Yeremiya 29:1-32

  • Iileta zikaYeremiya eziya kubathinjwa abaseBhabhiloni (1-23)

    • USirayeli uza kubuya emva kweminyaka eyi-70 (10)

  • Umyalezo oya kuShemaya (24-32)

29  La ngamazwi eleta eyathunyelwa ngumprofeti uYeremiya eseYerusalem, kuwo onke amadoda amakhulu aphakathi kwabo bathinjiweyo, ababingeleli, abaprofeti nabo bonke abantu uNebhukadenetsare awabathatha eYerusalem wabasa ekuthinjweni eBhabhiloni,  emva kokuba uKumkani uYekoniya+ nomama wakhe,*+ amagosa enkundla, iinkosana zakwaYuda naseYerusalem, abakhandi abangamachule nabantu abasebenza ngesinyithi* bephumile eYerusalem.+  Wayithumela ngoElasa unyana kaShafan+ noGemariya unyana kaHilekiya, ababethunyelwe nguKumkani uZedekiya+ wakwaYuda eBhabhiloni, kuKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni. Yayisithi:  “Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli kubo bonke abathinjwa endiye ndabangela ukuba bathinjwe eYerusalem basiwe eBhabhiloni,  ‘Yakhani izindlu, nihlale kuzo. Limani iigadi, nitye isiqhamo sazo.  Zithatheleni abafazi, nibe noonyana neentombi; thathelani oonyana benu abafazi, nendise neentombi zenu ukuze nazo zibe noonyana neentombi. Yandani apho, ningacutheki.  Zamani ukuba kubekho uxolo kwisixeko endinenze nathinjelwa kuso, nize nisithandazele kuYehova, kuba xa kukho uxolo kuso, nani niza kuba seluxolweni.+  Kuba uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Ningavumi ukuqhathwa ngabaprofeti benu nabavumisi abaphakathi kwenu,+ ningawamameli namaphupha abo.  Kuba ‘baniprofetela ubuxoki egameni lam. Andibathumanga,’+ utsho uYehova.”’” 10  “Kuba uthi uYehova, ‘Xa kuphela iminyaka eyi-70, ndiza kunikhumbula,+ kwaye ndiza kuyenza into endinithembise yona ngokunibuyisela kule ndawo.’+ 11  “‘Kuba mna ndizazi kakuhle izinto endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘ndicinga ngoxolo, kungekhona intlekele,+ ukuze ndininike ithemba nekamva.+ 12  Ibe niza kundibiza, nize nithandaze kum, yaye ndiza kunimamela.’+ 13  “‘Niza kundifuna nize nindifumane,+ kuba niza kube nindifuna ngentliziyo yenu yonke.+ 14  Kwaye ndiza kunivumela ukuba nindifumane,’+ utsho uYehova. ‘Ndiza kubahlanganisa abathinjwa bakho ndize ndiniqokelele ndinikhuphe kuzo zonke iintlanga neendawo endinisasazele kuzo,’+ utsho uYehova. ‘Ibe ndiza kunibuyisela kwindawo endanenza nathinjwa nikuyo.’+ 15  “Kodwa niye nathi, ‘UYehova usivusele abaprofeti eBhabhiloni.’ 16  “Kuba uthi uYehova kukumkani ohleli etroneni kaDavide+ nakubo bonke abantu abahlala kwisixeko saseYerusalem, abantakwenu abangathinjwanga kunye nani, 17  ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Ndithumela kubo ikrele, indlala nesifo esingubhubhani,+ yaye ndiza kubenza babe njengamafiya* abolileyo* nangenakutyiwa ngenxa yokuba mabi kwawo.”’+ 18  “‘Ndiza kubaleqa ngekrele,+ ngendlala nesifo esingubhubhani, ndiza kubenza into eyoyikekayo nentlekele kuzo zonke izizwe zomhlaba,+ babe yinto eqalekisiweyo, into yokuthelwa nqa, into yokubethelwa umlozi,+ nento yokuhlekisa phakathi kwazo zonke iintlanga endibasasazela kuzo,+ 19  kuba abawamamelanga amazwi am endawathumela kubo ngabakhonzi bam abaprofeti,’ utsho uYehova, ‘ndibathumela ngokuphindaphindiweyo.’*+ “‘Kodwa khange nimamele,’+ utsho uYehova. 20  “Ngoko ke liveni ilizwi likaYehova, nonke nina bantu ndibasuse eYerusalem ndabenza bathinjelwa eBhabhiloni. 21  Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngoAhabhi unyana kaKolaya noZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam,+ ‘Ndibanikela kuKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni, kwaye uza kubaxabela nijongile. 22  Yaye into embi eyenzeka kubo kuza kuthethwa ngayo ngabo bonke abathinjwa bakwaYuda abaseBhabhiloni, besithi: “Akwaba uYehova angakwenza ube njengoZedekiya nanjengoAhabhi, abaqhotswa ngukumkani waseBhabhiloni emlilweni!” 23  kuba baye benza inyala kwaSirayeli,+ bekrexeza* nabafazi babamelwane babo, bethetha nobuxoki egameni lam, ndingabayalelanga.+ “‘“Ndim owaziyo, ibe ndilingqina,”+ utsho uYehova.’” 24  “Uze uthi kuShemaya+ wakwaNehelam, 25  ‘Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Ngenxa yokuba uthumelele bonke abantu abaseYerusalem iileta egameni lakho, nakuZefaniya+ unyana kaMahaseya, umbingeleli, nakubo bonke ababingeleli, usithi, 26  ‘UYehova ukwenze umbingeleli endaweni kaYehoyada umbingeleli, ukuze uphathe indlu kaYehova, uze ugade naliphi na igeza elizenza umprofeti, ulifake ezitokisini, ulifake nentsimbi entanyeni;+ 27  ke ngoku kutheni ungamkhalimelanga nje uYeremiya waseAnatoti,+ ozenza umprofeti kuni?+ 28  Kuba ude wasithumelela nathi eBhabhiloni, esithi: “Kuseza kuba kudala! Yakhani izindlu nihlale kuzo. Limani iigadi nitye isiqhamo sazo,+—”’”’” 29  Xa uZefaniya+ umbingeleli wayifundayo le leta uYeremiya umprofeti esiva, 30  kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya lisithi: 31  “Thumela kubo bonke abantu abathinjiweyo, uthi, ‘Uthi uYehova ngoShemaya wakwaNehelam: “Ngenxa yokuba uShemaya eniprofetele ndingamthumanga, ezame nokunenza nithembe ubuxoki,+ 32  uthi uYehova, ‘Ndiza kumkhumbula uShemaya wakwaNehelam nenzala yakhe. Akukho namnye kwindlu yakhe oza kusinda kwesi sizwana, ibe akazukuzibona izinto ezintle endiza kuzenzela abantu bam,’ utsho uYehova, ‘kuba ukhuthaze abantu ukuba bangamthobeli uYehova.’”’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “nabakhi beendonga zokukhusela.”
Okanye “nenenekazi.”
Okanye kusenokwenzeka, “adlabhukileyo.”
Okanye “njengamakhiwane.”
Ngokoqobo, “ndivuka ekuseni ndize ndibathumele.”
Ngokoqobo, “uNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.