Yeremiya 10:1-25

  • Oothixo beentlanga bathelekiswa noThixo ophilayo (1-16)

  • Kuza intshabalalo ibe baza kuthinjwa (17, 18)

  • UYeremiya uzilile (19-22)

  • Umthandazo womprofeti (23-25)

    • Umntu akanakwalathisa inyathelo lakhe (23)

10  Liveni ilizwi uYehova alithethileyo ngani, ndlu kaSirayeli.  Uthi uYehova: “Sanukufunda izinto ezenziwa ziintlanga,+Ningoyikiswa yimimangaliso yasezulwiniKuba isoyikwa ziintlanga.+   Kuba amasiko ezizwana awancedi nganto. Umkhandi olichule ugawula umthi ehlathini,Aze awenze isithixo ngesixhobo sakhe.+   Usihombisa ngesilivere nangegolide+Asibethelele ngehamile nezikhonkwane ukuze singahexi.+   Njengonomgogwana kwintsimi yetyhukhamba, ezi zithixo azikwazi kuthetha;+Zimele zithwalwe, kuba azikwazi kuhamba.+ Sanukuzoyika, kuba azinakunenzakalisa,Zingakwazi nokwenza okulungileyo.”+   Akukho mntu unjengawe, owu Yehova.+ Umkhulu, negama lakho likhulu yaye linamandla.   Ngubani na ofanele angakoyiki, owu Kumkani weentlanga,+ kuba kukufanele ukoyikwa;Kuba phakathi kwezilumko zonke zeentlanga naphakathi kwazo zonke izizwe zazo,Akukho namnye unjengawe.+   Azisebenzisi ngqondo yaye zizidenge.+ Umyalelo ovela emthini awuyonto.+   Kuziswa isilivere evela eTarshishe+ ekhandwe yangamacwecwe, negolide evela kwaUfazi,Umsebenzi womkhandi olichule nowezandla zomnyibilikisi. Isinxibo sazo singumsonto oluhlaza* noboya obumsobo.* Zonke zenziwa ngamachule. 10  Kodwa uYehova nguThixo ngokwenene. UnguThixo ophilayo+ noKumkani ngonaphakade.+ Ngenxa yokucaphuka kwakhe umhlaba uza kunyikima,+Yaye akukho zintlanga ziza kukwazi ukunyamezela umsindo wakhe. 11  Nantsi into omele uyithethe kuzo: “Oothixo abangawenzanga amazulu nomhlabaBaza kutshabalala emhlabeni naphantsi kwala mazulu.”+ 12  NguMenzi womhlaba ngamandla akhe,Lowo wenza ilizwe elinemveliso ngobulumko bakhe+Nowolula amazulu ngokuqonda kwakhe.+ 13  Xa elenza livakale ilizwi lakhe,Amanzi asezulwini ayayaluzela,+Yaye ubangela ukuba amafu anyuke* evela kwezona ndawo zikude emhlabeni.+ Imvula uyenzela umbane,Yaye ukhupha umoya koovimba bakhe.+ 14  Wonke umntu uziphethe njengomntu ongacingiyo nongenalwazi. Wonke umnyibilikisi uza kuhlaziswa ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+Kuba imifanekiso yakhe yesinyithi ibubuxoki,Yaye akukho bomi kuyo.+ 15  Ayincedi nganto,* ingumsebenzi oyintlekisa.+ Xa kufika imini yokuphenduliswa kwayo, iza kutshabalala. 16  Lowo usiSabelo sikaYakobi akafani nezi zinto,Kuba nguye owadala yonke into,Yaye uSirayeli ungumsimelelo welifa lakhe.+ Igama lakhe nguYehova wemikhosi.+ 17  Qokelela umthwalo wakho emhlabeni,Wena mfazi ohleli kwindawo erhangqiweyo. 18  Kuba uthi uYehova: “Ngoku ndibaphosela ngaphandle abemi bomhlaba,+Yaye ndiza kubenza babe sentlungwini.” 19  Ndisentlungwini ngenxa yokuwa kwam!*+ Inxeba lam alinakuphiliswa. Yaye mna ndithe: “Ngokuqinisekileyo sisifo sam esi, ibe ndimele ndisithwale. 20  Intente yam idiliziwe, neentambo zentente yam ziqhawulwe zonke.+ Oonyana bam bandishiyile yaye abasekho.+ Akusekho mntu utwabulula intente yam, okanye umisa amalaphu ayo. 21  Kuba abelusi benza izinto bengasebenzisi ngqondo,+Yaye ababuzanga kuYehova.+ Yiyo le nto bengenzanga ngobulumko,Yaye yonke imihlambi yabo ithe saa.”+ 22  Mamela! Ingxelo! Iyeza! Izingqi ezikhulu ezivela kwilizwe lasemntla,+Ukuze kwenziwe izixeko zakwaYuda zingabi namntu, zibe yindawo yoodyakalashe.+ 23  Ndazi kakuhle, owu Yehova, ukuba umntu akakwazi ukuyilawula indlela yakhe. Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.+ 24  Ndilungise Yehova, ngomgwebo,Kodwa kungekhona ngomsindo wakho,+ ukuze unganditshabalalisi.+ 25  Khuphela umsindo wakho ezintlangeni eziye azakuhoya,+Nakwiintsapho ezingabiziyo egameni lakho. Kuba zimdle zamgqiba uYakobi,+Ewe, zimdle zamgqiba de zamtshabalalisa,+Zaza zalitshabalalisa ilizwe lakhe.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “oblu.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “umphunga unyuke.”
Okanye “Ingumphunga.”
Okanye “ngenxa yokwaphuka kwam.”