KwabaseGalati 2:1-21

  • UPawulos udibana nabapostile eYerusalem (1-10)

  • UPawulos ulungisa uPetros (uKefas) (11-14)

  • Umntu kuthiwa lilungisa kuphela xa enokholo (15-21)

2  Emva kweminyaka eyi-14 ndaphinda ndaya eYerusalem, ndihamba noBharnabhas+ noTito.+  Ndaya kuba ndandithunywe nguYesu, ndaza ndabachazela abazalwana ngeendaba ezilungileyo endizishumayela ezintlangeni. Kodwa le nto ndayenza ecaleni kumadoda awayehlonitshwa kakhulu, ukuze ndiqiniseke ukuba lo msebenzi ndiwenzayo ufanelekile.  Kodwa ke noTito+ lo endandihamba naye akazange anyanzelwe ukuba oluke,+ nangona wayengumGrike.  Kodwa le nto yaba yingxaki ngenxa yabazalwana bobuxoki abangeniswa ngokufihlakeleyo,+ bethubeleza bangene ukuze bahlole inkululeko+ esinayo kuba singabalandeli bakaKristu Yesu, ukuze basenze amakhoboka.+  Asizange sibamamele nakancinci,+ ukuze niqhubeke nibambelele kwinyaniso yeendaba ezilungileyo.  Kodwa abo bantu babebonakala ngathi babalulekile nabahlonitshwayo,+ nantoni na ababedume ngayo ayithethi nto kum, kuba uThixo akajongi ukuba umntu unjani ngaphandle, ngoko akukho nto intsha bandifundisa yona.  Kunoko, babona ukuba ndithunywe ukuba ndise iindaba ezilungileyo kwabo bangolukanga,+ kanye njengokuba uPetros ethunywe kwabo bolukileyo.  Kaloku lowo wanika uPetros amandla okuba ngumpostile kwabo bolukileyo, nam wandinika amandla okuba ngumpostile ezintlangeni.+  Bathi bakubona ukuba uThixo undenzele ububele,*+ uYakobi,+ uKefas noYohane ababebonakala beziintsika zebandla, banika mna noBharnabhas+ isandla sasekunene, bevuma ukuba siye ezintlangeni, kodwa bona baye kwabo bolukileyo. 10  Basicela nje ukuba siwacingele amahlwempu, ibe yiloo nto kanye ebendisoloko ndizama ukuyenza.+ 11  Kodwa ke, xa uKefas*+ weza kwa-Antiyokwe,+ ndamluleka kuba wayesenza into engalunganga. 12  Kuba ngaphambi kokuba kufike abantu ababevela kuYakobi,+ wayesitya nabantu beentlanga;+ kodwa bathe bakufika abo bantu, wayeka ukutya nabantu beentlanga, futhi wazahlula kubo, kuba esoyika abo bolukileyo.+ 13  Namanye amaYuda amlandela kule nto yakhe yokuzenzisa, kwada kwalandela noBharnabhas. 14  Kodwa ndathi ndakubona ukuba izinto abazenzayo ziyangqubana nenyaniso yeendaba ezilungileyo,+ ndathi kuKefas* phambi kwabo bonke: “Ukuba wena nakuba ungumYuda, uphila njengeentlanga kunokuba uphile njengamaYuda, kutheni ufuna ukuba abantu beentlanga baphile njengamaYuda?”+ 15  Thina sizalwe singamaYuda, singengabo aboni beentlanga, 16  siyaqonda ukuba umntu akuthiwa lilungisa kuba esenza izinto ezifunwa ngumthetho, kodwa uba lilungisa kuphela ngenxa yokuba nokholo+ kuYesu Kristu.+ Ngoko siye sanokholo kuKristu Yesu, ukuze kuthiwe singamalungisa ngenxa yokuba nokholo kuKristu, kungekhona kuba senze izinto ezifunwa ngumthetho, kuba akukho mntu kuza kuthiwa lilungisa ngenxa yokwenza izinto ezifunwa ngumthetho.+ 17  Ukuba kuthiwa singaboni ngoxa sizama ukubizwa ngokuba singamalungisa ngenxa kaKristu, ngaba loo nto ithetha ukuba uKristu usikhuthaza ukuba sone? Tu kaloku! 18  Ukuba ndibuyela kwizinto endazilahlayo,* ndibonisa ukuba ndaphula umthetho. 19  Kuba ngenxa yomthetho, ndiye ndafa ndaza ndakhululeka emthethweni,+ ukuze ndiphilele uThixo. 20  Ndibethelelwe esibondeni kunye noKristu.+ Ayisendim ophilayo,+ kodwa nguKristu ophilayo ibe umanyene nam. Nyhani ke, ubomi endibuphilayo ngoku ndibuphila ndinokholo kuNyana kaThixo,+ owandithandayo waza wazinikela ngenxa yam.+ 21  Andifuni ukungabamkeli ububele* bukaThixo,+ kuba ukuba umntu uba lilungisa ngenxa yomthetho, loo nto iya kuthetha ukuba uKristu ufele into engekhoyo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungandifanelanga.”
Okwabizwa ngokuba nguPetros.
Okwabizwa ngokuba nguPetros.
Ngokoqobo, “Ukuba ndiphinda ndakhe izinto endazichithayo.”
Okanye “ububele obungandifanelanga.”