Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NOBRETT SCHENCK

“Andilithandabuzi Elokuba Ubomi Badalwa NguThixo”

“Andilithandabuzi Elokuba Ubomi Badalwa NguThixo”

UBrett Schenck sisazinzulu esidla umhlala-phantsi kwelaseMerika. Wafunda ngonxibelelwano olukhoyo phakathi kwezityalo, izilwanyana kunye nayo yonke enye indalo. Kutheni ekholelwa ukuba kukho uMdali? UVukani! uye wadlan’ indlebe kunye naye ngezenzululwazi nangesizathu sokuba enokholo kuMdali.

Khawusibalisele ngemvelaphi yakho!

Utata wayengumakhenikhi. Wayesoloko encokola nam ngezibalo nangezenzulu-lwazi. Ndiseyinkwenkwe, ndandizithanda gqitha izityalo kunye nezilwanyana ezazikwimilambo namadama awayekufutshane nasekhaya, kwidolophu yaseNew Paris, kwiphondo laseOhio eMerika. Ngenxa yoko ndaya kufunda ngendalo kwiYunivesithi yasePurdue.

Ngaba wawunomdla kunqulo?

Ewe. Utata wandikhuthaza ukuba ndiphande ngeCawa yethu yamaLuthere. Ndafunda nolwimi lwesiGrike, olunye lweelwimi eyayibhalwe ngazo iBhayibhile ekuqaleni. Ndandiyihlonipha gqitha iBhayibhile.

Yayithini imbono yakho ngemfundiso yokuzivelela kwezinto?

Ecaweni yam kwakusithiwa yinyaniso leyo. Nabantu endandisebenza nabo babeyikholelwa. Ngoko nam andizange ndikhe ndiyithandabuze. Kodwa ke ndandikholelwa kubukho bukaThixo. Ndandizixelela ukuba ezi mfundiso zimbini ziyahambelana. Nangona ndandiyihlonipha iBhayibhile, ndandisithi ayiveli kuThixo.

Yintoni eyakwenza wakholelwa ukuba iBhayibhile ivela kuThixo?

Ngenye imini, mna nomfazi wam uDebbie satyelelwa ngamaNgqina kaYehova amabini, uSteve nomfazi wakhe uSandy. Basibonisa ukuba iBhayibhile ichanile xa ithetha ngezinto zenzululwazi nangona ingeyoncwadi yezenzululwazi. Ngokomzekelo, ithi ngoThixo: “Kukho Lowo uhlala phezu kwesazinge somhlaba.” (Isaya 40:22) Kwakhona ithi: “Ihlabathi ulixhoma kokungento.” (Yobhi 26:7) Ngelo xesha ndandifunda ngendalo ndisebenzisa iifoto ezazifotwe ngezibonakude, ngoko ndamangaliswa gqitha koko kuthethwa zezi zibhalo. Kaloku zabhalwa kudala ngaphambi kokuba abantu bakwazi ukufota umhlaba baze babone ukuba usisazinge  yaye akukho nto uxhonywe kuyo. Njengoko mna nomkam sasifunda iBhayibhile, ndafunda ngeziprofeto ezazizalisekile, amacebiso aluncedo nezinye izinto ezandenza ndaneliseka. Ngoko ndaya ndikholelwa ukuba nyhani iBhayibhile liLizwi likaThixo.

Yintoni eyakwenza wakholelwa ukuba izinto eziphilayo zadalwa nguMdali?

USteve wandibonisa le vesi yeBhayibhile: “Wandula ke uYehova uThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba.” (Genesis 2:7) Sixelelwa ngokucacileyo ukuba umntu wokuqala wayevela phi. Le nto yandenza ndazibuza lo mbuzo: Ngaba iBhayibhile iyavumelana noko kuye kwafunyaniswa zezenzululwazi? USteve wandikhuthaza ukuba ndiphande ngalo mba, ibe ndenza kanye loo nto.

Wafunda ntoni ngokuzivelela kwezinto?

