Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani Oza Kulungisa Umhlaba?

Ngubani Oza Kulungisa Umhlaba?

 Abantu abaninzi bakholelwa ukuba abantu bayawumosha umhlaba nezinto eziphila kuwo, ibe le nto ibenza babe nexhala. Ezinye iingcali zomhlaba zithi, indlela abantu abenza ngayo kule mihla ifaka ezinye izinto eziphilayo engozini ibe njengokuba ixesha lihamba, ezinye izidalwa ziza kuphela kuba azizukwazi ukuphila emhlabeni.

 Ngaba abantu baza kuwumosha umhlaba okanye baza kuwukhusela?

Ngaba abantu baza kukwazi ukulungisa umhlaba?

 Iingcali ezininzi ziqinisekile ukuba abantu bangakwazi ukukhusela umhlaba nokuyiphatha kakuhle indalo. Abanye abaphandi bona bathi ukuze abantu baphumelele ekulungiseni umhlaba, kufuneka kutshintshwe izinto ezithile kwiindawo ezininzi ngexesha elinye. Nazi ezinye izinto ezinokutshintshwa:

  •   Kunokuphuculwa indlela abantu abawuhoya ngayo umhlaba, amahlathi, iindawo ezinamanzi kunye nolwandle.

  •   Kutshintshwe iindlela ekwenziwa ngazo kwiifama nakwiindawo ekwenziwa kuzo umbane.

  •   Kutshintshwe indlela okwenziwa ngayo ukutya nokusiwa ngayo ebantwini ukuze abantu batye iveji eninzi ngaphezu kwenyama nentlanzi

  •   Kwamkelwe ukuba ukuze umntu aphile kamnandi, akunyanzelekanga abe nezinto ezininzi.

 Ucinga ntoni wena? Ngaba nyhani oorhulumente, oosomashishini kunye nabanye abantu bangakwazi ukwenza ezi zinto ngendlela abangazange bazenza ngayo ngaphambili? Okanye ucinga ukuba le nto ayinokwenzeka kuba abanye abantu bazicingela bodwa ibe abalikhathalelanga ikamva?—2 Timoti 3:1-5.

Isizathu sokuba simele sibe nethemba

 IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba umhlaba wethu uza kuhlala ukhona. Ichaza nokuba kutheni abantu bengenakukwazi ukuwulungisa umhlaba nezinto ezimele zitshintshwe. Iphinde isichazele ukuba luza kwenzeka njani olu tshintsho.

 Kutheni izinto ezenziwa ngabantu qha zingenakukwazi ukuwulungisa umhlaba? UYehova a uThixo wadala umhlaba waza wanika abantu umsebenzi wokuwuhoya. (Genesis 1:28; 2:15) Bangakwazi ukuyenza le nto kuphela xa benokuvumela uMdali wabo abakhokele baze bamthobele. (IMizekeliso 20:24) Endaweni yokuba benze lo nto, baye abafuna ukukhokelwa nguYehova kuba befuna ukuphila ngendlela yabo. (INtshumayeli 7:29) Ngaphandle kukaYehova, abantu abanakukwazi ukukhathalela umhlaba. Nokuba bangazama kangakanani, abasoze baphumelele.—IMizekeliso 21:30; Yeremiya 10:23.

 Utshintsho olumele lwenziwe. UThixo uza kubayekisa abantu ukumosha umhlaba. (ISityhilelo 11:18) Akazukwenza oorhulumente abamosha umhlaba batshintshe, kodwa uza kutshintsha bona. (ISityhilelo 21:1) Ngenxa yaloo nto, uYehova uthi: “Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.”—ISityhilelo 21:5.

 Indlela oluza kwenzeka ngayo olu tshintsho. UYehova uza kubasusa oorhulumente babantu aze endaweni yabo, amisele owasezulwini ekuthiwa buBukumkani bukaThixo. Lo rhulumente uza kulawulwa nguYesu Kristu ibe uza kulawula emhlabeni.—Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10.

 UBukumkani bukaThixo buza kufundisa abantu ukuphila ngendlela uThixo afuna baphile ngayo. Xa abantu bekhumbula uMdali wabo baze bamthobele, baza kukwazi ukuphila kakuhle nendalo. (Isaya 11:9) IBhayibhile isichazela indlela urhulumente kaThixo oza kwenza abantu baphile kamnandi ngayo, bengawumoshi umhlaba. Uza kwenza ezi zinto:

 Ungaqiniseka ukuba uBukumkani bukaThixo buza kuzenza nyhani ezi zinto kungekudala. Ukuze ufunde nezinye izinto, funda inqaku elithi “Buza Kulawula Nini Emhlabeni UBukumkani BukaThixo?

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.