Daniyeli 2:1-49

  • UKumkani uNebhukadenetsare uphupha into emphazamisayo (1-4)

  • Akukho silumko sikwaziyo ukuchaza iphupha (5-13)

  • UDaniyeli ucela uncedo kuThixo (14-18)

  • Kudunyiswa uThixo kuba etyhile imfihlelo (19-23)

  • UDaniyeli uchazela ukumkani iphupha (24-35)

  • Into ethethwa liphupha (36-45)

    • Ilitye lobukumkani liza kutyumza umfanekiso (44, 45)

  • UDaniyeli unikwa imbeko ngukumkani (46-49)

2  Ngonyaka wesibini wokulawula kwakhe, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha awamtsho* waphazamiseka,+ waphelelwa nabubuthongo.  Ngoko wathi makubizwe ababingeleli abenza imilingo, amagqirha, abantu abathakathayo namaKhaledi* ukuze bamchazele amaphupha akhe. Bangena bayokuma phambi kokumkani.+  Emva koko ukumkani wathi kubo: “Ndiye ndaphupha, yaye ndiphazamisekile* kuba ndifuna ukuyazi le nto bendiyiphupha.”  AmaKhaledi amphendula ukumkani ngesiAramiki*+ athi: “Phila ngonaphakade kumkani! Zibalisele elo phupha izicaka zakho, thina ke siza kukuchazela ukuba lithetha ukuthini.”  Ukumkani wathi kumaKhaledi: “Andigqithi kule into: Ukuba anindichazeli ngokwenu eli phupha nokuba lithetha ukuthini, niza kunqunqwa, nezindlu zenu zenziwe iindawo zangasese zikawonke-wonke.*  Kodwa ukuba niyandichazela eli phupha nokuba lithetha ukuthini, ndiza kuninika izipho nomvuzo nozuko olukhulu.+ Ngoko ndichazeleni eli phupha nokuba lithetha ukuthini.”  Aphinda athi: “Ukumkani makazibalisele izicaka zakhe elo iphupha, thina ke siza kumchazela ukuba lithetha ukuthini.”  Ukumkani wathi: “Ndazi kakuhle ukuba nizama nje ukuhambisa ixesha, kuba nisazi isigqibo sam.  Ukuba anindichazeli eli phupha, ndiza kunohlwaya ngesigwebo esifanayo nonke. Nidibene ngokundiqhatha, ngethemba lokuba izinto ziza kutshintsha ekuhambeni kwexesha. Ngoko ndichazeleni eli phupha, yaye ndiza kutsho ndazi ukuba niza kukwazi ukundicacisela ukuba lithetha ukuthini.” 10  AmaKhaledi athi kukumkani: “Akukho kwamntu kweli gaqa lomhlaba* onokukwazi ukwenza le nto ifunwa ngukumkani, kuba akukho kumkani mkhulu namlawuli wakha wacela into enje kuye nawuphi na umbingeleli owenza umlingo okanye kwigqirha okanye kumKhaledi. 11  Inzima le nto ifunwa ngukumkani, ibe akukho kwamntu unokukwazi ukumxelela ukumkani ngaphandle koothixo, abangahlali nabantu.” 12  Bathi bakuthetha loo nto, wacaphuka kakhulu ukumkani, waza wathi mazitshatyalaliswe zonke izilumko zaseBhabhiloni.+ 13  Kwathi kwakukhutshwa loo myalelo, nezilumko sele ziza kubulawa, kwakhangelwa noDaniyeli nabahlobo bakhe ukuze nabo babulawe. 14  Ngelo xesha uDaniyeli wathetha ngobulumko nangobuchule noAriyoki umphathi woonogada bakakumkani, owayesiya kubulala izilumko zaseBhabhiloni. 15  Wathi kuAriyoki oligosa likakumkani: “Kutheni ukumkani ekhuphe umyalelo oqatha ngolu hlobo?” UAriyoki wamchazela yonke into uDaniyeli.+ 16  Ngoko uDaniyeli waya kukumkani, wamcela ukuba amphe ixesha lokuba amchazele ukuba lithetha ukuthini eli phupha. 17  Emva koko uDaniyeli waya endlini yakhe, wabaxelela ngale nto abahlobo bakhe, uHananiya, uMishayeli noAzariya. 