Eksodus 32:1-35

  • Kukhonzwa ithole legolide (1-35)

    • UMoses uva kuculwa ingoma engaqhelekanga (17, 18)

    • UMoses uwagadlela phantsi amacwecwe anomthetho (19)

    • AbaLevi bakwicala likaYehova (26-29)

32  Kuthe kusenjalo, abantu babona ukuba lide eli xesha uMoses engade ehle entabeni.+ Ngoko baqokelelana baya kuAron, bathi kuye: “Phakama, senzele uthixo oza kuhamba phambi kwethu,+ kuba asazi ukuba kwenzeke ntoni kulo Moses, indoda eyasikhupha kwilizwe laseYiputa.”  UAron wathi kubo: “Thathani amacici egolide+ asezindlebeni zabafazi benu, nezoonyana benu, nezeentombi zenu, niwazise kum.”  Ngoko bonke abantu bawakhulula amacici awayesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron.  UAron wayithatha igolide kubo, waza wenza umfanekiso oqingqiweyo wethole lenkomo+ ngesixhobo sokubhala. Abantu bathi: “Nanku uThixo wakho Sirayeli, okukhuphileyo kwilizwe laseYiputa.”+  Uthe akuyibona le nto uAron, wakha isibingelelo phambi kwelo thole. Emva koko uAron wakhwaza wathi: “Ngomso kuza kwenzelwa uYehova itheko.”  Abantu bavuka ekuseni ngengomso, benza iminikelo etshiswayo, basondeza nemibingelelo yobuhlobo. Emva koko bahlala phantsi, batya, basela. Ethubeni, baphakama bazonwabisa.+  UYehova wathi kuMoses: “Hamba, yihla, kuba abantu bakho owabakhupha kwilizwe laseYiputa bazingcolisile.+  Bakhawuleze bayishiya indlela endabayalela ukuba bahambe ngayo.+ Bazenzele umfanekiso oqingqiweyo wethole lenkomo, ibe bamana bequbuda kuwo, bebingelela kuwo besithi, ‘Nanku uThixo wakho Sirayeli, okukhuphileyo kwilizwe laseYiputa.’”  UYehova waqhubeka wathi kuMoses: “Ndibonile ukuba esi sizwana, sisizwana esinenkani.*+ 10  Ndiyeke ndibatshayele ndinomsindo, ndize ndenze wena ube luhlanga olukhulu.”+ 11  UMoses wamcenga*+ uYehova uThixo wakhe wathi: “Yhini Yehova ukuba ube nomsindo kangaka kubantu bakho emva kokubakhupha kwilizwe laseYiputa ngamandla amakhulu nangesandla esomeleleyo?+ 12  Kutheni kuza kufuneka amaYiputa athi, ‘Wabakhupha eneenjongo ezimbi ngabo. Wayefuna ukubabulalela ezintabeni, abatshabalalise bangabikho emhlabeni’?+ Khawuwehlise umsindo wakho, uphinde usicingisise isigqibo* sakho sokuzisela abantu bakho intlekele. 13  Khumbula uAbraham, uIsake noSirayeli abakhonzi bakho, owafunga ngawe kubo usithi, ‘Ndiza kuyandisa inzala* yakho ibe njengeenkwenkwezi zamazulu,+ yaye ndiza kulinika inzala* yakho lonke eli lizwe ndilikhethileyo, ihlale kulo ngonaphakade.’”+ 14  UYehova wasitshintsha isigqibo sakhe* sokuzisela abantu bakhe intlekele.+ 15  Wajika ke uMoses wehla entabeni ephethe amacwecwe amabini oBungqina+ esandleni sakhe.+ La macwecwe ayebhalwe macala omabini, ebhalwe ngaphambili nangasemva. 16  Loo macwecwe ayengumsebenzi kaThixo, naloo nto yayibhalwe kuwo yayibhalwe nguThixo.+ 17  Akuyiva uYoshuwa ingxolo yabantu ababekhwaza, wathi kuMoses: “Kukho ingxolo yedabi enkampini.” 