Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Buza Kulawula Nini Emhlabeni UBukumkani BukaThixo?

Buza Kulawula Nini Emhlabeni UBukumkani BukaThixo?

Abanye abalandeli bakaYesu babefuna ukwazi ukuba buza kulawula nini uBukumkani bukaThixo. UYesu wabaxelela ukuba abasoze balazi elona xesha buza kulawula ngalo emhlabeni. (IZenzo 1:6, 7) Kodwa ke, wabaxelela ngezinto ezaziza kwenzeka ngexesha elinye, ezaziza kubonisa ukuba “uBukumkani bukaThixo busondele” nokuba lixesha lokuba buqalise ukulawula.—Luka 21:31.

ZIINTONI UYESU AWATHI ZIZA KWENZEKA?

UYesu wathi: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga, amazwe alwe namanye amazwe. Kuza kubakho iinyikima ezinkulu, kubekho indlala nezifo ezingubhubhani kwiindawo ngeendawo.” (Luka 21:10, 11) Njengokuba imigca eseminweni yomntu ikwazi ukubonisa ngokucacileyo ukuba ungubani, nezi zinto xa zisenzeka ngexesha elinye zaziza kubonisa ngokucacileyo ukuba “uBukumkani bukaThixo busondele.” Ngaba nyhani ke ezi zinto sezikhe zenzeka ngexesha elinye emhlabeni wonke? Masibone ubungqina.

1. IIMFAZWE

Ngo-1914, kwabakho imfazwe yehlabathi yokuqala enkulu, ekungazange kwabakho efana nayo ngaphambili. Abantu ababhala ngezinto ezenzeka kudala bathi izinto zaqala ukutshintsha ngo-1914 kuba kwabakho imfazwe yehlabathi yokuqala. Kuloo mfazwe, kwakukho iimoto zamajoni, iibhombu, iingadla-ngadla zemipu, iigesi eziyingozi, nezinye izixhobo ezibulalayo. Emva koko, kwabakho imfazwe yehlabathi yesibini, kuyo kwakukho izixhobo zenyukliya. Ukususela ngo-1914, abantu basoloko besilwa iimfazwe apha naphaya, ibe kusweleka iimiliyoni kuzo.

2. IINYIKIMA

IBritannica Academic ithi qho ngonyaka, kubakho iinyikima ezimalunga neziyi-100 ezenza “umonakalo omkhulu.” Kanti iUnited States Geological Survey ithi “xa kujongwa iinyikima eziye zabakho ukususela ngo-1900, siye silindele ukuba kuza kubakho iinyikima ezinkulu, mhlawumbi eziyi-16 qho ngonyaka.” Abanye bathi eyona nto yenza kube ngathi kukho iinyikima ezininzi ngoku, kukuba bayakwazi ukuzibona xa ziza kubakho nokuba ziza kuba ngakanani. Kodwa ke, iinyikima ezenzeka emhlabeni, zenza abantu abaninzi babe sentlungwini, abanye bade bafe.

3. UKUNQABA KOKUTYA

Ukutya kunqabe emhlabeni wonke ngenxa yokubakho kweemfazwe, abantu abazicingela bodwa baze baqhathe abanye, imozulu engaqhelekanga, nokungazikhathaleli kakuhle izityalo nemfuyo. “Xa bekujongwa unyaka ka-2018,” ingxelo YeWorld Food Programme yathi: “Emhlabeni, abantu abayi-821 miliyoni bayalamba, kanti bona abayi-124 miliyoni abanako tu ukutya.” Ukungafumani ukutya okusempilweni kwenze ukuba qho ngonyaka kusweleke abantwana abamalunga ne-3 miliyoni. Ngo-2011, phantse ihafu yonke yabantwana abaswelekileyo emhlabeni wonke babulawa kukungondleki.

4. IZIFO EZIBULALAYO

Incwadi yeWorld Health Organization ithi: “Ukususela ngo-2001, eyona nto ixhaphakileyo zizifo. Izifo zakudala ezinjengekholera neyellow fever (umkhuhlane onokuwufumana xa ulunywe ziingcongconi) zibuyile. Kukho nezinye izifo ngoku, inyumoniya eyingozi ekuthiwa yiSARS, umkhuhlane owosulelayo, iEbola, iZika nesifo ekuthiwa yiMERS esenza umntu akhohlele, ahambise, aze aphelelwe ngumoya.” Ubhubhani wekhorona sesinye isifo esisandobakho. Nangona oososayensi noogqirha bezazi kangaka izifo, abakwazi kuzinyanga zonke.

5. UMSEBENZI WOKUSHUMAYELA EMHLABENI WONKE

UYesu waphinda wabaxelela enye into ababeza kubona ngayo ukuba uBukumkani bukaThixo busondele. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga, emva koko sifike isiphelo.” (Mateyu 24:14) Nangona kukho iingxaki ezininzi emhlabeni, abantu abangaphezu kwe-8 miliyoni bashumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani kumazwe ayi-240, ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-1 000. Zange yenzeka into enjengale ngaphambili.

EZI ZINTO ZENZEKAYO ZIBONISA NTONI?

Kule mihla, kwenzeka kanye ezi zinto uYesu wayethetha ngazo. Kutheni sifanele sazi ukuba zibonisa ntoni ezi zinto zenzekayo? Kaloku uYesu wathi: “Xa nibona ezi zinto, ze nazi ukuba uBukumkani bukaThixo busondele.”—Luka 21:31.

Kungekudala, uBukumkani buza kwenza ukuthanda kukaThixo emhlabeni

Izinto uYesu awathi ziza kwenzeka, nokubalwa kwamaxesha aseBhayibhileni zisinceda siqonde ukuba uThixo wamisela uBukumkani bakhe ezulwini ngo-1914. a Ngelo xesha, wenza uNyana wakhe, uYesu Kristu ukuba abe nguKumkani. (INdumiso 2:2, 4, 6-9) Kungekudala, uBukumkani bukaThixo buza kulawula emhlabeni, bususe bonke oorhulumente babantu. Buza kuwenza ube yiparadesi umhlaba oza kuhlala abantu, baphile ubomi obungenasiphelo.

Kungekudala, ziza kwenzeka izinto uYesu awathi masizithandazele. Kaloku wathi xa sithandaza sithi: “Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Benze ntoni obu Bukumkani njengokuba baqalisa ukulawula ezulwini ngo-1914? Ziintoni esimele sizilindele xa uBukumkani bukaThixo bulawula emhlabeni wonke?

a Ukuze wazi ezinye izinto ngo-1914, ungafunda incwadi yamaNgqina kaYehova ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! kwisifundo 32.