Eksodus 6:1-30

  • Aphinda athenjiswe ukuba aza kukhululwa (1-13)

    • Igama likaYehova aliqondwa kakuhle (2, 3)

  • Umnombo kaMoses noAron (14-27)

  • UMoses uthunywa ukuba aphinde aye kuFaro (28-30)

6  UYehova wathi kuMoses: “Ngoku uza kuyibona into endiza kuyenza kuFaro.+ Isandla esinamandla siza kumnyanzela ukuba abayeke bahambe abantu bam, yaye isandla esinamandla siza kumnyanzela ukuba abagxothe kwilizwe lakhe.”+  Emva koko uThixo wathi kuMoses: “NdinguYehova.  Ndandidla ngokubonakala kuAbraham, kuIsake nakuYakobi ndinguThixo uSomandla,+ kodwa zange ndibazise igama lam elinguYehova.+  Enye into, ndenza isivumelwano nabo sokuba ndiza kubanika ilizwe lakwaKanan, apho bakhe bahlala khona bengabantu basemzini.+  Ndizivele ngokwam ukuncwina kwabantu bakaSirayeli, abakhotyokiswa ngamaYiputa, kwaye ndisikhumbule isivumelwano sam.+  “Ngoko yithi kumaSirayeli, ‘NdinguYehova, yaye ndiza kunikhupha phantsi kwengcinezelo yamaYiputa, ndinihlangule ebukhobokeni,+ ibe ndiza kunikhulula ngengalo eyoluliweyo* nangezigwebo eziqatha.+  Yaye ndiza kunenza abantu bam, ndibe nguThixo wenu,+ yaye niza kwazi nyhani ukuba ndinguYehova uThixo wenu onikhupha kwingcinezelo yamaYiputa.  Ndiza kunisa kwilizwe endafunga* ngalo ukuba ndiza kulinika uAbraham, uIsake noYakobi. Ndiza kuninika lona libe lelenu.+ NdinguYehova.’”+  Emva koko uMoses wawathetha kumaSirayeli la mazwi, kodwa zange ammamele ngenxa yokutyhafa nangenxa yokukhotyokiswa.+ 10  Ngoko uYehova wathi kuMoses: 11  “Yiya kuFaro ukumkani waseYiputa, umxelele ukuba ufanele awakhulule amaSirayeli emke kwilizwe lakhe.” 12  UMoses wathi kuYehova: “AmaSirayeli khange andimamele,+ uza kundimamela njani ke yena uFaro, ekubeni ndingakwazi ukuthetha kakuhle?”+ 13  UYehova waphinda waxelela uMoses noAron imiyalelo amabayithethe kumaSirayeli nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuze akhuphe amaSirayeli kwilizwe laseYiputa. 14  Nazi iintloko zezindlu zootata bawo: Koonyana bakaRubhen, izibulo likaSirayeli,+ yayinguHanoki, uPalu, uHetseron noKarmi.+ Ezo ziintsapho zikaRubhen. 15  Koonyana bakaSimeyon yayinguYemuweli, uYamin, uOhadi, uYakin, uTsohare noShawule unyana womfazi ongumKanan.+ Ezo ziintsapho zikaSimeyon. 16  La ngamagama oonyana bakaLevi,+ ngokweminombo yeentsapho zabo: UGershon, uKohati noMerari.+ ULevi waphila iminyaka eyi-137. 17  Oonyana bakaGershon yayinguLibhini noShimeyi, ngokweentsapho zabo.+ 18  Oonyana bakaKohati yayinguAmram, uItsare, uHebron noUziyeli.+ UKohati waphila iminyaka eyi-133. 19  Oonyana bakaMerari yayinguMahali noMushi. Ezo ziintsapho zakwaLevi, ngokweminombo yeentsapho zazo.+ 20  UAmram watshata noYokebhede udadeboyise.+ Wamzalela uAron noMoses.+ UAmram waphila iminyaka eyi-137. 21  Oonyana bakaItsare yayinguKora,+ uNefege noZikri. 22  Oonyana bakaUziyeli yayinguMishayeli, uElitsafan+ noSiteri. 23  UAron watshata noElishebha, intombi ka-Aminadabhi, udadeboNashon.+ Wamzalela uNadabhi, uAbhihu, uEleyazare noItamare.+ 24  Oonyana bakaKora yayinguAsire, uElikana noAbhiyasafu.+ Ezo ziintsapho zamaKora.+ 25  UEleyazare,+ unyana ka-Aron, watshata enye yeentombi zikaPutiyeli. Yamzalela uFinehasi.+ Ezo ziintloko zootata babaLevi ngokweentsapho zazo.+ 26  Ngulo Aron noMoses, awathi uYehova kubo: “Khuphani abantu bakaSirayeli kwilizwe laseYiputa, ngokwamaqela ngamaqela.”*+ 27  Ngabo abathetha noFaro ukumkani waseYiputa, ukuze bakhuphe amaSirayeli eYiputa. NguMoses noAron ke abo.+ 28  Xa uYehova wayethetha noMoses kwilizwe laseYiputa ngaloo mini, 29  uYehova wathi: “NdinguYehova. Xelela uFaro ukumkani waseYiputa yonke into endiyithetha kuwe.” 30  UMoses wathi kuYehova: “Andikwazi ukuthetha kakuhle, ngoko uza kundimamela njani ke uFaro?”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “enamandla.”
Ngokoqobo, “endaphakamisa isandla.”
Ngokoqobo, “ngokwemikhosi yabo.”