18  Wabacela ukuba bathandaze bacele inceba kuThixo wezulu ngale mfihlelo, ukuze bona noDaniyeli bangabulawa kunye nezinye izilumko zaseBhabhiloni. 19  Wayityhilelwa ke imfihlelo uDaniyeli ngombono ebusuku.+ Ngoko uDaniyeli wamdumisa uThixo wezulu. 20  Wathi: “Malidunyiswe ngonaphakade* igama likaThixo,Kuba bobakhe yedwa ubulumko namandla.+ 21  Utshintsha amaxesha,+Ususa ookumkani, abeke ookumkani,+Uzenza zibe nobulumko izilumko, abanike ulwazi abantu abaqondayo.+ 22  Utyhila izinto ezinzulu nezifihlakeleyo,+Uyazazi izinto ezisebumnyameni,+Kukuye ukukhanya.+ 23  Ndiyakubulela ndikudumisa, wena Thixo wookhokho bam,Kuba undinike ubulumko namandla. Yaye undenze ndayazi into ebesiyicele kuwe;Usenze sayazi le nto ihlupha ukumkani.”+ 24  Emva koko uDaniyeli waya kuAriyoki, lo wayemiselwe ngukumkani ukuba abulale izilumko zaseBhabhiloni.+ Wathi kuye: “Sukuzibulala izilumko zaseBhabhiloni. Ndise kukumkani, yaye ndiza kumchazela ukuba lithetha ukuthini iphupha lakhe.” 25  Wakhawuleza ke uAriyoki wasa uDaniyeli kukumkani, wathi: “Ndifumene indoda kubathinjwa bakwaYuda+ enokumchazela ukumkani ukuba lithetha ukuthini iphupha lakhe.” 26  Wathi ukumkani kuDaniyeli, owayekwanguBheleteshatsare:+ “Uza kukwazi nyhani na ukundichazela iphupha lam, nokuba lithetha ukuthini?”+ 27  UDaniyeli wathi kukumkani: “Akukho nomnye kwizilumko, amagqirha, ababingeleli abenza imilingo nabavumisi ngeenkwenkwezi, onokukwazi ukumxelela ukumkani le mfihlelo afuna ukuyazi.+ 28  Kodwa ke kukho uThixo emazulwini onguMtyhili weemfihlelo,+ yaye umazisile uKumkani uNebhukadenetsare into eza kwenzeka ekupheleni kwemihla. Nali iphupha lakho nemibono oyibone ngokuya ubulele ebhedini yakho: 29  “Wena Kumkani, uthe usebhedini yakho waphupha* ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo, yaye uMtyhili weemfihlelo ukwazisile into eza kwenzeka. 30  Ke mna, le mfihlelo andiyityhilelwanga kuba ndilumkile kunabo bonke abanye abantu abaphilayo, kunoko ndiyityhilelwe ukuze ndimchazele ukumkani ukuba lithetha ukuthini iphupha lakhe nokuze azazi izinto ebezicinga.+ 31  “Wena kumkani, ubone umfanekiso omkhulu kakhulu. Loo mfanekiso mkhulu noqaqambe kakhulu ubumi phambi kwakho, yaye usoyikeka. 32  Intloko yaloo mfanekiso ibiyigolide yodidi,+ isifuba sawo neengalo zawo ziyisilivere,+ isisu sawo namathanga awo iyikopolo,+ 33  imilenze yawo iyintsimbi,+ iinyawo zawo ziyintsimbi exutywe nodongwe.*+ 34  Uthe usabukele njalo kwaqhekeka ilitye, kungengazandla, lawubetha loo umfanekiso ezinyaweni zawo zentsimbi nodongwe, lazityumza.+ 35  Ngelo xesha, intsimbi, udongwe, ikopolo, isilivere negolide, zatyumka xa zizonke. Zaba njengomququ kwibala lokubhula lasehlotyeni. Umoya waziphephetha, akwashiyeka kwanto. Kodwa lona ilitye elabetha loo mfanekiso laba yintaba enkulu, laza lagcwala umhlaba wonke. 36  “Lilo elo iphupha, ngoku ke siza kumchazela ukumkani ukuba lithetha ukuthini. 