Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi KaYeremiya

Izahluko

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • UYeremiya ukhethwa ukuba abe ngumprofeti (1-10)

    • Umbono womthi wom-amangile (11, 12)

    • Umbono wembiza (13-16)

    • UYeremiya womelezelwa umsebenzi wakhe (17-19)

  • 2

    • USirayeli ulahla uYehova aye kwabanye oothixo (1-37)

      • USirayeli ufaniswa nomthi weediliya wasemzini (21)

      • Iimpahla zakhe zinamabala egazi (34)

  • 3

    • Indlela awexuke ngayo uSirayeli (1-5)

    • USirayeli noYuda banetyala lokukrexeza (6-11)

    • Kuthiwa mabaguquke (12-25)

  • 4

    • Ukuguquka kuzisa iintsikelelo (1-4)

    • Kuza intlekele ngasemntla (5-18)

    • UYeremiya ukhathazwa yintlekele ezayo (19-31)

  • 5

    • Abantu abafuni ukuqeqeshwa nguYehova (1-13)

    • Akuzukutshatyalaliswa ngokupheleleyo (14-19)

    • UYehova uphendulisa abantu (20-31)

  • 6

    • IYerusalem sele iza kurhangqwa (1-9)

    • UYehova ucatshukiswe yiYerusalem (10-21)

      • Kuthiwa “Kukho uxolo!” lube lungekho (14)

    • Ilizwe lasemntla lihlasela ngenkohlakalo (22-26)

    • UYeremiya uza kuba ngumvavanyi wesinyithi (27-30)

  • 7

    • Bacinga ukuba baza kuncedwa yitempile kaYehova (1-11)

    • Itempile iza kufana neShilo (12-15)

    • Bayagwetywa kuba bekhonza izithixo (16-34)

      • Kukhonzwa ‘uKumkanikazi Wamazulu’ (18)

      • Kubingelelwa ngabantwana eHinom (31)

  • 8

    • Abantu bakhetha indlela ethandwa ngabaninzi (1-7)

    • Asinakuba zizilumko ngaphandle kwelizwi likaYehova (8-17)

    • UYeremiya ulilela intlungu kaYuda (18-22)

      • “Akukho bhalsam na eGiliyadi?” (22)

  • 9

    • UYeremiya ukhathazeke kakhulu (1-3a)

    • UYehova uphendulisa uYuda (3b-16)

    • Kulilelwa uYuda (17-22)

    • Qhayisa ngokwazi uYehova (23-26)

  • 10

    • Oothixo beentlanga bathelekiswa noThixo ophilayo (1-16)

    • Kuza intshabalalo ibe baza kuthinjwa (17, 18)

    • UYeremiya uzilile (19-22)

    • Umthandazo womprofeti (23-25)

      • Umntu akanakwalathisa inyathelo lakhe (23)

  • 11

    • UYuda waphula isivumelwano sakhe noThixo (1-17)

      • Oothixo abaninzi njengezixeko (13)

    • UYeremiya ufaniswa netakane legusha eliza kuxhelwa (18-20)

    • UYeremiya uchaswa ngabantu bedolophu yakowabo (21-23)

  • 12

    • Isikhalazo sikaYeremiya (1-4)

    • Impendulo kaYehova (5-17)

  • 13

    • Ibhanti lelinen elonakeleyo (1-11)

    • Iingqayi zewayini ziza kuqhekezwa (12-14)

    • UYuda ongaguqukiyo uza kuthinjwa (15-27)

      • “UmKushi angalitshintsha na ibala lolusu lwakhe?” (23)

  • 14

    • Imbalela, indlala nekrele (1-12)

    • Kugwetywa abaprofeti bobuxoki (13-18)

    • UYeremiya uvuma izono zabantu (19-22)

  • 15

    • UYehova akazukuwutshintsha umgwebo wakhe (1-9)

    • Isikhalazo sikaYeremiya (10)

    • Impendulo kaYehova (11-14)

