ukuzila ukutya kokwenene nokobuxoki (1-12)

    • Kuvuyelwa ukubhiyozela iSabatha (13, 14)

  • 59

    • Izono zamaSirayeli ziwahlukanisa noThixo (1-8)

    • Kuvunywa izono (9-15a)

    • UYehova ulwela abantu abaguqukileyo (15b-21)

  • 60

    • Ubuqaqawuli bukaYehova bukhanya eZiyon (1-22)

      • Njengamahobe esiya kwiindlwane zawo (8)

      • Igolide endaweni yekopolo (17)

      • Omncinci uza kuba liwaka (22)

  • 61

    • Lowo ukhethiweyo uza kushumayela iindaba ezilungileyo (1-11)

      • “Unyaka wokwaneliseka kukaYehova” (2)

      • ‘Imithi emikhulu yobulungisa’ (3)

      • Abantu basemzini baza kuncedisa (5)

      • ‘Ababingeleli bakaYehova’ (6)

  • 62

    • Igama elitsha leZiyon (1-12)

  • 63

    • UYehova uziphindezela kwiintlanga (1-6)

    • Uthando olungagungqiyo lukaYehova ngemihla yakudala (7-14)

    • Umthandazo wokuguquka (15-19)

  • 64

    • Umthandazo wokuguquka uyaqhubeka (1-12)

      • UYehova “unguMbumbi wethu” (8)

  • 65

    • UYehova ugweba abantu abakhonza izithixo (1-16)

      • Uthixo weThamsanqa noweSihlo (11)

      • “Abakhonzi bam baza kutya” (13)

    • Amazulu amatsha nomhlaba omtsha (17-25)

      • Ukwakhiwa kwezindlu; ukutyalwa kwamasimi eediliya (21)

      • Akukho mntu uza kubulalekela ilize (23)

  • 66

    • Inkonzo yokwenene neyobuxoki (1-6)

    • IZiyon engumama noonyana bayo (7-17)

    • Abantu badityaniswe eYerusalem ukuze bakhonze (18-24)