Eksodus 23:1-33

  • Imithetho yamaSirayeli (1-19)

    • Ngokuba nenyani nokungakhethi buso (1-9)

    • Ngeesabatha nangamatheko (10-19)

  • AmaSirayeli agadwa yingelosi (20-26)

  • Ukufumana umhlaba nemida (27-33)

23  “Ungahambi uthetha ubuxoki.+ Sukuncedisana nomenzi-bubi ngokuba ube lingqina lezinto ezimbi.+  Uze ungalandeli umndilili owenza ububi, ungabi lingqina eligqwetha ubulungisa kuba ulandela umndilili.*  Uze ungakhethi buso xa uxoxa ityala lomntu olihlwempu.+  “Ukuba udibana nenkunzi yenkomo okanye idonki yotshaba lwakho ilahleka, yibuyisele kulo.+  Xa ubona idonki yomntu okucaphukelayo ithe bhaxa phantsi kuba isoyiswa ngumthwalo, sukumyekela. Mncedise ayikhulule.+  “Uze ungasigqwethi isigwebo sehlwempu xa uxoxa ityala lalo.+  “Hambela kude kwizityholo zobuxoki,* yaye uze ungababulali abantu abamsulwa nabangamalungisa, kuba soze ndithi umenzi-bubi lilungisa.*+  “Uze ungamkeli sinyobo, kuba isinyobo siyabamfamekisa abantu ababona kakuhle yaye sinokuwagqwetha amazwi amalungisa.+  “Uze ungamcinezeli umntu wasemzini. Niyayazi nani ukuba kunjani ukuba ngumntu wasemzini,* kuba naningabantu basemzini kwilizwe laseYiputa.+ 10  “Umhlaba wakho uza kuwutyala imbewu uze uwuvune iminyaka emithandathu.+ 11  Kodwa ngonyaka wesixhenxe uze ungawulimi, yaye abo bangamahlwempu kubantu bakowenu baza kutya apho, ize into abayishiyileyo ityiwe zizilwanyana zasendle. Uza kwenza njalo ngentsimi yakho yeediliya nangemithi yakho yomnquma. 12  “Uze usebenze imihla emithandathu, kodwa uze ungasebenzi ngomhla wesixhenxe, ukuze iphumle inkunzi yakho yenkomo nedonki yakho, akhe azihlaziye unyana wekhobokazana lakho nomntu wasemzini.+ 13  “Nize niqinisekise ukuba niyayenza yonke le nto ndinixelele yona,+ yaye nizigade ningabizi amagama abanye oothixo, angakhe abe semilebeni* yenu.+ 14  “Uze undenzele itheko kathathu ngonyaka.+ 15  Uze wenze iTheko Lezonka Ezingenagwele.+ Uza kutya isonka esingenagwele iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko ndikuyalele. Le nto uza kuyenza ngexesha elikhethiweyo kwinyanga ka-Abhibhi,*+ kuba waphuma ngelo xesha eYiputa. Akukho mntu umele eze phambi kwam engaphethanga nto.+ 16  Uze wenze neTheko Lesivuno* seziqhamo zokuqala ezivuthiweyo zokusebenza kwakho, obuzilime entsimini.+ Uze wenze neTheko Lokuqokelela* isivuno ekupheleni konyaka, xa uqokelela entsimini oko ukufumene ngenxa yokusebenza kwakho.+ 17  Wonke umntu oyindoda umele eze phambi kweNkosi yokwenene uYehova,+ kathathu ngonyaka. 18  “Uze ungalibingeleli nento enegwele igazi lombingelelo wam. Nemibingelelo yamanqatha eyenziwa ngamatheko am mayingahlali kude kuse. 19  “Umele uzise endlini kaYehova uThixo wakho ezona ziqhamo zihle kwezivuthwe kuqala entsimini yakho.+ “Uze ungapheki itakane lebhokhwe ngobisi lukamama walo.+ 20  “Ndithumela ingelosi kuwe+ ukuba ikugade endleleni, ize ikuse endaweni endiyilungisileyo.+ 21  Uze uyimamele, ulithobele ilizwi layo. Ungayiqhankqalazeli, kuba ayizukunixolela xa nisona,+ kuba igama lam likuyo. 22  Kodwa ke, ukuba uyaqiniseka ukuba uyalithobela ilizwi layo uze uyenze yonke into endikuxelela yona, ndiza kuzicaphukela iintshaba zakho, ndize ndilwe nabo balwa nawe. 23  Kuba ingelosi yam iza kuhamba phambi kwakho, ikuse kuma-Amori, amaHiti, amaPerizi, amaKanan, amaHivi namaYebhusi, ndize ndiwatshabalalise.+ 24  Uze ungaqubudi koothixo bawo, ungabakhonzi, ungalinganisi nezinto azenzayo.+ Kunoko, uze uzidilize izithixo zawo, uziqhekeze neentsika zazo ezingcwele.+ 25  Nimele nimkhonze uYehova uThixo wenu,+ yena uza kunisikelela ngesonka namanzi.+ Ndiza kukuphelisa ukugula phakathi kwenu.+ 26  Abafazi belizwe lakho abazukuphunyelwa zizisu okanye bangafumani bantwana,+ yaye ndiza kukwenza uphile ubomi obude.* 27  “Uza kuthi ungekafiki, ndibenze boyike+ yaye badideke abantu oza kudibana nabo. Ndiza kuzenza zinikezele zize zikubaleke* zonke iintshaba zakho.+ 28  Ndiza kuzenza zidakumbe* ungekafiki,+ wona amaHivi, amaKanan namaHiti aza kubaleka emke.+ 29  Andizukuwagxotha ngonyaka omnye, ukuze lingahlali lingenabantu ilizwe, zize izilwanyana zasendle zibe ninzi, zinihlasele.+ 30  Ndiza kuwagxotha kancinci kancinci, de uqhame, ulithathe ilizwe libe lelakho.+ 31  “Umda wakho ndiza kuwenza uqale kuLwandle Olubomvu uyokutsho kulwandle lwamaFilisti, uphinde uqale entlango uyokutsho eMlanjeni,*+ kuba ndiza kubanikela esandleni sakho abemi belo lizwe, ubagxothe bemke.+ 32  Uze ungenzi sivumelwano nabo okanye noothixo babo.+ 33  Mabangahlali elizweni lakho, ukuze bangakwenzi undone. Ukuba ukhe wakhonza oothixo babo, loo nto iza kuba ngumgibe kuwe.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kuba ulandela into ethethwa ngabantu abaninzi.”
Ngokoqobo, “kwilizwi lobuxoki.”
Okanye “andizukuthi akanatyala umenzi-bubi.”
Okanye “Niyabazi ubomi (umphefumlo) bomntu wasemzini.”
Ngokoqobo, “semilonyeni.”
Elaziwa nangokuba liTheko Leminquba.
Elaziwa nangokuba liTheko Leeveki, okanye iPentekoste.
Okanye “ndiza kuligcwalisa inani leentsuku zobomi bakho.”
Okanye “Ndiza kuzenza zikufulathele.”
Okanye kusenokwenzeka, “zitatazele; zoyike.”
Oko kukuthi, umEfrate.