KumaHebhere 2:1-18

  • Cingisisa kakhulu kunesiqhelo (1-4)

  • Zonke izinto zibekwe phantsi kukaYesu (5-9)

  • UYesu nabantakwabo (10-18)

    • UMmeli Oyintloko wosindiso lwabo (10)

    • Umbingeleli omkhulu onenceba (17)

2  Yiloo nto kufuneka sicingisise kakhulu kunesiqhelo ngezinto esizivileyo,+ ukuze singaze sikhukuliseke.+  Kuba ukuba ilizwi elathethwa ngeengelosi+ lema kangangokuba abantu abenza izono nabangazange balithobele bafumana isohlwayo sobulungisa,*+  singasinda njani ke thina, ukuba siye asalukhathalela usindiso olukhulu kangaka?+ Kaloku yiNkosi yethu eyaqala ukuthetha ngalo+ baza bayingqina loo nto nabo bayivayo,  noThixo wayingqina ngokwenza imimangaliso nemisebenzi emikhulu+ nangomoya oyingcwele awawunika abakhonzi abahlukahlukeneyo ngendlela athande ngayo.+  Kuba ihlabathi* elizayo esithetha ngalo, akalinikanga iingelosi ukuba zililawule.+  Kodwa kwenye indawo, elinye ingqina lathi: “Uyintoni na umntu le nto umkhumbulayo, okanye unyana womntu le nto umkhathalelayo?+  Umenze wangaphantsi kancinci kwiingelosi; wamthwesa uzuko nembeko, waza wamphathisa imisebenzi yezandla zakho.  Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe.”+ Xa uThixo wabeka zonke izinto phantsi kwakhe,+ waqinisekisa ukuba akukho nto ingekho phantsi kwakhe.+ Kodwa ke okwangoku asikaziboni zonke izinto zibekwe phantsi kwakhe.+  Kodwa ke siyambona uYesu, owayenziwe wangaphantsi kancinci kwiingelosi,+ ethweswe uzuko nembeko ngenxa yokuba weva intlungu yokufa,+ ukuze angcamle ukufa ngenxa yabo bonke abantu kuba uThixo enobubele.*+ 10  Kuba kwakufanelekile ngoThixo ezibekho ngenxa yakhe zonke izinto nezibekho ngaye, obanika uzuko oonyana abaninzi,+ ukwenza uMmeli Oyintloko wosindiso lwabo+ agqibelele ngokuva ubunzima.+ 11  Kuba lowo ungcwalisayo nabo bangcwaliswayo,+ bonke baphuma kumntu omnye,+ yaye ngenxa yesi sizathu akanazintloni ukubabiza ngokuthi ngabantakwabo,+ 12  njengokuba esithi: “Ndiza kubaxelela abantakwethu ngegama lakho; ndiza kukudumisa ngengoma ebandleni.”+ 13  Kwakhona uthi: “Ndiza kuthembela ngaye.”+ Uphinda athi: “Jongani! Mna nabantwana endibanikwe nguYehova.”*+ 14  Ngoko ke, ekubeni “abantwana” benegazi nenyama, naye waba negazi nenyama,+ ukuze ngenxa yokufa kwakhe, amtshabalalise lowo ukwaziyo ukubangela ukufa,+ uMtyholi;+ 15  aze abakhulule bonke abo bebengamakhoboka okoyika ukufa ubomi babo bonke.+ 16  Kuba akancedi zingelosi, kodwa ­unceda inzala* ka-Abraham.+ 17  Ngenxa yaloo nto kwafuneka afane “nabazalwana” bakhe ngayo yonke into,+ ukuze akwazi ukuba ngumbingeleli omkhulu onenceba nothembekileyo kwizinto zikaThixo, ukuze anikele umbingelelo+ wokuhlawulela izono zabantu.+ 18  Ekubeni weva ubunzima xa wayevavanywa,+ uyakwazi ukubanceda abo bavavanywayo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngokusesikweni.”
Okanye, “umhlaba ohlalwa ngabantu.”
Okanye “enobubele obungasifanelanga.”
Ngokoqobo, “imbewu.”