37  Wena kumkani, kumkani wookumkani, onikwe nguThixo wezulu ubukumkani,*+ ukomelela, namandla nozuko, 38  wena anikele kuye abantu nokuba bahlala phi, amarhamncwa neentaka zezulu, nto ezo wenziwe umlawuli wazo zonke,+ nguwe ke intloko yegolide.+ 39  “Kodwa emva kwakho kuza kuvela obunye ubukumkani*+ obungaphantsi kobakho; kulandele nobesithathu, ubukumkani* bekopolo, obuza kulawula umhlaba wonke.+ 40  “Bona obesine ubukumkani* buza komelela njengentsimbi.+ Buza kuzityumza buzicole zonke ezi zikumkani, kanye njengentsimbi ecolayo, njengokuba intsimbi ityumza ize isile yonke into.+ 41  “Njengokuba uzibonile iinyawo neenzwane ukuba ziludongwe lombumbi oluxutywe nentsimbi, obo bukumkani* buza kwahlulelana, njengokuba ubone intsimbi ixutywe nodongwe oluthambileyo, kodwa inxalenye yabo iza komelela okwentsimbi. 42  Yaye njengokuba iinzwane ziyintsimbi exutywe nodongwe, obo bukumkani* buza kuba neendawo ezomeleleyo, zibekho nezithambileyo. 43  Njengokuba ubone intsimbi ixubene nodongwe olumanzi, nabo* baza kuxubana nabantu;* kodwa abazukuncamathelana, njengokuba nentsimbi ingancamathelani nodongwe. 44  “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uza kumisa ubukumkani*+ obungasoze butshatyalaliswe.+ Obu bukumkani* abuzukudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu.+ Buza kubutyumza bubuphelise bonke obunye ubukumkani,*+ buze bona buhlale bukho ngonaphakade,+ 45  njengoko wabonayo ukuba kwaqhekeka ilitye entabeni kungengazandla, laza latyumza intsimbi, ikopolo, udongwe, isilivere negolide.+ UThixo Ozukileyo umazisile ukumkani into eza kwenzeka kwixesha elizayo.+ Eli phupha liyinyaniso, yaye nentsingiselo yalo inokuthenjwa.” 46  Emva koko, uKumkani uNebhukadenetsare waqubuda phambi koDaniyeli, ebonisa imbeko. Wathi makanikwe isipho nesiqhumiso esiqholiweyo. 47  Ukumkani wathi kuDaniyeli: “Ngokwenene uThixo wenu nguThixo woothixo neNkosi yookumkani noMtyhili weemfihlelo, kuba wena ukwazile ukutyhila le mfihlelo.”+ 48  Emva koko ukumkani wamenza mkhulu uDaniyeli, wampha izinto ezininzi ezintle, wamenza umlawuli walo lonke iphondo laseBhabhiloni*+ nomphathi wazo zonke izilumko zalapho. 49  Ecelwe nguDaniyeli, ukumkani wenza uShadraki, uMeshaki noAbhednego+ abalawuli bephondo laseBhabhiloni,* kodwa yena uDaniyeli wasebenza endlini kakumkani.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “umoya wakhe.”
Oko kukuthi, iqela labantu abanobuchule bokuvumisa nokuvumisa ngeenkwenkwezi.
Okanye “liyandihlupha.”
UDan 2:4b ukuya kwisahluko 7:28 wayeqale wabhalwa ngesiAramiki.
Okanye kusenokwenzeka, “iindawo zokulahla inkunkuma; imfumba yelindle lezilwanyana.”
Okanye “kulo mhlaba womileyo.”
Okanye “ukususela ngonaphakade ukusa ngonaphakade.”
Ngokoqobo, “iingcinga zakho zajikwa, wacinga.”
Okanye “nodongwe olutshisiweyo (oluxonxiweyo).”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “nenzala yoluntu,” oko kukuthi abantu abaqhelekileyo.
Apha kubonakala kubhekiselwa kwabo bamelwa yintsimbi.
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “wayo yonke ingingqi yaseBhabhiloni.”
Okanye “bengingqi yaseBhabhiloni.”