    • Umthandazo kaYeremiya (15-18)

      • Uvuya kuba etye amazwi kaThixo (16)

    • UYeremiya womelezwa nguYehova (19-21)

  • 16

    • UYeremiya akazukutshata, azile okanye aye ethekweni (1-9)

    • Bayohlwaywa baze babuyiselwe (10-21)

  • 17

    • Isono sikaYuda sibhaliwe (1-4)

    • Iintsikelelo zokuthembela ngoYehova (5-8)

    • Intliziyo enamaqhinga (9-11)

    • UYehova, ithemba likaSirayeli (12, 13)

    • Umthandazo kaYeremiya (14-18)

    • Ukugcina iSabatha ingcwele (19-27)

  • 18

    • Udongwe ezandleni zombumbi (1-12)

    • UYehova uyamfulathela uSirayeli (13-17)

    • Benzela uYeremiya iyelenqe; isicelo sakhe (18-23)

  • 19

    • UYeremiya kuthiwa makophule ingqayi yodongwe (1-15)

      • Kubingelelwa ngabantwana kuBhahali (5)

  • 20

    • UPashure ubetha uYeremiya (1-6)

    • UYeremiya akakwazi kuyeka ukushumayela (7-13)

      • Umyalezo kaYehova unjengomlilo ovuthayo (9)

      • UYehova unjengegorha eloyikekayo (11)

    • Isikhalazo sikaYeremiya (14-18)

  • 21

    • UYehova akasamkeli isicelo sikaZedekiya (1-7)

    • Abantu baza kukhetha ubomi okanye ukufa (8-14)

  • 22

    • Isigwebo esiya kookumkani abangalunganga (1-30)

      • Kuthethwa ngoShalum (10-12)

      • Kuthethwa ngoYehoyakim (13-23)

      • Kuthethwa ngoKoniya (24-30)

  • 23

    • Abalusi abalungileyo nabangalunganga (1-4)

    • Ukukhuseleka phantsi ‘kwehlumelo lobulungisa’ (5-8)

    • Kugwetywa abaprofeti bobuxoki (9-32)

    • “Umthwalo” kaYehova (33-40)

  • 24

    • Amafiya amahle namabi (1-10)

  • 25

    • UYehova uza kusebenzisa iintlanga, aze aphinde azitshabalalise (1-38)

      • Iintlanga ziza kusebenzela iBhabhiloni iminyaka eyi-70 (11)

      • Indebe yewayini yomsindo kaThixo (15)

      • Kusasazeka intlekele ezintlangeni (32)

      • Ababulewe nguYehova (33)

  • 26

    • UYeremiya kuthiwa uza kubulawa (1-15)

    • UYeremiya uyasindiswa (16-19)

      • Kucatshulwa kwisiprofeto sikaMika (18)

    • Umprofeti u-Uriya (20-24)

  • 27

    • Idyokhwe yeBhabhiloni (1-11)

    • Kuthiwa uZedekiya makanikezele kwiBhabhiloni (12-22)

  • 28

    • UYeremiya nomprofeti wobuxoki uHananiya (1-17)

  • 29

    • Iileta zikaYeremiya eziya kubathinjwa abaseBhabhiloni (1-23)

      • USirayeli uza kubuya emva kweminyaka eyi-70 (10)

    • Umyalezo oya kuShemaya (24-32)

  • 30

    • Kuthenjiswa ukuba baza kubuyiselwa baze baphiliswe (1-24)

  • 31

    • Abashiyekileyo bakwaSirayeli baza kuphinda bahlale kwilizwe labo (1-30)

      • URakeli ulilela abantwana bakhe (15)

    • Isivumelwano esitsha (31-40)

  • 32

    • UYeremiya uthenga intsimi (1-15)

    • Umthandazo kaYeremiya (16-25)

    • Impendulo kaYehova (26-44)

  • 33

    • Kuthenjiswa ukuba baza kubuyiselwa (1-13)

