Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Abantu Baza Kuwonakalisa Ngokupheleleyo Umhlaba?

Ngaba Abantu Baza Kuwonakalisa Ngokupheleleyo Umhlaba?

“Kumka esinye isizukulwana, kufike esinye isizukulwana; kodwa umhlaba umi ixesha elingenammiselo.”—UKUMKANI USOLOMON OWAYEPHILA NGAPHAMBI KWEXESHA LIKAKRISTU. *

Lo mbhali wamandulo weBhayibhile wayebugqala njengobufutshane kakhulu ubomi bomntu xa buthelekiswa nomhlaba ohlala ukho ngonaphakade. Enyanisweni, kangangamawaka eminyaka, izizukulwana bezifika ziphinde zidlule, kodwa wona uMhlaba uye waqhubeka ukho de kube ngoku.

Ukususela kwiMfazwe yesibini yeHlabathi, izinto ziye zatshintsha ngephanyazo emhlabeni. Kwisithuba nje esinokuba yiminyaka eyi-70, kuye kwakho inkqubela ebonakalayo nebambis’ ongezantsi, kwezothutho, ezonxibelelwano, nezinye iiteknoloji, nto leyo eyenze kwakho utshintsho olungazange lubonwe kwezoqoqosho. Abaninzi baphila ubomi obuphucuke ngendlela engazange icingwe ngaphambili. Sithethanje, abantu ehlabathini baphantse baphindaphindeke kathathu.

Noko ke, iyonke le nto ize neengxaki. Izinto ezenziwa ngabantu zonakalisa umhlaba kangangokuba kungekudala awuzukukwazi ukusebenza kakuhle. Abanye oososayensi bathi sifike kwixesha embalini yomhlaba apho indima yabantu ekuwonakaliseni intinge ngokuphawulekayo.

Kwangaphambili iBhayibhile yathetha ngexesha laxa abantu beza ‘kuwonakalisa umhlaba.(ISityhilelo 11:18) Abanye bayazibuza ukuba selingoku na elo xesha. Mkhulu kangakanani umonakalo oseza kubakho? Ngaba awunakulungiseka?

 NGABA AWUNAKULUNGISEKA?

Ngaba umhlaba awunakulungiseka? Abanye oososayensi banoloyiko lokuba kuseza kubakho umonakalo omkhulu emhlabeni, nangona bengekakwazi ukuwuchaza. Ngenxa yoko, banexhala lokuba kusenokwenzeka ukuba sisondela kwixesha apho imozulu isenokwenza umonakalo.

Cinga nje ngokomzekelo ngoMkhenkce Okwintshona yeAntarctic. Abanye bakholelwa ukuba ngenxa yobushushu bomhlaba obugqithiseleyo kusenokwenzeka ukuba lo mkhenkce unyibilike. Kaloku ngokuqhelekileyo umkhenkce awuyitsali imitha yelanga. Kodwa ngenxa yokuncipha kwalo mkhenkce, ulwandle olungaphantsi kwawo luyayitsala imitha yelanga. Oko kubangela ukuba lo mkhenkce unyibilike ngamandla. Le nkqubo itshabalalisayo ingangathinteleki. Ukwanda kwamanzi olwandle ngenxa yokunyibilika kwalo mkhenkce kungenza umonakalo kumakhulu ezigidi zabantu.

UKONAKALA KOMHLABA

Kuye kwenziwa imizamo eyahlukeneyo ukuze kuthintelwe ukonakala komhlaba. Omnye wale mizamo ibe kukuhlaziywa kwezoqoqosho nentlalo yabantu ngaphandle kokutshatyalaliswa kwamandla omhlaba okuvelisa izinto. Ibe yintoni imiphumo?

Okubuhlungu kukuba, umkhamo wokonakaliswa komhlaba uthe kratya kunamandla awo okuzihlaziya. Abantu bayaqhubeka nokonakalisa umhlaba ngendlela engenakulungiseka. Ngaba ikho into enokwenziwa? Esinye isazi ngendalo savuma sathi: “Ngeliphandle, asazi nowathwethwa ngendlela yokunyamekela umhlaba kakuhle.” Le meko ingena gingci kumazwi eBhayibhile athi: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

Kwelinye icala, iBhayibhile isiqinisekisa ukuba uMdali onguThixo akayi kubavumela abantu bawonakalise ngokupheleleyo umhlaba. KwiNdumiso 115:16 sifunda oku: “Umhlaba uwunike oonyana babantu.” Ngenene, umhlaba ‘sisipho esilungileyo’ esisuka kuBawo wethu wasezulwini. (Yakobi 1:17) Ngaba besinokulindela ukuba uThixo asinike isipho esisebenza kakuhle nje okwexeshana size emva koko siyeke ukusebenza? Kucace mhlophe  ukuba ebengenakuyenza loo nto! Oko kubonakala kwindlela awudale ngayo umhlaba.