18  Kodwa wathi yena: “Andiva bantu bacula ngathi boyisile,*Futhi andiva bantu balilayo ngathi boyisiwe.Ndiva nje enye ingxolo eyahlukileyo.” 19  Akusondela enkampini uMoses waza wabona ithole lenkomo+ nabantu bedanisa, wacaphuka kakhulu waza wawagadlela phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka aziingceba emazantsi entaba.+ 20  Wathatha elo thole lenkomo ababelenzile, walitshisa waza walityumza, lacoleka langumgubo.+ Emva koko wawuphosa emanzini, waza loo manzi wawaseza amaSirayeli.+ 21  UMoses wathi kuAron: “Sikwenze ntoni esi sizwana, le nto ude usizisele isono esikhulu kangaka?” 22  UAron wathi: “Sukucaphuka nkosi yam. Nawe uyabazi aba bantu ukuba bahlala befuna ukwenza ububi.+ 23  Bathe kum, ‘Senzele uthixo oza kuhamba phambi kwethu, kuba asazi ukuba kwenzeke ntoni kulo Moses, indoda eyasikhupha kwilizwe laseYiputa.’+ 24  Ngoko ndithe kubo, ‘Nabani na onegolide, makayikhulule andinike yona.’ Ndiye ndayiphosa emlilweni, kwaphuma eli thole lenkomo.” 25  UMoses wabona ukuba abantu bayekiwe benza unothanda, kuba uAron wayebayekile, baza bahlazeka kwiintshaba zabo. 26  Emva koko uMoses wema egeyithini yenkampu, wathi: “Ngubani ongakuYehova? Makeze kum!”+ Bonke abaLevi baqokelelana ngakuye. 27  Wathi kubo: “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Ngamnye wenu makabhinqe ikrele lakhe. Yityhutyheni yonke le nkampu, ningene kuyo yonke iminyango nize nibulale ngamnye umntakwabo, ummelwane wakhe, nesihlobo sakhe esisondeleyo.’”+ 28  AbaLevi benza ngendlela abayalele ngayo uMoses. Ngoko kwabulawa amadoda amalunga ne-3 000 ngaloo mini. 29  Emva koko uMoses wathi: “Namhlanje zingcwaliseleni* uYehova, kuba ngamnye wenu ebekulungele ukulwa nonyana wakhe nomntakwabo.+ Namhlanje uThixo uza kunisikelela.”+ 30  Ngengomso uMoses wathi ebantwini: “Nenze isono esikhulu kakhulu, ngoko ke ndiza kunyuka ndiye kuYehova, ndiyokusicelela uxolo esi sono senu.”+ 31  UMoses wabuyela kuYehova waza wathi: “Esinjani ukuba sikhulu sona isono esenziwe ngaba bantu! Bazenzele uthixo ngegolide!+ 32  Ndicela usixolele isono sabo.+ Ukuba awuzukukwazi, ndicela undicime encwadini yakho oyibhalileyo.”+ 33  Kodwa ke, uYehova wathi kuMoses: “Nabani na ondonileyo, ndiza kucima yena encwadini yam. 34  Wena hamba, ukhokele aba abantu, ubase kulaa ndawo endandithethe ngayo kuwe. Jonga! Ingelosi yam iza kuhamba phambi kwakho.+ Kuza kuthi ke ngosuku endiza kubaphendulisa ngalo, ndibohlwaye ngenxa yesono sabo.” 35  Emva koko uYehova wababetha ngesibetho abantu kuba benze ithole lenkomo, elo lalenziwe nguAron.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “esintamo-lukhuni.”
Okanye “wabenza bathamba ubuso.”
Okanye “zisole ngesigqibo.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Ngokoqobo, “imbewu.”
Okanye “wazisola.”
Okanye “ngenxa yesenzo samandla.”
Ngokoqobo, “zalisani izandla zenu.”