Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukutshintsha Kwemozulu and Nexesha Elizayo—Ithini IBhayibhile?

Ukutshintsha Kwemozulu and Nexesha Elizayo—Ithini IBhayibhile?

 “Ukutshintsha kwemozulu kwenze ingxaki. Umhlaba awuseyondawo ilungileyo yokuphila ngoku sithethayo.

 Abantu baphila phantsi kwengxaki abazifake ngokwabo kuyo. Oososayensi abaninzi bayavuma ukuba ngaba abenze amaqondo obushushu onyuka kakhulu. Oku kwenyuka kwamaqondo obushushu kubangele ukuba imozulu itshintshe loo nto yenza kwakho iintlekele eziyingozi. Nazi ezinye zazo:

  •   Imozulu embi njengokonyuka kwamaqondo obushushu, ukunqaba kwemvula, imimoya ebhudlayo ebangele kwakho izikhukula nemililo emikhulu, ixhaphakile namhlanje.

  •   Ukunyibilika komkhenkce.

  •   Ukugcwala kolwandle.

 Le ngxaki yemozulu ikho kuzo zonke iindawo emhlabeni. Emva kokuthetha ngengxaki ekumazwe ayi-193, iphephandaba iNew York Times lathi: “Umhlaba ufuna uncedo.” Ukutshintsha kwemozulu kwenze abantu baneengxaki baza basweleka, ngoko iWorld Health Organization ithi le yeyona ngxaki inkulu kwimpilo yabantu.”

 Kodwa sinethemba lokuba izinto ziza kutshintsha kwixesha elizayo. IBhayibhile yayithethile ngezinto ezenzeka namhlanje, yachaza isizathu sokuba uThixo eza kungenelela nento aza kuyenza ukuze asikhusele.

Ngaba iBhayibhile yathetha ngokutshintsha kwemozulu?

 Ewe. IBhayibhile yatsho kwangaphambili ukuba imozulu iza kutshintsha ngenxa yokufudumala komhlaba.

 Isiprofeto: Uza “kutshabalalisa abo bonakalisa umhlaba.”—ISityhilelo 11:18.

 IBhayibhile yathi kuza kufika ixesha apho abantu beza kwenza izinto eziphantse ziwonakalise umhlaba. Ngenxa yokufudumala komhlaba, abantu namhlanje bawonakalisa kakhulu kunangaphambili.

 Esi siprofeto sichaza esinye sezizathu zokuba singena kulindela ukuba abantu bawusindise umhlaba. UThixo uza kungenelela kanye xa abantu ‘besonakalisa umhlaba.’ Abanye abantu baneenjongo ezintle futhi bafuna ukuphelisa ukutshintsha kwemozulu. Kodwa noba bangenza ntoni abazukwazi ukwenza abantu bayeke ukonakalisa umhlaba.

 Isiprofeto: “Kuza kubakho izinto ezoyikekayo.”—Luka 21:11.

 IBhayibhile yatsho kwangaphambili ukuba kuza kubakho “izinto ezoyikekayo,” ngexesha lethu. Ukutshintsha kwemozulu kwenze kwakho iintlekele zemvelo ezininzi emhlabeni. Namhlanje abantu boyika ukuba imozulu iza kuba mbi kangangokuba kungabikho mntu uphilayo emhlabeni.

 Isiprofeto: “Ngemihla yokugqibela kuza kufika amaxesha ekunzima ukuwanyamezela. Kuba abantu baza kuthanda iziqu zabo, bathande imali, . . . bangathembeki, . . . babe nenkani, . . . bajikele abahlobo babo, bangafuni kumamela mntu.”—2 Timoti 3:1-4.

 IBhayibhile yathetha ngeempawu zabantu nendlela abenza ngayo izinto eza kubangela ukutshintsha kwemozulu. Oorhulumente noosomashishini bathanda imali kakhulu kangangokuba abayikhathalelanga indlela abaza kuphila ngayo abantu kwixesha elizayo. Noba bangazama ukusebenza kunye kodwa soze bade bavumelane ngento abanokuyenza ukuze behlise ubushushu bomhlaba.

 Esi siprofeto sibonisa ukuba asifanelanga silindele ukuba abantu baza kuyeka ukonakalisa umhlaba. Kodwa iBhayibhile ithi, abantu abazicingela bodwa baza kuhambela phambili ebubini.”—2 Timoti 3:13.

Kutheni siqinisekile ukuba uThixo uza kungenelela?

 IBhayibhile ithi uYehova a uThixo, uMdali wethu, uwukhathalele umhlaba nabo bahlala kuwo. Nazi iivesi eziyi-3 zeBhayibhile ezibonisa ukuba uThixo uza kungenelela.

  1.  1. UThixo ‘akawudalelanga ukuba uhlale nje umhlaba, kodwa uwudalele ukuba kuhlalwe kuwo.’—Isaya 45:18.

     UThixo uza kuyenza into awayewudalele yona umhlaba. (Isaya 55:11) Akazukuvuma ukuba wonakaliswe okanye kungahlalwa kuwo.

  2.  2. “Umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo, ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi. Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:11, 29.

     UThixo uthembisa ukuba abantu baza kuphila emhlabeni ngonaphakade babe seluxolweni.

  3.  3. “Ke bona abenzi-bubi baza kususwa emhlabeni.”—IMizekeliso 2:22.

     UThixo uthembisa ukuba uza kuba susa abantu abaqhubeka besenza izinto ezimbi, nabo bawumoshayo umhlaba.

Into aza kuyenza uThixo kwixesha elizayo

 UThixo uza kuzenza njani izinto azithembisileyo kwixesha elizayo? Uza kusebenzisa urhulumente oza kulawula emhlabeni wonke obizwa ngokuba buBukumkani bukaThixo. (Mateyu 6:10) Obo Bukumkani buza kulawula busezulwini. Akuzukufuneka buvumelane noorhulumente babantu ngezinto ezenzeka emhlabeni nakwimozulu. Kodwa uBukumkani bukaThixo buza kuthatha indawo yoorhulumente babantu.—Daniyeli 2:44.

 UBukumkani bukaThixo buza kwenzela abantu izinto ezintle buphelise neengxaki zemozulu. (INdumiso 96:10-13) Nazi izinto uYehova uThixo aza kuzenza esebenzisa uBukumkani bakhe.

  •   Buza kwenza imozulu ibe ntle

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo, intlango iza konwaba ize ityatyambe.”—Isaya 35:1.

     Into ethethwa sesi sibhalo: UYehova uza kuwulungisa umhlaba, neendawo ezonakaliswe ngabantu.

  •   Buza kulawula imozulu embi

     Into ethethwa yiBhayibhile: “[UYehova] uzolisa isaqhwithi somoya, aze amaza olwandle athi cwaka.”—INdumiso 107:29.

     Into ethethwa sesi sibhalo: UYehova unamandla okulawula imozulu. Abantu abazukuphinda baphathwe kakubi yimozulu embi.

  •   Buza kufundisa abantu ukuba bawuphathe kakuhle umhlaba

     Into ethethwa yiBhayibhile: “Ndiza kukubonisa ndize ndikuyalele indlela omele uhambe ngayo.”—INdumiso 32:8.

     Into ethethwa sesi sibhalo: UYehova wanika abantu umsebenzi wokukhathalela umhlaba. (Genesis 1:28; 2:15) Uza kusifundisa indlela yokukhathalela indalo siphile ngendlela engazukuwumosha umhlaba.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Funda inqaku elithi, “Ngubani UYehova?