Eksodus 3:1-22

  • UMoses netyholo elivuthayo (1-12)

  • UYehova ucacisa igama lakhe (13-15)

  • UYehova uthuma uMoses (16-22)

3  UMoses waba ngumalusi womhlambi kaYitro,+ umbingeleli wakwaMidiyan, umkhwe wakhe. Wawukhokelela kwicala elingasentshona lentlango, wade waya kufika eHorebhe, intaba yoThixo wokwenene.+  Emva koko wabona ingelosi kaYehova ikwidangatye lomlilo kwityholo elinameva.+ Esajonge leyo, waqaphela ukuba ityholo elinameva liyavutha kodwa alide litshe liphele.  Wathi: “Ndiza kuya phaya khe ndibone le nto ingaqhelekanga, ndibone ukuba kutheni eli tyholo linameva lingade litshe liphele.”  Uthe uYehova akubona ukuba uyasondela ukuze ajonge, wambiza ephakathi kwityholo elinameva, wathi: “Moses! Moses!” yena wathi: “Nkosi.”  UThixo wathi: “Sukusondela apha. Khulula ezi mbadada uzinxibileyo, kuba le ndawo umi kuyo ingcwele.”  Waphinda wathi: “NdinguThixo katata wakho, uThixo ka-Abraham,+ uThixo kaIsake+ noThixo kaYakobi.”+ UMoses wabufihla ubuso bakhe, kuba wayesoyika ukujonga uThixo wokwenene.  UYehova wathi: “Ndiyibonile intlungu yabantu bam abaseYiputa, kwaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babanyanzela ngomsebenzi, ndiyiqonda kakuhle intlungu yabo.+  Ndiza kuhla ukuze ndibahlangule esandleni samaYiputa+ ndize ndibakhuphe kwelo lizwe, ndibase kwilizwe elihle neliphangaleleyo, ilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ umhlaba wamaKanan, amaHiti, ama-Amori, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi.+  Ngoku ke jonga! Isikhalo sabantu bakaSirayeli sifikile kum, kwaye ndiyibonile nendlela abacinezelwa kabuhlungu ngayo ngamaYiputa.+ 10  Yiza, ndiza kukuthuma kuFaro, ibe uza kubakhupha eYiputa abantu bam, amaSirayeli.”+ 11  UMoses wathi kuThixo wokwenene: “Ndingubani na mna ukuba ndingade ndiye kuFaro, ndize ndikhuphe amaSirayeli eYiputa?” 12  UThixo wathi kuye: “Ndiza kuba nawe,+ yaye nantsi indlela oza kwazi ngayo ukuba uthunywe ndim: Emva kokuba ubakhuphile abantu eYiputa, niza kumkhonza* kule ntaba+ uThixo wokwenene.” 13  Kodwa uMoses wathi kuThixo wokwenene: “Masithi ke ndiyaya kumaSirayeli ndize ndithi kuwo, ‘UThixo wookhokho benu undithume kuni,’ aze athi wona, ‘Ngubani igama lakhe?’+ Ndifanele ndithini kuwo?” 14  UThixo wathi kuMoses: “Ndiza Kuba Yiloo Nto Ndikhetha* Ukuba Yiyo.”*+ Waphinda wathi: “Uze uthi kumaSirayeli, ‘UNdiza Kuba Yiyo undithume kuni.’”+ 15  Waphinda wathi uThixo kuMoses: “Uze uthi kumaSirayeli, ‘UYehova uThixo wookhokho benu, uThixo ka-Abraham,+ uThixo kaIsake+ noThixo kaYakobi,+ undithume kuni.’ Elo ligama lam ngonaphakade,+ ibe leyo yindlela endimele ndikhunjulwe ngayo kwizizukulwana ngezizukulwana. 16  Hamba ke uze uqokelele abadala bakwaSirayeli, uthi kubo, ‘UYehova uThixo wookhokho benu ubonakele kum, uThixo ka-Abraham, kaIsake noYakobi, wathi: “Ndinijongile+ yaye ndiyibonile into eyenziwa kuni eYiputa. 17  Ngoko ke ndithi ndiza kunisusa kwimpatho-mbi+ eniyifumana kumaYiputa, ndinise kwilizwe lamaKanan, amaHiti, ama-Amori,+ amaPerizi, amaHivi namaYebhusi,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.”’+ 18  “Nakanjani baza kulimamela ilizwi lakho,+ ibe uza kuya kukumkani waseYiputa, wena nabadala bakwaSirayeli, nithi kuye: ‘UYehova uThixo wamaHebhere+ uye wathetha nathi. Ngoko sicela usiyeke sihambe uhambo lweentsuku ezintathu siye entlango, ukuze sibingelele kuYehova uThixo wethu.’+ 19  Kodwa ke ndazi kakuhle ukuba, ukumkani waseYiputa akazukunivumela nihambe, ngaphandle kokuba isandla esinamandla siyamnyanzela.+ 20  Ngoko kuza kufuneka ndisolule isandla sam ndize ndiyihlasele iYiputa ngazo zonke izinto ezingaqhelekanga endiza kuzenza kuyo, emva koko uza kunikhulula nihambe.+ 21  Ndiza kusenza esi sizwana sithandwe ngamaYiputa, yaye xa nihamba, anizukuhamba ningenanto.+ 22  Mfazi ngamnye umele acele kummelwane wakhe nakumfazi ohlala kwikhaya laloo mfazi ungumSirayeli, izinto zesilivere nezegolide neempahla, kwaye niza kuzinika oonyana neentombi zenu, niwaphuce amaYiputa.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kumnqula.”
Okanye “Ndiza Kuzibonakalisa Ndiyiloo Nto Ndiza Kuzibonakalisa Ndiyiyo.” Funda Isihlomelo A4.
Okanye “Ndifuna.”