Izinto ezininzi. Makhe ndikuchazele ngenye yazo. Imfundiso yokuzivelela kwezinto izama ukuchaza imvelaphi yezinto eziphilayo. Imizimba yabantu neyezilwanyana ibunjwa ngamalungu asebenza ngendlela engummangaliso, njengentliziyo, amaphaphu namehlo. Kwakhona, xa uwapopola ngocoselelo la malungu, uya kufumanisa ukuba kukho neeseli ezenziwe ngendlela entsonkothileyo. Ngubani owenza ezi seli? Abantu ababambelele kuluvo lokuba izinto zabakho ngamabona-ndenzile bathi ezona seli zisebenza ngendlela egqwesileyo ziye zasinda ngenxa yokuba abantu nezinye izinto eziphilayo ezifumaneka kuzo ziye zakwazi ukumelana nezanzwili zexesha. Kodwa ke loo nto ayiwuphenduli lo mbuzo: Zivela phi ezo seli? Enye into endayifundayo kukuba izazinzulu ezininzi azikholelwa ukuba imfundiso yokuzivelela kwezinto iyawuphendula lo mbuzo. Omnye unjingalwazi wezifundo zezilwanyana wandixelela ngasese ukuba akakholelwa ukuba izinto zazivelela. Kodwa ke wathi akanakuze akhuphe nelimdaka kuba esoyika ukuphelelwa ngumsebenzi.

Ngaba ukufunda kwakho ngendlela esebenza ngayo indalo kukwenza ube nokholo nangakumbi?

Ewe! Kaloku umsebenzi wam wawufuna ndifunde ngendlela izinto eziphilayo ezixhomekeke ngayo enye kwenye. Emhlabeni zonke izinto eziphilayo zixhomekeke entweni ethile. Ngokomzekelo, makhe sithethe ngeentyatyambo neenyosi. Umbala, ivumba, incindi kunye nendlela ezikhula ngayo iintyatyambo izenza zibe nomtsalane kwiinyosi. Iinyosi zenziwe ngohlobo lokuba zifunxe incindi yezo ntyatyambo zize zihambe nembewu yazo ziyise kwezinye iintyatyambo ukuze kukhule ezingakumbi. Kuyacaca ukuba iintyatyambo neenyosi zenziwe ngohlobo lokuba zincedane ukuze ziqhubeke zikho.

‘Xa ndibona indlela obuqhubeka bukho ngayo ubomi emhlabeni, andithandabuzi ukuba badalwa nguThixo’

Xa sijonga indalo, sibona indlela emangalisayo izityalo nezilwanyana ezixhasana ngayo ukuze ziqhubeke zikho. Le ndalo sithetha ngayo ibunjwa ngamawakawaka eentlobo ezahlukahlukeneyo zezilwanyana, izityalo, iintsholongwane nezinye izinto. Zonke izilwanyana zitya izityalo yaye ziphefumla ioksijini, ukanti izityalo ezininzi zixhomekeke kwizilwanyana. Nangona yonke le nto intsonkothe ngeyona ndlela yaye nezinto eziphilayo eziyinxalenye yayo zibuthathaka, inokuqhubeka ikho kangangamawakawaka eminyaka. Naxa iye yonakaliswa lungcoliso lwendalo, xa loo nto ibibangela ungcoliso ingasekho, le nkqubo iyakwazi ukuphinda iqale phantsi kwakhona. Xa ndibona indlela obuqhubeka bukho ngayo ubomi emhlabeni, andithandabuzi ukuba badalwa nguThixo.

Kwakutheni ukuze ube liNgqina likaYehova?

Yayindikhathaza gqitha indlela abantu abayimosha ngayo indalo. Ndandisazi ukuba nangona ikwazi ukunyamezela ize iqhubeke ikho, kodwa inokutshatyalaliswa. AmaNgqina kaYehova andifundisa ukuba iZibhalo zithi uThixo uza ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’ (ISityhilelo 11:18) Loo mazwi ayebaluleke gqitha kum. Njengoko ndandiqhubeka ndifunda iBhayibhile, ndabona ukuba oko ithi kuza kwenzeka kuyinyaniso.

Ndiyakuthanda ukuxelela abanye ngezinto endizikholelwayo kwaye ndiye ndafundisa izazinzulu eziliqela iBhayibhile. Xa ndandineminyaka engama-55 ndathatha umhlala-phantsi nangona lalingekafiki ixesha, ukuze ndikwazi ukuchitha ixesha elingakumbi ndifundisa abantu ngoMdali wobomi nangeenjongo zakhe ngalo mhlaba wethu mhle kangaka.