INJONGO YOMDALI NGOMHLABA

Incwadi yeBhayibhile yeGenesis iyichaza ngokucacileyo indlela uThixo awawudala ngokucokisekileyo ngayo umhlaba. Ithi ekuqaleni umhlaba ‘wawusenyanyeni, usenkangala, kukho nobumnyama phezu kwamanzi anzongonzongo.’ Apha ikhankanya ‘amanzi’ anceda izidalwa ezisemhlabeni ziqhubeke ziphila. (Genesis 1:2) Wandula wathi ke uThixo: “Makubekho ukukhanya.” (Genesis 1:3) Ngoko ke, imitha yelanga yabonakala kwaza kwaqalisa ukukhanya. Amanzi abuthelana ndawonye kwaza kwavela umhlaba owomileyo neelwandle. (Genesis 1:9, 10) Emva koko, kwantshula “ingca, utyani obuvelisa imbewu ngohlobo lwabo nemithi evelisa iziqhamo.” (Genesis 1:12) Ngoko zonke izinto ezifunekayo ukuze ubomi buqhubeke zaba khona. Kwakutheni ukuze umhlaba ulungiswe ngokucokiseke kangaka?

Umprofeti uIsaya wamandulo wamchaza uThixo ngala mazwi: “UMyili womhlaba noMenzi wawo, owuzinzise ngokuqinileyo, nongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe.” (Isaya 45:18) Kucacile ukuba injongo kaThixo kukuba umhlaba umiwe ngabantu ngonaphakade.

Okulusizi kukuba abantu basonakalisile isipho esihle sikaThixo. Noko ke, injongo yoMdali ayikatshintshi. Eny’ indoda yamandulo yathi: “UThixo akamntu ukuba athethe ubuxoki, akanyana waluntu ukuba azisole. Etshilo nje yena akayi kwenza na?” (Numeri 23:19) Enyanisweni, endaweni yokuba uThixo avumele umhlaba wonakaliswe ngokupheleleyo, sekukufutshane ukuba ‘abonakalise abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.

UMHLABA LIKHAYA LETHU NGONAPHAKADE

KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni eyaziwa nanguthathatha, uYesu Kristu wathi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Kamva kwakuloo ntshumayelo, uYesu wachaza indlela umhlaba oza kuhlangulwa ngayo ekonakalisweni ngabantu. Wayalela abalandeli bakhe ukuba bathandaze ngale ndlela: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni njengasezulwini.”  Ewe, uBukumkani, okanye urhulumente kaThixo, buya kuyiphumeza injongo yakhe ngomhlaba.—Mateyu 6:10.

Ngokuphathelele utshintsho oluza kufezwa buBukumkani, uThixo uthi: “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.” (ISityhilelo 21:5) Ngaba le nto ithetha ukuba uThixo uza kwenza omnye umhlaba? Hayi, kaloku awukho undonakele kwindlela odalwe ngayo lo mhlaba. Kunoko, uThixo uza kubasiphula neengcambu abo “bawonakalisayo umhlaba,” oko kukuthi oorhulumente babantu abalawulayo namhlanje. Baya kuthatyathelw’ indawo ‘ngamazulu amatsha nomhlaba omtsha’—urhulumente kaThixo wasezulwini obuBukumkani obuza kulawula abantu abaza kube bephila emhlabeni.—ISityhilelo 21:1.

UThixo uza kuwulungisa umonakalo owenziwe ngabantu kulo mhlaba, aze awenze ube yilaa ndlela wayewudale ngayo ngaphambili. Umdumisi wayichaza ngolu hlobo into awayeza kuyenza: “Uyiphethulele emhlabeni ingqalelo yakho, ukuze uwunike intabalala; uwutyebisa kakhulu.” Ngenxa yoko, kuya kubakho iparadesi eza kwenza kubekho ukutya okuninzi, nemozulu engenzi monakalo, aze uThixo awusikelele umhlaba.—INdumiso 65:9-13.

Ngokutsho kukanobhala wakhe onguPyarelal, uMohandas Gandhi ongasekhoyo nowayetshotsha phambili kwezonqulo eIndiya wathi: “Umhlaba unazo zonke izinto ezinokwenza abantu baneliseke, kodwa awunakukwazi ukwanelisa ukunyoluka kwabo.” UBukumkani bukaThixo buza kuphelisa owona nobangela weengxaki zomhlaba buze butshintshe neentliziyo zabantu. Umprofeti uIsaya waxela kwangaphambili ukuba xa kulawula uBukumkani bukaThixo abantu ‘abayi kwenzakalisana okanye bonakalise’ umhlaba. (Isaya 11:9) Enyanisweni, izigidi zabantu namhlanje abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo sebeqalisile ukufunda ngemigaqo kaThixo ephakamileyo. Bafundiswa ukuthanda uThixo nabamelwane, ukuba noxabiso, ukukhathalela indalo, nokuphila ngokuvisisana nenjongo yoMdali. Baqeqeshelwa ukuphila kwiparadesi emhlabeni.—INtshumayeli 12:13; Mateyu 22:37-39; Kolose 3:15.

UThixo akasoze avumele ukuba lo mhlaba wonakaliswe kuphele tu

Ingxelo engendalo ekwiGenesis iphetha ngala mazwi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.” (Genesis 1:31) Licacile elokuba uThixo akasoze avumele lo mhlaba wonakaliswe kuphele tu. Sithuthuzelwa kukwazi ukuba ikamva lalo mhlaba lisezandleni ezishushu zoMdali wethu onothando uYehova uThixo. Uthembisa athi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Ngaba uya kubalwa phakathi ‘kwamalungisa’ aza kubiza umhlaba njengekhaya lawo?

^ isiqe. 3 Ithatyathwe kwiNtshumayeli 1:4 eBhayibhileni.