Hoseya 2:1-23

  • Kohlwaywa amaSirayeli angathembekanga (1-13)

  • Abuyiselwa kuYehova ongumyeni wawo (14-23)

    • “Uza kundibiza ngokuthi Myeni yam” (16)

2  “Yithi kubazalwana bakho, ‘Bantu bam!’*+ Uze uthi koodadewenu, ‘Mfazi owenzelwe inceba!’*+   Mmangaleleni umama wenu; mmangaleleni,Kuba akangomfazi wam,+ nam andiyondoda yakhe. Ufanele ayeke ukuthengisa ngomzimba*Nokukrexeza* okuphakathi kwamabele akhe,   Okanye ndiza kumhluba abe ze ndize ndimenze abe njengemini awazalwa ngayo,Ndimthobe abe ngumhlaba ongenamanzi,Ndize ndimbulale ngonxano.   Andizukuba nanceba koonyana bakhe,Kuba wabafumana ngokuthengisa ngomzimba.*   Kuba umama wabo uye wathengisa ngomzimba.*+ Umama wabo wenze ihlazo,+ kuba uthe,‘Ndiza kuya kwizithandwa zam,+Ezindinika isonka namanzi,Uboya nelinen, ioli nesiselo.’   Ngoko ke indlela yakhe ndiza kuyibeka isihlahla sameva;Ndiza kumrhangqa ngodonga lwamatye,Ukuze angakwazi ukuhamba ngeendlela zakhe.   Uza kuzileqa izithandwa zakhe, kodwa akazukuzifumana;+Uza kuzikhangela, kodwa akazukuzifumana.+ Emva koko uza kuthi, ‘Ndiza kubuyela kwindoda yam yokuqala,Kuba kwakubhetele ngokuya kunangoku.’+   Akaqondanga ukuba ndim owamnika iinkozo,+ iwayini entsha neoli,Nokuba ndim owamnika isilivere eninzi,Negolide, abaye bayisebenzisa kuBhahali.+   ‘Ndiza kubuya ke ndizokuthatha iinkozo zam ngexesha lazoNewayini yam entsha ngexesha layo,+Ndiboxuthe uboya bam nelinen yam yokogquma ubuze bakhe. 10  Ngoku ndiza kubutyhila ubuze bakhe ekuhleni, zijongile izithandwa zakhe,Ibe akukho ndoda iza kumsindisa esandleni sam.+ 11  Lonke uvuyo lwakhe ndiza kuluphelisa,Amatheko akhe,+ ukuthwasa kweenyanga zakhe, iisabatha zakhe nawo onke amaxesha akhe amatheko. 12  Ndiza kuyitshabalalisa imithi yakhe yeediliya nemithi yakhe yamafiya,* athe ngayo: “Zindibhatale ngayo izithandwa zam.”Ndiza kuyijika ibe lihlathi,Yaye iza kuqwengwa zizilwanyana zasendle. 13  Uza kundixelela ukuba kwakutheni ukuze abingelele kwimifanekiso kaBhahali,+Xa wayezihombise ngeeringi nezihombo zakhe waza warhorhozela emva kwezithandwa zakhe,Wandilibala mna,’+ utsho uYehova. 14  ‘Ngoko ndiza kumcenga,Ndiza kumsa entlango,Ndithethe ukuze ndimchukumise intliziyo. 15  Ukususela ngelo xesha ukuya phambili, ndiza kumnika amasimi akhe eediliya,+Ndimnike neNtlambo YaseAkore*+ ibe yigeyithi yethemba.Apho uza kundiphendula ngendlela awayendiphendula ngayo xa wayesemtsha,Kanye njengemini awaphuma ngayo kwilizwe laseYiputa.+ 16  Ngaloo mini,’ utsho uYehova,‘Uza kundibiza ngokuthi myeni Wam, ibe uza kuyeka ukundibiza ngokuthi mnini Wam.’* 17  ‘Ndiza kuwasusa amagama emifanekiso kaBhahali emlonyeni wakhe,+Yaye awazukukhunjulwa amagama ayo.+ 18  Ngaloo mini ndiza kwenza isivumelwano nezilwanyana zasendle,+Neentaka zezulu nezilwanyana ezirhubuluzayo zomhlaba;+Ndiza kususa elizweni isaphetha, ikrele nemfazwe,+Yaye ndiza kubakhusela.+ 19  Ndiza kukungeja* ndimanyane nawe ngonaphakade,Ndiza kukungeja* ngobulungisa nangokusesikweni,*Ngothando olungagungqiyo nenceba.+ 20  Ndiza kukungeja ngokuthembeka,Yaye uza kumazi ngokuqinisekileyo uYehova.’+ 21  ‘Ngaloo mini ndiza kuphendula,’ utsho uYehova,‘Ndiza kuwaphendula amazulu,Yaye wona aza kuphendula umhlaba.+ 22  Umhlaba uza kuphendula iinkozo, iwayini neoli;Zona ziza kumphendula uYizereli.*+ 23  Ndiza kumtyala njengembewu yam emhlabeni,+Yaye ndiza kuba nenceba kulowo ungenzelwanga nceba;*Ndiza kuthi kwabo bangengobantu bam:* “Ningabantu bam,”+ Bona baza kuthi: “UnguThixo wam.”’”+

Umbhalo osemazantsi

Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:9.
Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:6.
Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”
Okanye “uye waziphatha kakubi ngesondo.”
Okanye “yamakhiwane.”
Okanye “neThafa LaseAkore.”
Okanye “Bhahali wam.”
Okanye “kukugana.”
Okanye “nangobulungisa.”
Okanye “kukugana.”
Othetha ukuthi “UThixo Uza Kutyala Imbewu.”
Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:6.
Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:9.