Isaya 2:1-22

  • Intaba kaYehova iphakanyisiwe (1-5)

    • Amakrele aba ngamakhuba (4)

  • Imini kaYehova iza kubahlazisa abantu abanekratshi (6-22)

2  Nantsi into awayibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi ngoYuda nangeYerusalem:+   Ekupheleni kwemihla,*Intaba yendlu kaYehovaIza kuzinza izivelele iincopho zeentaba,+Iphakanyiswe ngaphezu kweenduli,Zize zonke iintlanga zibe ngumsinga ukuya kuyo.+   Izizwana ezininzi ziza kuhamba zize zithi: “Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova,Nasendlini kaThixo kaYakobi.+ Uza kusifundisa ngeendlela zakhe,Siza kuhamba ezindleleni zakhe.”+ Kuba kuza kuphuma umthetho* eZiyon,Nelizwi likaYehova eYerusalem.+   Uza kuzigweba iintlanga,Alungelelanise imicimbi phakathi kwezizwana ezininzi. Ziza kuwakhanda amakrele azo abe ngamakhubaNemikhonto yazo ibe zizinto zokuthena imithi.+ Uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele,Zingaphindi zifunde ukulwa imfazwe.+   Owu bantu bendlu kaYakobi, yizaniMasihambeni ekukhanyeni kukaYehova.+   Ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi,+Kuba baye bathi phithi zizinto zaseMpuma.Behleli nje benza imilingo+ njengamaFilisti,Ibe kugcwele inzala yeentlanga phakathi kwabo.   Ilizwe labo ligcwele isilivere negolide,Nobutyebi babo buninzi. Ilizwe labo ligcwele amahashe,Neenqwelo zabo zininzi kakhulu.+   Ilizwe labo ligcwele oothixo abangenaxabiso.+ Baqubuda kumsebenzi wezandla zabo,Kwizinto abazenze ngeminwe yabo.   Ngoko ke umntu uthotyiwe, wehlisiwe,Ibe awunakukwazi ukumxolela. 10  Ngena eliweni uze uzifihle emhlabeniNgenxa yokoyikeka kobukho bukaYehova,Nangenxa yobukhulu ­bakhe.+ 11  Amehlo anekratshi aza ­kwehliswa,Ukukhukhumala kwabantu kuza kuthotywa. NguYehova yedwa oza kuphakanyiswa ngaloo mini. 12  Kuba le yimini kaYehova ­wemikhosi.+ Iza kufikela wonke umntu okhukhumeleyo nozicingela bhetele,Wonke umntu, nokuba uphakanyisiwe okanye uphantsi,+ 13  Kuyo yonke imithi ephakamileyo yemisedare yase­LebhanonNakuyo yonke imithi yom-oki yaseBhashan, 14  Kuzo zonke iintaba eziphakamileyoNakuzo zonke iinduli eziphezulu, 15  Kuzo zonke iinqaba eziphakamileyo nakuzo zonke iindonga ezomeleleyo, 16  Kuzo zonke iinqanawa zaseTarshishe+Nakuzo zonke izikhephe ezithandekayo. 17  Ikratshi lomntu liza kwehliswa,Ukukhukhumala komntu kuza kuthotywa. NguYehova yedwa oza kuphakanyiswa ngaloo mini. 18  Oothixo abangenaxabiso baza kunyamalala ngokupheleleyo.+ 19  Abantu baza kungena emiqolombeni naphakathi kwamawa,Emingxunyeni esemhlabeni,+Ngenxa yokoyikeka kobukho bukaYehovaNangenxa yobukhulu ­bakhe,+Xa ephakama ukuze enze umhlaba ungcangcazele ngenxa yokoyika. 20  Ngaloo mini abantu baza kubathatha oothixo babo abangenaxabiso nabenziwe ngesilivere negolideAbazenzele bona ukuze ­baqubude kubo.Baza kubaphosela koocwethe* nakumalulwane,+ 21  Ukuze bangene emingxunyeni esemaweniNasezimfanteni zawo,Ngenxa yokoyikeka kobukho bukaYehovaNangenxa yobukhulu bakhe,Xa ephakama ukuze enze umhlaba ungcangcazele ngenxa yokoyika. 22  Ukuba nifuna ukulungelwa, yekani ukuthembela emntwini,Uyimpefumlo njee ezimpumlweni zakhe.* Yintoni enenza nimthembe?

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Ngemihla yokugqibela.”
Okanye “imfundiso.”
Izilwanyana ezincinci ezirhalayo.
Okanye “Ompefumlo yakhe isezimpumlweni zakhe.”