    • Ukukhuseleka phantsi ‘kwehlumelo lobulungisa’ (14-16)

    • Isivumelwano kunye noDavide nababingeleli (17-26)

      • Isivumelwano semini nesobusuku (20)

  • 34

    • Umgwebo oya kuZedekiya (1-7)

    • Saphuliwe isivumelwano esenza amakhoboka akhululeke (8-22)

  • 35

    • AmaRekabhi angumzekelo wokuthobela (1-19)

  • 36

    • UYeremiya uchaza ukuba makubhalwe ntoni emsongweni (1-7)

    • UBharuki ufunda umsongo ngokuvakalayo (8-19)

    • UYehoyakim utshisa umsongo (20-26)

    • Umyalezo uphinda ubhalwe kumsongo omtsha (27-32)

  • 37

    • AmaKhaledi aza kuphinda abuye (1-10)

    • UYeremiya uyabanjwa (11-16)

    • UZedekiya udibana noYeremiya (17-21)

      • UYeremiya unikwa isonka (21)

  • 38

    • UYeremiya uphoswa equleni (1-6)

    • UEbhedi-meleki uhlangula uYeremiya (7-13)

    • UYeremiya ucenga uZedekiya ukuba anikezele (14-28)

  • 39

    • Ukuwa kweYerusalem (1-10)

      • UZedekiya uyabaleka aze abanjwe (4-7)

    • UYeremiya uyakhuselwa (11-14)

    • UEbhedi-meleki uyasindiswa (15-18)

  • 40

    • UNebhuzaradan ukhulula uYeremiya (1-6)

    • Kukhethwa uGedaliya ukuba aphathe (7-12)

    • UGedaliya wenzelwa iyelenqe (13-16)

  • 41

    • UGedaliya ubulawa nguIshmayeli (1-10)

    • UIshmayeli ubaleka uYohanan (11-18)

  • 42

    • Abantu bacela uYeremiya ukuba abathandazele (1-6)

    • UYehova uphendula athi: “Sanukuya eYiputa” (7-22)

  • 43

    • Abantu abathobeli baze baye eYiputa (1-7)

    • UYehova uthetha noYeremiya eYiputa (8-13)

  • 44

    • Kuprofetwa ukuba amaYuda aza kwehlelwa yintlekele eYiputa (1-14)

    • Abantu abasihoyi isilumkiso sikaThixo (15-30)

      • Kukhonzwa ‘uKumkanikazi Wamazulu’ (17-19)

  • 45

    • Umyalezo kaYehova oya kuBharuki (1-5)

  • 46

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kweYiputa (1-26)

      • UNebhukadenetsare woyisa iYiputa (13, 26)

    • Kuthenjiswa uSirayeli (27, 28)

  • 47

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kwamaFilisti (1-7)

  • 48

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kukaMowabhi (1-47)

  • 49

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kwama-Amoni (1-6)

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kukaEdom (7-22)

      • UEdom akazukuphinda abe luhlanga (17, 18)

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kweDamasko (23-27)

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kweKedare neHatsore (28-33)

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kukaElam (34-39)

  • 50

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kweBhabhiloni (1-46)

      • Balekani niphume eBhabhiloni (8)

      • AmaSirayeli aza kubuyiswa (17-19)

      • Amanzi aseBhabhiloni aza komiswa (38)

      • IBhabhiloni ayizukuhlala mntu (39, 40)

  • 51

    • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kweBhabhiloni (1-64)

      • Ngequbuliso iBhabhiloni iza koyiswa ngamaMedi (8-12)

      • Incwadi iphoswa kumEfrate (59-64)

  • 52

    • UZedekiya ujikela iBhabhiloni (1-3)

    • UNebhukadenetsare urhangqa iYerusalem (4-11)

    • Kutshatyalaliswa isixeko netempile (12-23)

    • Abantu bathinjelwa eBhabhiloni (24-30)

    • UYehoyakin ukhululwa ejele (31-34)